Yakhanani Ngokugqabaza Ezintlanganisweni
1 KweyamaHebhere 10:24 sibongozwa ukuba ‘sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.’ Oku kuquka ukwakhana ngamagqabaza anentsingiselo kwiintlanganiso zebandla. Kutheni sifanele sigqabaze? Sinokukwenza njani oku? Ngubani ongenelwayo?
2 Cinga ngamaxesha amaninzi ongenelwa ngawo xa uphulaphule abanye benikela iimpendulo ezilula, nezicacileyo ezikwenza ucacelwe zize zikomeleze ngokomoya. Nawe ke unelungelo lokubenzela okufanayo. Xa usiba nenxaxheba, ubonisa umnqweno ‘wokunikela isiphiwo esithile sokomoya’ ukuze ukhuthaze bonke abakhoyo.—Roma 1:11, 12.
3 Indlela Yokunikela Amagqabaza Asemagqabini: Musa ukuntyuntya, ushwabadela kwanto isesiqendwini. Amagqabaza amade adla ngokungayivelisi eyona mpendulo yaye anokubenza abanye bangabi safuna ukuphendula. Amagqabaza okuqala esiqendwini afanele abethe koomofu, ahlabe kumbuzo oshicilelweyo. Abalandelayo banokuchaza indlela enokusetyenziswa ngayo loo nkcazelo okanye bacacise izibhalo. Bona Incwadi Yesikhokelo Yesikolo, iphepha 90-2.
4 Ukuba uyoyika ukugqabaza, lungiselela amagqabaza amafutshane kwangaphambili, uze ucele umqhubi akubize kweso siqendu. Emva kokwenza oku kwiintlanganiso ezimbalwa, kuya kuba lula ukuba nenxaxheba. Khumbula uMoses noYeremiya bakha bazoyikisela ekuthetheni esidlangalaleni. (Eks. 4:10; Yer. 1:6, umbhalo osemazantsi weNW) Kodwa uYehova wabanceda bathetha egameni lakhe, nawe ke uya kukunceda.
5 Ngubani Oya Kungenelwa Kumagqabaza Akho? Kuqala wena ukungenelwa kuba amagqabaza akho ayibethelela ngakumbi inyaniso engqondweni nasentliziyweni yakho, esenza kube lula ukuba uyikhumbule loo nkcazelo kamva. Nabanye bayangenelwa ngokuphulaphula iimpendulo zakho ezakhayo. Siyakhuthazeka xa bonke, enoba banamava, baselula, baneentloni, okanye basebatsha, besenza unako nako wokuvakalisa ukholo lwabo kwiintlanganiso zebandla.
6 Ngokuqinisekileyo siya kufumanisa ukuba ‘amazwi athethwe ngexesha elililo, azi mahle’ xa esetyenziselwa ukwakhana ezintlanganisweni!—IMize. 15:23.