IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/97 iphe. 3-6
  • Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubuyela Kukhokelela Kwizifundo ZeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Qiniseka Ukuba Uyabuyela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Kufunwa Izifundo ZeBhayibhile Ezingakumbi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Khulisa Umdla Ngokwenza Amabuyelo Ngokuphumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 3/97 iphe. 3-6

Qweba Inkalipho Ukuze Ubuyele

1 Ngaba uyakunandipha ukubuyela? Uninzi lwabavakalisi luyakunandipha. Mhlawumbi wawumadolw’ anzima ekuqaleni, ingakumbi xa ubuyela kubaninimzi ababebonise nje umdla ongephi xa wawuqala ukudibana nabo. Kodwa ukuba ‘uqweba inkalipho ngoThixo wethu ukuze uthethe iindaba ezilungileyo’ xa ubuyela, usenokumangaliswa yindlela onokuba lula nonokuba nemivuzo ngayo lo msebenzi. (1 Tes. 2:2) Njani?

2 Phakathi kwezinye izinto, kukho umahluko omkhulu phakathi kwebuyelo notyelelo lokuqala. Ubuyela kumntu omqhelileyo, kungekhona kumntu ongamaziyo, yaye kudla ngokuba lula ukuncokola nomntu omqhelileyo kunomntu ongamaziyo. Ngokuphathelele imivuzo etyebileyo ebangelwa kukuba nesabelo kulo msebenzi, ukubuyela kunokukhokelela kwizifundo zeBhayibhile ezinempumelelo.

3 Xa sikwindlu ngendlu, siquqa kubantu ababengenamdla xa sasibatyelele kwixa elidluleyo. Kutheni siqhubeka sibuyela nje? Siyazi ukuba iimeko zabantu ziyaguquguquka yaye umntu owayebonakala engenamdla okanye owada wachasa kutyelelo oludluleyo usenokuba nomdla xa sibuya kwixa elizayo. Ekubeni sicinga ngoko, silungiselela kakuhle size sithandazele intsikelelo kaYehova ukuze esikuthethayo ngeso sihlandlo kuvuselele umdla.

4 Ukuba sithi xa sikwindlu ngendlu, sishumayele ngokuvumayo kubantu abangazange babonakalise kwaumdla kwixa elidluleyo, ngaba asifanele sibuyele ngokuvumayo ngakumbi kuye wonk’ umntu obonakalise umdla othile kwisigidimi soBukumkani?—IZe. 10:34, 35.

5 Uninzi lwethu lusenyanisweni namhlanje ngenxa yokuba umvakalisi othile wayebuyela kuthi engadinwa. Ukuba nawe ungomnye waba, usenokuzibuza: ‘Yintoni endayityala engqondweni yala mvakalisi ekuqaleni? Ngaba ndasamkela zisuka nje isigidimi soBukumkani xa ndandiqala ukusiva? Ngaba kungenzeka kuthi kanti ndabonakala ndingenamdla?’ Kufanele kusivuyise ukuba loo mvakalisi wabona kufanelekile ukubuyela kuthi, ‘waqweba inkalipho ngoThixo,’ wabuyela, waza waqhubeka esifundisa inyaniso. Kuthekani ngabantu ababonakalisa umdla othile ekuqaleni kodwa bathi kamva basibaleke? Kubalulekile ukuba nesimo sengqondo esivumayo, njengoko la mava alandelayo ebonisa.

6 Ngoxa babenikel’ ubungqina esitratweni ngenye intsasa, abavakalisi ababini badibana nenenekazi eliselula likhwelise umntwana kwiprem. Eli bhinqa lalamkela iphephancwadi laza labacela aba dade ukuba baye kwikhaya lalo kwiCawa ezayo. Bafika kanye ngexesha ababelimisile, kodwa umninimzi wabaxelela ukuba akanaxesha lakuncokola. Phofu ke, wabathembisa ukuba uza kufumaneka kwiveki ezayo. Aba dade babengaqinisekanga ukuba wayeza kusigcina isithembiso sakhe, kodwa bafika eli nenekazi libalindile. Kwaqaliswa isifundo, ibe eli bhinqa lenza inkqubela ngendlela engummangaliso. Ngethutyana nje elingephi, laqalisa ukuya kwiintlanganiso rhoqo nokuya kwinkonzo yasentsimini. Sithetha nje libhaptiziwe.

7 Beka Isiseko Kutyelelo Lokuqala: Isiseko sebuyelo elinempumelelo sidla ngokubekwa kwakutyelelo lokuqala. Waphulaphule ngenyameko amagqabaza omninimzi. Akuxelela ntoni? Ngaba utyekele elunqulweni? Ngaba uxhalatyiswe yimicimbi yasekuhlaleni? Ngaba unomdla kwinzululwazi? kwimbali? kwimeko-bume? Ekuqukumbeleni utyelelo lwakho, usenokubuza umbuzo obangel’ umdla uze umthembise ukuxubusha impendulo yeBhayibhile wakubuya.

8 Ngokomzekelo, ukuba umninimzi uyasabela kwidinga leBhayibhile ngomhlaba oyiparadesi, kusenokuba kuhle ukuwuxubusha ngokubhekele phaya lo mbandela. Ngaphambi nje kokuba uhambe, usenokubuza: “Sinokuqiniseka njani ukuba uThixo uza kulizalisekisa eli dinga?” Yandula ke wongezelele: “Mhlawumbi ndinokudlula xa intsapho yonke isekhaya, ndize ke ndikubonise impendulo yeBhayibhile kulo mbuzo.”

9 Ukuba akukho mbandela abonakalise umdla kuwo umninimzi, usenokuphakamisa omnye wemibuzo ekwiintshumayelo eziboniswe ngasemva kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani uze uwusebenzise ukutshayelela ingxubusho yakho elandelayo.

10 Gcina Iingxelo Ezibhaliweyo Ezichanileyo: Ingxelo yakho yendlu ngendlu ifanele ichane yaye iphelele. Bhala igama nekhelingi yomninimzi ngokukhawuleza nje emva kokuba umkile apho. Musa ukuyiqikelela inombolo yendlu okanye igama lesitrato—yihlole loo nkcazelo ukuze uqiniseke ukuba ichanile. Bhala ingcombolo ngaloo mntu. Bhala umbandela ebeniwuxubusha, izibhalo enizifundileyo, nalo naluphi na uncwadi olushiyileyo nombuzo oza kuwuphendula ekubuyeni kwakho. Quka usuku nexesha lotyelelo lokuqala nexesha othe uza kubuya ngalo. Yakuba ke iphelele ingxelo yakho, musa ukuyilahla! Yibeke kwindawo ekhuselekileyo ukuze ube nokubhekisela kuyo kamva. Hlala ucinga ngaloo mntu nangendlela oya kulusingatha ngayo utyelelo kwixa elizayo.

11 Lwazi Usukelo Lwakho: Okokuqala, ngokuba nobubele nobuhlobo, yenza unako-nako ukumenza umninimzi akhululeke. Mbonise ukuba unomdla kuye njengomntu, ngaphandle kokumgocagoca. Okulandelayo, mkhumbuze ngawo nawuphi na umbuzo owubuze kutyelelo oludluleyo. Phulaphula ngenyameko kuluvo lwakhe, uze uvakalise uxabiso olungazenzisiyo ngamagqabaza akhe. Yandula ke, umbonise isizathu sokuba imbono yeBhayibhile ibe sengqiqweni. Ukuba kunokwenzeka, mbonise ingongoma eyelelene naleyo kwincwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Mayikhanye engqondweni yakho into yokuba usukelo lwakho oluphambili kwibuyelo kukuqalisa isifundo seBhayibhile.

12 Indlela engqale ngayo incwadi ethi Ulwazi iye yakhuthaza abaninzi kuthi ukuba ‘baqwebe inkalipho’ kwizifundo zeBhayibhile ukuze bazikhuthaze ziye kwiintlanganiso zize zinxulumane nentlangano kaYehova. Kudala, sasidla ngokulinda de abantu bafunde ixesha elidana ngaphambi kokubamema ukuba banxulumane nathi. Ngoku, izifundo ezininzi ziya kwiintlanganiso ngokukhawuleza nje zakuba ziqalisile ukufundisisa, yaye ngenxa yoko zenza inkqubela ngokukhawuleza.

13 Esinye isibini sanikela ubungqina obungacwangciswanga kumntu esisebenza naye. Xa wabonakalisa umdla enyanisweni, sacela ukumqhubela isifundo seBhayibhile kwincwadi ethi Ulwazi. Kwangaxeshanye, samxelela ukuba ufanele aye kwiintlanganiso, apho uninzi lwemibuzo yakhe lwaluza kuphendulwa khona. Lo mfo akazange aphelele nje ekusamkeleni ngothakazelelo isicelo saso sesifundo kodwa wakwafundisisa kabini ngeveki waza waqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani.

14 Sebenzisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?: KwiNdibano YeSithili “Yabathunywa Boxolo Lobuthixo,” sifumene incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Le ncwadana inemifanekiso iluncedo ekuqaliseni izifundo zeBhayibhile nabantu aboyik’ uThixo enoba ingakanani na imfundo yabo. Yenzelwe ufundisiso, igubungela iimfundiso zeBhayibhile ezisisiseko. Le mpapasho iya kuba sisixhobo esinempumelelo gqitha ekudluliseleni ulwazi ngoThixo. Inyaniso iyicacisa kakuhle nangokulula kangangokuba phantse ngamnye kuthi uya kukwazi ukuyisebenzisa ekufundiseni abanye izinto ezifunwa nguThixo. Mhlawumbi, abavakalisi abaninzi baya kuba nelungelo lokuqhuba isifundo seBhayibhile ngale ncwadana inemifanekiso.

15 Abanye abantu abavakalelwa kukuba abanalo ixesha lokufundisisa incwadi ethi Ulwazi banokukuvuyela ukufundisisa ngokufutshane incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Baya kuvuyiswa koko bakufundayo! Kumaphepha nje amabini okanye amathathu, baya kufumana iimpendulo kwimibuzo abebejikajikana nayo abantu kangangeenkulungwane: Ngubani uThixo? Ngubani uMtyholi? Iyintoni injongo kaThixo ngomhlaba? Buyintoni uBukumkani bukaThixo? Unokulufumana njani unqulo lokwenyaniso? Nakuba nje le ncwadana inemifanekiso ichaza inyaniso ngendlela elula, isigidimi sayo sinamandla gqitha. Igubungela iingongoma eziphambili eziya kuhlolisiswa ngabadala nabantu abaza kubhaptizwa yaye inokuba ngumchankcatho wofundisiso olungakumbi lwencwadi ethi Ulwazi.

16 Xa utshayelela isifundo kwibuyelo, unokuthi: “Ngaba ubusazi ukuba ngokuzipha nje imizuzu embalwa, unokufumana impendulo kumbuzo obalulekileyo oseBhayibhileni?” Yandula ke, ubuze umbuzo osekuqaleni kwesinye sezifundo zale ncwadana inemifanekiso. Ngokomzekelo, ukuba ubuyela kumntu okhulileyo, unokuthi: “Siyazi ukuba uYesu wayebaphilisa abantu kudala. Kodwa kwixa elizayo, yintoni uYesu aya kuyenzela abagulayo? abalupheleyo? abafileyo?” Iimpendulo zifumaneka kwisifundo 5. Umntu otyekele elunqulweni usenokuchukunyiswa ngulo mbuzo: “Ngaba uThixo uyayiphulaphula yonke imithandazo?” Wona uphendulwe kwisifundo 7. Kanti amalungu entsapho aya kufuna ukwazi ukuba: “Yintoni uThixo ayifunayo kubazali nakubantwana?” Aya kuphenduleka njengoko efundisisa isifundo 8. Eminye imibuzo yile: “Ngaba abafileyo banokubenzakalisa abaphilayo?” ucaciswe kwisifundo 11; “Kutheni kukho iinkonzo ezininzi kangaka ezithi zezamaKristu?” uxutyushwa kwisifundo 13; nothi “Yintoni omele uyenze ukuze ube ngumhlobo kaThixo?” wona uphendulwe kwisifundo 16.

17 Nceda Abo Bathetha Olunye Ulwimi: Kuthekani ngabaninimzi abathetha olunye ulwimi? Ukuba kunokwenzeka, bafanele bafundiswe ngolwimi abalwazi kakuhle. (1 Kor. 14:9) Nika umveleli wenu wenkonzo igama nekhelingi yomntu onomdla, nayo nayiphi na ingcombolo eyimfuneko. Yena uya kufuna ibandla okanye iqela elithetha olo lwimi lwasemzini kuloo ndawo ukuze lincede loo mntu unomdla. Le ngcombolo ifanele ithunyelwe kuMbutho kuphela xa lingafumaneki ibandla elifanelekileyo. Ukuba akukho bandla okanye iqela elikufutshane yaye akukho bavakalisi ekuhlaleni abanokuthetha olo lwimi lomninimzi, loo mvakalisi unokuzama ukufundisisa naloo mninimzi, esebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo ngolwimi lwakhe nolwaloo mninimzi.

18 Omnye umvakalisi ontetho isisiNgesi waqalisa isifundo nendoda entetho isisiVietnam kunye nomfazi wayo, ontetho isisiThai. Ebudeni besi sifundo kwakusetyenziswa iimpapasho neeBhayibhile zesiNgesi, zesiVietnam nesiThai. Nangona ulwimi lwalulucelomngeni ekuqaleni, lo mvakalisi ubhala athi: “Inkqubela yokomoya yesi sibini yenzeke ngephanyazo. Siye sayibona imfuneko yokuqalisa ukuya kwiintlanganiso kunye nabantwana baso ababini, yaye rhoqo ebusuku bafunda iBhayibhile njengentsapho. Intwazana yaso eneminyaka emithandathu ubudala iqhuba esayo isifundo seBhayibhile.”

19 Xa ufundisisa nabantu abathetha olunye ulwimi, musa ukukhawulezisa xa uthetha, wabize ngokucacileyo amagama uze usebenzise amagama namabinzana alula. Noko ke, khumbula ukuba, abantu abathetha olunye ulwimi bafanele baphathwe ngesidima. Abafanele baphathwe oku kweentsana.

20 Yisebenzise kakuhle imifanekiso emihle ekwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Ekubeni “umfanekiso uqulethe inkcazelo eninzi kunamazwi,” intaphane yemifanekiso ekule ncwadana iya kuthetha lukhulu kumninimzi. Mcele afunde izibhalo kweyakhe iBhayibhile. Ukuba eso sifundo sinokuqhutywa ngexesha laxa likho ilungu lentsapho elilwaziyo ulwimi lwasekuhlaleni elikulungeleyo ukutolika, ngokuqinisekileyo oko bekuya kuba yingenelo.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMeyi 1984, iphepha 8.

21 Buyela Ngokukhawuleza: Ufanele ubuyele emva kwexesha elingakanani? Bambi abavakalisi babuyela nje emva kosuku okanye kwiintsuku ezimbini. Kanti abanye babuyela kwangaloo mini! Ngaba kusekutsha gqitha ngelo xesha? Ngokuqhelekileyo, oko kubonakala kungabakhathazi abaninimzi. Kudla ngokuba ngumvakalisi obuyelayo ekufuneka ahlakulele isimo sengqondo esivumayo kunye nentwana yenkalipho. Khawuqwalasele la mava alandelayo.

22 Umvakalisi oneminyaka eli-13 ubudala wayekwindlu ngendlu ngenye imini xa wabona amabhinqa amabini ehamba kunye. Wathi akukhumbula ukhuthazo lokushumayela ebantwini naphi na apho bakhoyo, waya kula mabhinqa esitratweni. Abonakalisa umdla kwisigidimi soBukumkani, yaye ngalinye kuwo lamkela incwadi ethi Ulwazi. Lo mzalwana uselula wathabatha iikhelingi zawo, wabuyela kwiintsuku ezimbini kamva, waza waqalisa isifundo seBhayibhile nalo ngalinye kuwo.

23 Omnye udade uye alungiselele ukubuyela kwiveki elandelayo. Kodwa kusuku olunye okanye kwiintsuku ezimbini, uye adlule kumninimzi ukuze amnike iphephancwadi elingombandela abebexubushe ngawo kwixa elidluleyo. Umxelela oku umninimzi: “Ndibone eli nqaku ndaza ndacinga ukuba uya kukuthanda ukulifunda. Namhlanje andihlalanga, kodwa ndiza kubuya ngoLwesithathu emva kwemini njengoko besigqibe ngolo hlobo. Lisakulungele phofu elo xesha?”

24 Xa umntu ebonakalisa umdla enyanisweni, sinokuqiniseka ukuba uya kujamelana nenkcaso ngeendlela ezahlukeneyo. Ukubuyela kwethu ngokukhawuleza emva kotyelelo lokuqala kuya kumomelezela ukumelana nayo yonke ingcinezelo ajamelana nayo evela kwizalamane, kubahlobo abasenyongweni nakwabanye.

25 Hlakulela Umdla Kwabo Ubafumana Kwiindawo Zikawonke Wonke: Uninzi lwethu luyakunandipha ukushumayela ezitratweni, kwiindawo zokumisa iinqwelo-mafutha, kwizithuthi zikawonke wonke, kwiindawo ezineevenkile, ezipakini, njalo njalo. Ukongezelela ekuhambiseni uncwadi, kufuneka sihlakulele umdla. Ukuze senjenjalo, sifanele senze umgudu wokuthabatha igama, ikhelingi, yaye ukuba kunokwenzeka, inombolo yomnxeba yomntu wonke onomdla esidibana naye. Akunzima njengokuba usenokucinga ukuthabatha le nkcazelo. Xa niqukumbela incoko, khupha incwadi yakho uze ubuze oku: “Ngaba ikho nayiphi na indlela esinokuthi siqhubeke ngayo nale ncoko ngelinye ixesha?” Okanye yithi: “Bendingathanda ukuba ufunde inqaku endiqinisekileyo ukuba uya kuba nomdla kulo. Ngaba ndingakuphathela lona ekhayeni okanye eofisini yakho?” Omnye umzalwana uye abuze athi: “Ndingakutsalela kweyiphi inombolo yomnxeba?” Uthi kwiinyanga ezintathu bonke ngaphandle kwabathathu bakuvuyela ukumnika inombolo yomnxeba.

26 Sebenzisa Umnxeba Ukuze Ufumane Umdla Uze Uwuhlakulele: Udade onguvulindlela usebenzisa umnxeba ukufikelela kubantu abahlala kwizakhiwo ezinqatyisiweyo. Ubuyela kwangolu hlobo. Kwisihlandlo sokuqala, uthi: “Ndiyazi ukuba akundazi. Ndenza umgudu okhethekileyo wokuqhagamshelana nabantu abakwindawo okuyo ukuze ndabelane nabo ngengongoma eseBhayibhileni. Ukuba unokundipha umzuzu nje omnye, bendiya kuthanda ukukufundela idinga elifumaneka kwi. . .” Emva kokufunda eso sibhalo, uthi: “Ngaba bekungayi kuba yinto entle ukubona elo xesha lifika? Ndikuthandile ukukufundela oku. Ukuba nawe ukuthandile, bendingathanda ukukutsalel’ umnxeba kwakhona ndize ndixubushe esinye isibhalo.”

27 Xa ephinda etsal’ umnxeba, ukhumbuza umninimzi ngencoko yabo edluleyo aze athi ebengathanda ukufunda ngokuphuma eBhayibhileni ukuba ziya kuba njani na iimeko xa ubungendawo bungasekho. Wandula ke axubushe ngokufutshane iBhayibhile kunye nomninimzi. Ngenxa yokuncokola izihlandlo ezininzi emnxebeni, bangama-35 abaye bammemela emakhayeni abo yaye uye waqalisa nezifundo zeBhayibhile zamakhaya ezisixhenxe! Ngaba kuba nzima kuwe maxa wambi ukubuyela kubantu abanomdla ebudeni beenyanga ezibandayo zobusika ngenxa yemozulu engentle okanye ukugula? Ukuba kunjalo, kutheni ungabatsalel’ umnxeba?

28 Buyela Kwabanomdla Obafumene Kwiindawo Ezinamashishini: Kubandakanyeke okungakumbi ekusebenzeni kwiivenkile ngeevenkile kunokuhambisa nje amaphephancwadi. Oonovenkile abaninzi banomdla ongazenzisiyo enyanisweni, yaye loo mdla umele uhlakulelwe. Kwezinye iimeko, nisenokuxubusha ngeBhayibhile okanye nide nifundisise kanye evenkileni. Kanti kwezinye iimeko, wena nomntu onomdla ninokukwazi ukudibana ngethuba lekhefu lasemini okanye ngelinye ixesha elifanelekileyo.

29 Omnye umveleli ohambahambayo watyelela umnikazi wesirhoxo esithengisa ukutya waza wacela ukumbonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile. Xa wabuzayo ukuba oko kuza kuthabatha ixesha elingakanani, umveleli ohambahambayo wathi kuza kuthabatha nje imizuzu eli-15. Wathi akutsho, unovenkile waxhoma umqondiso emnyango owawusithi: “Yizani Emva Kwemizuzu Engama-20,” watsala izihlalo ezibini, baza bobabini baxubusha iziqendu ezihlanu zokuqala zencwadi ethi Ulwazi. Lo mfo unyanisekileyo wachukunyiswa koko wakufundayo kangangokuba waya kwiNtetho Yesidlangalala nakwiSifundo SeMboniselo ngaloo Cawa waza wavuma ukuqhubeka nesifundo kwiveki elandelayo.

30 Xa utshayelela isifundo kwiindawo ezinamashishini, usenokuthi: “Ukukubonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile kuthabatha nje imizuzu eli-15. Ukuba kulungile, ndingakuvuyela ukukubonisa indlela esikwenza ngayo oko.” Yandula ke, ulibambe ixesha. Ukuba kunzima ukuba nengxubusho ende kwindawo eneshishini, kunokuba bhetele ukutyelela unovenkile kwikhaya lakhe.

31 Buyela Kwanaxa Ungahambisanga Luncwadi: Sifanele sibuyele kwanaxa kukho intlantsana yomdla, enoba sihambise uncwadi okanye akunjalo. Kambe ke, ukuba kuyacaca ukuba umninimzi akanamdla ngokwenene kwisigidimi soBukumkani, kuhle ukuzama ndaweni yimbi.

32 Kwindlu ngendlu, omnye udade wadibana nenenekazi elalinobuhlobo gqitha kodwa elingazange liwamkele amaphephancwadi. Lo mvakalisi ubhala athi: “Kangangeentsuku ezininzi ndandicinga ngalo ndaza ndagqiba ekubeni ndiphinde ndithethe nalo.” Ekugqibeleni, lo dade wathandaza, wakhalipha, waza wankqonkqoza kumnyango weli nenekazi. Into eyamvuyisayo kukuba umninimzi wathi makangene. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile, yaye saphinda saqhutywa kusuku olulandelayo. Ekuhambeni kwexesha, umninimzi wayamkela inyaniso.

33 Ceba Kwangaphambili Ukuze Uphumelele: Kunconyelwa ukuba kuchithwe ixesha elithile veki nganye ekubuyeleni. Kuninzi okunokwenziwa xa kucetywa kakuhle. Dwelisa amabuyelo akwindawo enye oza kusebenza kuyo kwindlu ngendlu. Xa lisebenzisa inqwelo-mafutha, iqela lifanele lihlale lilincinane ukuze umntu ngamnye abe nethuba elininzi lokubuyela. Umqhubi ufanele ayazi kusengaphambili indawo enamabuyelo ukuze kuphetshwe ukube kujikelezwa ngesithuthi ngokungeyomfuneko.

34 Abo baba nempumelelo ekubuyeleni nasekuqaliseni izifundo zeBhayibhile zamakhaya bathi kubalulekile ukubonakalisa umdla wobuqu nongazenzisiyo ebantwini nokuhlala ucinga ngabo kwanasemva kokuba ubuyele kubo. Kwakhona kubalulekile ukuza unombandela obangel’ umdla oseBhayibhileni oza kuwuxubusha uze utshayelele ukubuyela ngaphambi kokuba uhambe kutyelelo lokuqala. Ngokubhekele phaya, kubalulekile ukubuyela ngokukhawuleza ukuze ugcine loo mdla. Hlala ulukhumbula usukelo lokuqalisa isifundo seBhayibhile.

35 Olona phawu lubalulekileyo ukuze siphumelele kumsebenzi wokubuyela yinkalipho. Lufumaneka njani? Umpostile uPawulos uphendula ngokuthi ‘siqweba inkalipho’ ukuze sivakalise iindaba ezilungileyo kwabanye “ngoThixo wethu.” Ukuba ufuna ukuba nenkqubela kule nkalo, thandaza kuYehova ucele uncedo. Wandule ke, uthi ngokuvisisana nemithandazo yakho, ubuyele kubo bonke abanomdla. Ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyisikelela imigudu yakho!

[Box on page 3]

Indlela Yokuba Nempumelelo Ekubuyeleni

■ Yiba nomdla wobuqu nongazenzisiyo ebantwini.

■ Khetha umbandela obangel’ umdla oseBhayibhileni oza kuwuxubusha.

■ Lutshayelele utyelelo ngalunye olulandelayo.

■ Hlala ucinga ngalo mntu emva kokuba umshiyile.

■ Buyela emva kosuku okanye kweentsuku ezimbini ukuze ugcine loo mdla.

■ Khumbula ukuba usukelo lwakho kukuqalisa isifundo seBhayibhile.

■ Thandazela uncedo ukuze uqwebe inkalipho kulo msebenzi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share