Mema Wonke Umntu Onxaniweyo
1 Njengoko Kwaxelwa Kwangaphambili Ngumprofeti Uamosi, Namhlanje Intsapho Yabantu Ithwaxwa ‘Lunxano, Kungekhona Ukunxanela Amanzi; Kodwa Ikukulambela Ukuva Amazwi Kayehova.’ (Amosi 8:11) Ukuze Sincede Abantu Kule Meko Yokunxanwa Ngokomoya, Sibaxelela Ngamalungiselelo Kathixo Okuhlangula Abantu Abathobelayo Esonweni Nasekufeni, Achazwe Kwisahluko Sokugqibela Sesityhilelo ‘Njengomlambo Wamanzi Obomi.’ Sinelungelo Lokumema Wonke Umntu Onxanelwe Ubulungisa Ukuba “Athabathe Amanzi Obomi Ngesisa.” (ISityhi. 22:1, 17) Sinokukwenza Njani Oku Ebudeni Bukafebruwari? Ngokuhambisa Incwadi Ethi Isityhilelo—incopho Yaso Ezukileyo Isondele! Nethi Life—how Did It Get Here? By Evolution Or By Creation? Kubantu Abanomdla Wokwenene. Usenokulinga Ezi Ntshumayelo Zilandelayo:
2 Ekubeni abantu abaninzi bexhalabele impilo, usenokuyifumanisa isebenza le ndlela yokuqalisa incoko:
◼ “Abantu abaninzi baxhalatyiswa kukuntinga kwamaxabiso onyango olusemgangathweni. Mhlawumbi ubukhe wacamngca ngalo mba. [Vumela impendulo.] Ngaba sikho isicombululo sale ngxaki esiya kuhlala sihleli? [Lindela impendulo.] Khawuphulaphule eli themba lingummangaliso.” Funda ISityhilelo 22:1, 2. Yandula ke utyhile incwadi ethi Incopho YeSityhilelo kwimifanekiso ekwiphepha 308-9, uze usebenzise isiqendu 22 kwiphepha 311 ukuze uyicacise. Qukumbela ngokuthi: “Le ncwadi ixubusha indinyana nganye yeSityhilelo.” Mshiyele le mpapasho ngomnikelo oqhelekileyo. Yenza amalungiselelo okubuyela.
3 Xa ubuyela, usenokuqalisa ingxubusho ngokuthi:
◼ “Ukugqibelana kwethu, sathetha ngesicombululo seengxaki zempilo esiya kuhlala sihleli. Ucinga ukuba liya kuze libekho ixesha ekungayi kubakho bantu bagulayo? [Vumela impendulo.] Khawuphulaphule la mazwi abangel’ umdla.” Funda uIsaya 33:24. Yandula ke utyhile isifundo 5 sencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, uze uxubushe isiqendu 5-6, ufunde imibuzo yesiqendu ngasinye esekuqaleni kwesifundo yaye ufunde ezimbalwa kwizibhalo ezicatshuliweyo. Yikhankanye into yokuba ukushenxiswa kokugula nokufa kuyinxalenye yenzaliseko yenjongo kaThixo yantlandlolo ngomhlaba. Yenza amalungiselelo okubuyela ukuze nixubushe isiqendu 1-4 nesesi-7 kwakwesi sifundo sinye.
4 Ukuba abantu bebesoloko becinga ngombandela ongundaba-mlonyeni wokufa komntu othile ngaphambi kwexesha, usenokuzama ukuqalisa incoko ngolu hlobo:
◼ “Usenokuba ukhe weva ngombandela [khankanya lo mbandela ungundaba-mlonyeni]. Xa abantu besuka bafe nje, abaninzi bazibuza ngendlela yokuthuthuzela iintsapho zamaxhoba. Ucinga ntoni wena?” Vumela impendulo. Yandula ke utyhile kwiphepha 299 kwincwadi ethi Incopho YeSityhilelo, uze umbonise imifanekiso engovuko eboniswe apho. Yongezelela ngokuthi: “Abaninzi bayamangaliswa kukufunda ukuba abantu abangamalungisa nabangengomalungisa baza kubuyiselwa ebomini kwiParadesi esemhlabeni. [Funda incwadi yeZenzo 24:15 ecatshulwe kwisiqendu 9 kwiphepha 297, uze ucacise isiqendu 10.] Le ncwadi ixubusha ezinye iinkcukacha ezininzi ezibangel’ umdla ngenjongo kaThixo ngekamva. Ukuba ungathanda ukufunda okungakumbi ngayo, usenokufumana lo mbhalo ngomnikelo wee-R12,00.” Lungiselela ukubuyela, uphawule izinto ezibangel’ umdla nezimxhalabisa ngokukhethekileyo loo mntu.
5 Xa ubuyela, yenza intshumayelo yakho ilungele umninimzi. Mhlawumbi unokuthi:
◼ “Xa besincokola kwixesha elidluleyo, ndawaxabisa amagqabaza owawenza ngenjongo kaThixo ngomhlaba. [Waphinde loo magqabaza.] Ndifumene enye inkcazelo endicinga ukuba uza kuyifumanisa ibangel’ umdla.” Tyhila incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 5. Funda uze uxubushe iziqendu ezininzi kangangoko kwesi sifundo logama nje umninimzi esanikele ingqalelo. Emva kokubeka ixesha oza kuphinda ubuye ngalo ukuze niqhubeke nesifundo, nika umninimzi isimemo esichaza amaxesha eentlanganiso zebandla. Mchazele ngeNtlanganiso Yesidlangalala, uze ummemele kuyo.
6 Ukuba ukhetha ukusebenzisa intshumayelo eyenziwe lula yokuhambisa iphecana, usenokuthi:
◼ “Bendingathanda ukukunika eli phecana elinomxholo othi Liyintoni Ithemba Ngabafileyo Obathandayo?” Linike umninimzi, uze umcele ukuba akuthelele njengoko ufunda isiqendu sokuqala. Mvumele ukuba aphendule umbuzo obuzwa kwisivakalisi sokugqibela. Funda isiqendu sesibini, wandule ke ukutyhila umfanekiso okwiphepha 299 kwincwadi ethi Incopho YeSityhilelo. Yongezelela ngokuthi: “Le ncwadi isinika iinkcukacha ezingakumbi ngovuko nangawo onke amanye amadinga amangalisayo eBhayibhile aphathelele ikamva. Ukuba ufuna ukuyifunda, usenokuzifumanela umbhalo wayo ngomnikelo wee-R12,00.” Yenza amalungiselelo okubuyela ukuze uhlakulele umdla waloo mntu enyanisweni.
7 Isimemo sethu esinomtsalane kwabanye sinokubenza beze kumanzi obomi, ngoku uYehova awenza afumaneke. Ngoko ke, kubo bonke abanxaniweyo masithi, “Yiza!”—ISityhi. 22:17.