Khulisa Umdla Ngokwenza Amabuyelo Ngokuphumelelayo
1 Yonke intetho elungiselelwe kakuhle iquka intshayelelo evus’ umdla, isiqu esinenkcazelo nomqukumbelo oshukumisela kwisenzo esithile. Intshayelelo ithimba ingqalelo yabaphulaphuli, kodwa ngaphandle kwesiqu nomqukumbelo, intetho ayinakuba yepheleleyo. Kusebenza umgaqo ofanayo kubulungiseleli bethu. Kuyinto entle ukuvus’ umdla womninimzi kutyelelo lokuqala, kodwa simele sihlale siwukhulisa umdla obonakaliswe ekuqaleni ngokwenza amabuyelo ngokuphumelelayo.
2 Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka? Hayi indlela oxhokonx’ ingcinga ngayo loo mbuzo! Ngaba akuvumi ukuba abantu abaninzi namhlanje bayacinga ngalo mbandela? Kungenxa yeso sizathu le nto, kwinqaku elingasentla, kuye kwacetyiswa ukuba ekuqukumbeleni utyelelo lokuqala ubuze lo mbuzo unenjongo yokuwuphendula xa ubuyela.
3 Usenokuthi:
◼ “Bhota. Ukugqibelana kwethu ukuthetha, kuye kwavela umbandela ongokuvumela kukaThixo ukubandezeleka, yaye ndiye ndathembisa ukubuya ukuze ndikuphathele inkcazelo. Abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ukuba ngokwenene uThixo usikhathalele, ebeya kukuphelisa konke ukubandezeleka. Mhlawumbi nawe ukhe uvakelelwe ngaloo ndlela. [Vumela umninimzi ukuba aphendule.] IBhayibhile isiqinisekisa ukuba ngokwenene uThixo usikhathalele. [Funda eyoku-1 kaYohane 4:8.] UThixo unezizathu ezilungileyo zokuvumela ukubandezeleka kuqhubeke kude kube ngoku. Esinye sezo zizathu sicaciswe kweyesi-2 kaPetros 3:9. [Funda.] Ezinye izizathu zandlalwe kule ncwadana inemifanekiso.” Yandula utyhile kwiphepha 15 lencwadana enemifanekiso ethi “Uyabona! Izinto Zonke Ndizenza Ntsha” uze uxubushe ngengongoma ebangel’ umdla.
4 Abanye abaninimzi basenokuba nomdla kwingcaciso ecokiseke ngakumbi, yaye kusenokufuneka ubuyele kangangezihlandlo eziliqela ngaphambi kokuba ibanelise ngokupheleleyo impendulo yakho. Iincwadi zoMbutho eziliqela ezinamaphepha ali-192 eziya kuhanjiswa ebudeni bukaJanuwari zinesahluko esinokusetyenziswa njengesiseko sengxubusho engakumbi yombandela othile.
5 Xa sele uza kuqukumbela ingxubusho yakho, buza omnye umbuzo uze umxelele umninimzi ukuba uya kukuvuyela ukwabelana naye ngenkcazelo ebangel’ umdla xa ubuya. Abantu abaninzi baya kuthanda ukwazi into eyenzeka emntwini xa esifa. Kutheni ungalungiseleli ukuxubusha lo mbandela ngexesha elifanelekileyo?
6 Kuya kukunceda ukuhlala ukhumbula imigaqo emithathu esisiseko. Yiba bhetyebhetye. Kusenokuba umninimzi akakuqhelanga ukubekela ecaleni ixesha elithile ukwenzela ingxubusho yeBhayibhile. Betha koomofu. Musa ukuhlala ixesha elide okanye ugubungele iingongoma ezininzi ekuqaleni. Kwiimeko ezininzi, baya kusabela ngokufanelekileyo kumatyelelo akho ukuba ugubungela nje iingongoma ezimbalwa ngexesha elifutshane. Yiba nehlombe nobuhlobo. Mbonise umninimzi ukuba ngokukhethekileyo unomdla wobuqu kuye.
7 Olona sukelo lwethu lubalulekileyo lukukubandakanya umninimzi kwingxubusho yeZibhalo. Emva koko sifuna ukuqalisa isifundo seBhayibhile sekhaya esinemveliso kwimpapasho efanelekileyo, njengencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade. Unokulufumana olo vuyo ukuba ngomonde ukhulisa umdla obonakaliswe ekuqaleni ngokwenza amabuyelo ngokuphumelelayo.