Oovulindlela Banceda Abanye
1 UYesu wathi: “Isivuno, eneneni, sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke yibongozeni iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” Ekubeni abavuni benkulungwane yokuqala babembalwa yaye benentsimi enkulu ababemele bayigubungele, uYesu ngewayebalathise ukuba ngamnye ahambe yedwa ukuze bafikelele abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ngeendaba ezilungileyo. Kodwa ‘wabathumela ngababini.’ (Luka 10:1, 2) Kwakutheni ukuze abathumele ngababini?
2 Kaloku aba bafundi babebatsha yaye bengenamava. Ngokusebenza kunye babenokufundisana baze bakhuthazane. Njengoko uSolomon watshoyo, “kulungile ukuba babe ngababini kunoba abe mnye.” (INtshu. 4:9, 10) Kwanasemva kokuba umoya oyingcwele uthululwe ngePentekoste yowama-33 C.E., uPawulos, uBharnabhas nabanye bapheleka amanye amakholwa kubulungiseleli. (IZe. 15:35) Elinjani ilungelo ekumele ukuba kwakulilo kwabathile ukuqeqeshwa ngaloo magqala!
3 Ucwangciso Oluhle Lokuqeqesha: Njengebandla lenkulungwane yokuqala, ibandla lamaKristu anamhlanje liyintlangano eshumayelayo. Likwasinika uqeqesho. Njengabantu ngabanye, umnqweno wethu osuka entliziyweni ufanele ube kukuhambisa iindaba ezilungileyo ngendlela ephumelela kangangoko kunokwenzeka. Ukuze abavakalisi abangakumbi bakwazi ukuphucula kulo mba, kukho uncedo olufumanekayo.
4 KwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani sakutshanje, uMbutho wazise ngelungiselelo lokuba oovulindlela bancede abanye kubulungiseleli basentsimini. Ngaba kuyimfuneko oku? Ewe kuyimfuneko. Bangaphezu kwesigidi abavakalisi abaye babhaptizwa kwiminyaka emithathu edluleyo, ibe uninzi lwabo lufuna ukuqeqeshwa ukuze lube nempumelelo kumsebenzi wokushumayela. Ngubani ke onokusenzela loo msebenzi?
5 Oovulindlela bexesha elizeleyo banako ukunceda. Intlangano kaYehova ibanika amacebiso amaninzi yaye ibaqeqesha kakhulu. Oovulindlela bafumana imiyalelo elungiselelwe iintswelo zabo kwiSikolo Senkonzo Sobuvulindlela esithabatha iiveki ezimbini. Kwakhona bafumana iingenelo kwiintlanganiso ababa nazo nomveleli wesiphaluka nowesithili kunye nolwalathiso abalufumana kubadala. Nangona ingengabo bonke oovulindlela abanamava njengoPawulos noBharnabhas, baye bafumana uqeqesho oluluncedo, abakuvuyelayo ukwabelana nabanye ngalo.
6 Ngubani Oya Kungenelwa? Ngaba eli lungiselelo lenzelwe kuphela abavakalisi abasebatsha okanye abasandul’ ukubhaptizwa? Akunjalo konke konke! Kukho abaselula nabasele bekhulile abebeyazi inyaniso kangangeminyaka kodwa abanokukuvuyela ukuncedwa kwiinkalo ezithile zobulungiseleli. Bambi benza kakuhle xa kufikwa ekuhambiseni uncwadi kodwa kube nzima xa kufuneka kwenziwe amabuyelo okanye kuqaliswe izifundo zeBhayibhile zamakhaya. Abanye basenokuziqalisa lula izifundo zabo zeBhayibhile kodwa bafumanise ukuba azenzi nkqubela. Yintoni le izibambileyo? Oovulindlela abanamava basenokucelwa ukuba banikele uncedo kwiimeko ezinjalo. Abathile koovulindlela bakuphiwe ukuhlakulela umdla, ukuqalisa izifundo zeBhayibhile nokwalathisela abafundi abasebatsha entlanganweni. Amava abo aya kuba luncedo kweli lungiselelo litsha.
7 Ngaba ufumanisa ukuba ucwangciso lwakho alukuvumeli ngendlela onqwenela ngayo ukuba ubekho kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini yebandla eqhutywa rhoqo? Kukho uvulindlela osenokukwazi ukusebenza nawe maxa wambi xa abanye abavakalisi bengenakufumaneka.
8 Kufuneka Intsebenziswano Esemagqabini: Kabini ngonyaka, abadala baza kwenza amalungiselelo okuba abavakalisi abanqwenela ukuncedwa babe nenxaxheba kwilungiselelo lokuba Oovulindlela Bancede Abanye. Ukuba uyavuma ukuncedwa, dibana novulindlela owabelwe ukukunceda, nizenzele ucwangciso olusebenzisekayo lwenkonzo, nize ninamathele kulo. Musa ukujibilika xa nibeke ixesha. Njengoko nisebenza kunye, qwalasela iindlela eziphumelelayo zokushumayela iindaba ezilungileyo. Zibuze isizathu sokuba iintshumayelo ezithile ziphumelele. Wamkele amacebiso anokunikelwa nguvulindlela ukuze uphucule intshumayelo yakho. Njengoko usenza izinto oye wazifunda, inkqubela yakho iya ibonakala, kuwe nakwabanye. (Bona eyoku-1 kuTimoti 4:15.) Sebenzani kunye ngokufuthi kangangoko kunokwenzeka, nibe kunye kuzo zonke iinkalo zobulungiseleli, kuquka ukunikela ubungqina obungacwangciswanga kodwa ninikele ingqalelo kuyo nayiphi na into ekhethekileyo ofuna ukuncedwa kuyo.
9 Umveleli wenkonzo unomdla kwinkqubela eza kwenziwa. Uza kuman’ ukuqonda kumqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla ukuba uqhuba njani kweli lungiselelo. Nomveleli wesiphaluka uza kukunceda xa etyelela ibandla lenu.
10 UYehova ufuna abantu bakhe baqeqeshwe yaye ‘bawuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Tim. 3:17) Ilungiselelo lokuba Oovulindlela Bancede Abanye ligqale njengelihle nelenzelwe ukunceda abo banqwenela ukuphucula ubuchule babo bokushumayela ilizwi. Ukuba uye wajizekwa ngelungelo lokuba nenxaxheba kulo, lamkele ngombulelo, ngokuzithoba nangovuyo.