IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/97 iphe. 4
  • Buyela Kwabo Banomdla KwiKingdom News

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Buyela Kwabo Banomdla KwiKingdom News
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuhlakulela Umdla Ovuselelwe YiKingdom News No. 36
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Bonakalisa Inkxalabo Yokwenene Kubo Bonke Abanomdla Obafumanayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
  • ‘Okuninzi Esimele Sikwenze Emsebenzini Wenkosi’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1997
km 11/97 iphe. 4

Buyela Kwabo Banomdla KwiKingdom News

1 Kwezi Vekana Zimbalwa Zidluleyo, Besixhamla Ilungelo Lokusasaza Ikingdom News No. 35, Enomxholo Othi “Ngaba Bonke Abantu Baya Kuze Bathandane?” Kuzo Zonke Iindawo Abavakalisi Bazabalazela Ukufikelela Abantu Abafanelekayo Abaninzi Kangangoko Kunokwenzeka Ngeli Phecana Ikingdom News. (Mat. 10:11) Nangona Eli Phulo Limele Liphele Ngecawa, Ngonovemba 16, Ukuba Kusekho Umhlaba Ongakumbi Omele Ugutyungelwe, Abadala Basenokunicela Niqhubeke Nisasaza Ikingdom News No. 35 Logama Nje Isekho Ebandleni.

2 Eli Phecana Ikingdom News Liye Lavus’ Umdla Ebantwini Abaninzi. Bayabona Ukuba Uluntu Ngokubanzi Luphelelwe Ngumsa Wokwemvelo Yaye Ngeso Sizathu Bazibuza Ngoko Kuqulethwe Likamva. (2 Tim. 3:3) Kufuneka Sibuyele Kwabo Sibashiye Benomdla.

3 IKingdom News Ixakatha Iziqhamo: Kwiphulo lokusasaza iKingdom News ngowe-1995, elinye ibhinqa elafumana umbhalo wayo leza ezintlanganisweni kwiHolo YoBukumkani ngenxa yokuba lalifuna ukufunda okungakumbi ngoko kukholelwa ngamaNgqina kaYehova. Kwezo ntlanganiso lasamkela ngentumekelelo isifundo seBhayibhile yaye emva koko lalingafane liphoswe ziintlanganiso. Kungekudala, labhalela icawa elalifudula lihamba kuyo, lirhoxa njengelungu layo!

4 Xa kungoku, amakhulukhulu abantu entsimini amele ukuba asifundile isigidimi esikule Kingdom News No. 35. Kodwa asabele njani kuso? Kwanokuba aye achukumiseka koko akufundileyo, inkoliso yawo ayiyi kuthabatha nyathelo de kubekho iNgqina likaYehova elibuyela kuyo. Ngaba wenza amalungiselelo okubuyela? Inkxalabo enothando ngabanye abantu ifanele isishukumisele ukwenjenjalo. Bonke abaye banomdla kwiKingdom News bafanele baphinde batyelelwe.

5 Uza Kuthini Xa Ubuyela? Usenokuthi gqabagqaba ngokuba sexesheni kwesigidimi esikule Kingdom News uze ubuze umbuzo oya kwenza loo mntu acingisise. Phulaphula ngenyameko xa umninimzi ethetha ukuze ufumanise oko kusengqondweni yakhe. Yandula ke utsalel’ ingqalelo kwingongoma emfaneleyo kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, eye yabalaseliswa kwiKingdom News. Ukuba intsabelo intle, zama ukuqalisa isifundo seBhayibhile kwangoko.

6 Nazi ezinye zeentshumayelo ekucebiseka ukuba uzame ukuzisebenzisa xa ubuyela kwabo bebenomdla kwi-“Kingdom News” No. 35:

◼“Usenokuba usayikhumbula inkcazelo ebhaliweyo ebendikushiyele yona kutshanje. Isigidimi sayo sikhankanya umbandela obalulekileyo owahlulahlula uluntu namhlanje—ukunqongophala kothando ngabanye.” Tsalel’ ingqalelo kubungqina obukwiphepha 2 lale Kingdom News kumxholo othi “Uthando Ngommelwane Lupholile.” Yandula ke ubuze oku, “Ucinga ukuba yinjongo kaThixo ukuba abantu baphile ngolu hlobo?” Vumela impendulo. Tyhila kwisifundo 5 kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze uzame ukuqalisa isifundo seBhayibhile.

◼“Ukuqala kwethu ukubonana, ndiye ndakushiyela umbandela othi ‘Ngaba Bonke Abantu Baya Kuze Bathandane?’ Ucinga ukuba ihlabathi elinjalo lingakho nje?” Vumela impendulo. Tyhila kwisifundo 6 kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze ufunde isiqendu 6. Yandula ke ufunde idinga likaThixo elikuMika 4:3, 4. Ukuba umninimzi ubonakala enomdla, hambisa le ncwadana inemifanekiso uze ucele ukumqhubela isifundo.

◼“Ukugqibelana kwethu, ndikushiyele umbandela othi ‘Ngaba Bonke Abantu Baya Kuze Bathandane?’ Apha kuwo kukho ilungiselelo lesifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. Ndithe mandibuye ukuze ndikubonise incwadi eluncedo ekufundisiseni esiyisebenzisayo. [Mbonise incwadi ethi Ulwazi.] Le ncwadi ilichaza kakuhle ixesha laxa beya kuthi bonke abantu bathandane, ibe iphendula neminye imibuzo osenokuba ujikajikana nayo, njengale: Kutheni sisaluphala size sife? Kutheni uThixo evumela ukubandezeleka? Kwenzeka ntoni kubantu abafileyo esibathandayo?” Yandula ke ubuze, “Ndingakubonisa indlela esiqhutywa ngayo esi sifundo?” Ukuba uyalandula, mbuze enoba ebengathanda kusini na ukuzifundela le ncwadi. Ukuba uyavuma, mshiyele yona ngomnikelo wee-R4,00. Yenza amalungiselelo okubuya.

7 Yakuba intsimi yethu igutyungelwe ngokucokisekileyo ngeKingdom News No. 35, sisenokuhambisa incwadi ethi Ulwazi kweli xesha lisaseleyo kule nyanga. Iintshumayelo ezifanelekileyo esinokuzisebenzisa kule ncwadi zinokufunyanwa ngasemva kwiinkupho zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi, obukaJuni nobukaNovemba 1996; nobukaJuni 1997.

8 Eli phulo likhethekileyo lokusasaza iKingdom News lifanele lishukumise sonke ukuba senze okuthe chatha kumsebenzi wokushumayela. Ngoncedo lukaYehova sinokuqiniseka ukuba eli phulo liza kuphumelela nakanjani na, njengoko siza kunceda abantu babone injongo kaThixo yokuba lonke uluntu luthandane. Ngamana uYehova angaqhubeka eyisikelela imigudu esiyenzayo njengoko sibuyela kwabo banomdla kwiKingdom News.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share