Yiba Nobuchule Kubulungiseleli Bakho
1 Izulu liyafingiza, isandi esoyikekayo siya sisitsho ngomgqumo owoyikekayo. Kuvela ilifu elingathi ngumsi. Yintoni leyo? Ngumkhosi wezigidi zeenkumbi ezize kutshabalalisa ilizwe! Esi sihlo sichazwa ngumprofeti uYoweli sizaliseka namhlanje ngomsebenzi wokushumayela wabakhonzi bakaThixo abathanjisiweyo namaqabane abo esihlwele esikhulu.
2 IMboniselo kaMeyi 1, 1998, iphepha 11, isiqendu 19, yathi: “Umkhosi kaThixo weenkumbi wale mihla uye wanikela ubungqina ngokucokisekileyo ‘emzini’ oyiNgqobhoko. (Yoweli 2:9) . . . Usaqhubeka utsib’ imiqobo, ungena kwizigidi zamakhaya, uthetha nabantu ezitratweni, uncokola nabo ngomnxeba yaye unxibelelana nabo ngayo nayiphi na indlela njengoko uvakalisa isigidimi sikaYehova.” Ngaba akulolungelo lizukileyo ukuba nenxaxheba kulo msebenzi umiselwe nguThixo?
3 Ngokungafaniyo neenkumbi zokoqobo, eziphilela ukudla, thina njengabakhonzi bakaYehova sinenkxalabo enzulu ngobomi babo sishumayela kubo. Sifuna ukunceda abanye bafunde ngeenyaniso ezizukileyo eziseLizwini likaThixo ukuze bashukunyiselwe ukuba bathabathe amanyathelo aya kukhokelela ekusindisweni kwabo ngonaphakade. (Yoh. 17:3; 1 Tim. 4:16) Ngenxa yoko, sifuna ukuba nobuchule kwindlela esibuphumeza ngayo ubulungiseleli bethu. Nayiphi na inkalo yokushumayela esiyisebenzayo, sifanele sihlolisise enokuba siyiphumeza ngendlela nangexesha eliya kuvelisa imiphumo emihle. Ekubeni ‘imeko yeli hlabathi itshintsha,’ senza kakuhle ukuba sihlolisisa iindlela zethu zokushumayela ukuqinisekisa ukuba siyahlangabezana nocelomngeni lokuba nemveliso kangangoko sinako.—1 Kor. 7:31.
4 Ngoxa sizabalazela ukuqhagamshelana nabantu ngendlela ezininzi, umsebenzi wendlu ngendlu usengundoqo kubulungiseleli bethu. Ngaba ufumanisa ukuba abantu basoloko bengekho ekhaya okanye belele xa utyelele? Hayi indlela ekutyhafisa ngayo oko, ekubeni ungakwazi ukwabelana nabo ngesigidimi seendaba ezilungileyo! Unokuhlangabezana njani nolu celomngeni?
5 Yiba Bhetye-bhetye Uze Ube Nengqiqo: KuSirayeli wenkulungwane yokuqala, abalobi babeloba ebusuku. Kwakutheni ukuze balobe ebusuku? Nangona eli yayingeloxesha libalungeleyo, yayilelona xesha lokubambisa intlanzi ezininzi. Ilelona xesha linemveliso. Igqabaza ngolu qheliselo, IMboniselo kaJuni 15, 1992 yathi: “Nathi ngokufanayo sifanele siyifunde intsimi yethu ukuze siye kuloba, ngokungathi kunjalo, xa uninzi lwabantu lusekhaya kwaye luphulaphula.” Ukondela ngenyameko imikhwa yasekuhlaleni kuye kwabonisa ukuba kwiindawo ezininzi ezihlala abantu nasezidolophini, abantu baba sekhaya xa sibatyelela kusasa ngoMgqibelo nangeCawa kodwa ngokuqhelekileyo abaphulaphuli kumatyelelo ethu ngelo xesha. Ukuba inje imeko kummandla wakho, ngaba ungalihlengahlengisa ixesha otyelela ngalo libe ngentlazana okanye emva kwemini? Le yindlela entle yokwandisa ubuchule kubulungiseleli bethu kwakunye nokubonisa ulwazelelelo kubamelwane bethu, olububungqina bothando lokwenene lobuKristu.—Mat. 7:12.
6 KwabaseFilipi 4:5, umpostile uPawulos usikhumbuza ukuba “ukuba nengqiqo kwenu makwazeke kubantu bonke.” Ngokuvisisana nolu lwalathiso luphefumlelweyo, sifuna ukulungelelana yaye sibe nengqiqo kwiindlela zethu njengoko siphumeza isabelo sethu sokushumayela ngehlombe nangenzondelelo. Asifuni ‘ukurhuq’ iinyawo ekufundiseni esidlangalaleni nakubulungiseleli bendlu ngendlu,’ kodwa sifuna ukuqinisekisa ukuba siyabuphumeza ubulungiseleli bethu bendlu ngendlu ngamaxesha alungileyo nanemveliso. (IZe. 20:20) Njengabalobi benkulungwane yokuqala bakwaSirayeli, sifuna ‘ukuloba’ ngamaxesha esinokuba nemveliso ngawo kungekhona ngamaxesha alungele thina.
7 Luluphi uhlengahlengiso olunokwenziwa? Ngokuqhelekileyo, iintlanganiso zenkonzo yasentsimini ziqhutywa ngeye-9:00 okanye nge-9:30 kusasa ngoMgqibelo nangeCawa, emva koko ngaphandle kokulibazisa iqela liqalisa umsebenzi wendlu ngendlu kuloo ntsimi. Noko ke, wambi amaqumrhu abadala aye alungiselela ukuba iqela libe nenxaxheba kwezinye indlela zobulungiseleli, ezinjengokunikela ubungqina basesitratweni, kwintsimi enamashishini okanye kumabuyelo ngaphambi kokuba baye kwindlu ngendlu kwiindawo ezihlala abantu. Amanye amabandla aye amisela amaxesha eentlanganiso zenkonzo yasentsimini angentlazana—ngeye-10:00 kusasa, ngeye-11:00 kusasa, okanye ngeye-12:00 emini emaqanda. Emva koko, iqela liya ngqo kumsebenzi wendlu ngendlu lihlale entsimini de kube semva kwemini. Kweminye imimandla, ixesha lasemva kwemini, inokuba lelona lifanelekileyo lentlanganiso yenkonzo yasentsimini kunakusasa. Uhlengahlengiso olunjalo lunokuba negalelo kakhulu ukuphucula imveliso yendlu ngendlu.
8 Yiba Ngoqondayo Uze Ube Nobuchule: Njengokuba sidibana nabantu kwindlu ngendlu, isigidimi sethu sihlangabezana neentsabelo ezahlukahlukeneyo. Bambi abaninimzi bayaphulaphula, abanye abanamdla, yaye yimbinana ethand’ ingxoxo okanye ukuphikisa. Ngokuphathelele abo baphikisayo, kwiphepha 7 lencwadi Ukuqiqa NgeZibhalo, sikhunjuzwa ukuba asizabalazeli “‘kuphumelela kwiimpikiswano’ nabantu abangenantlonelo ngenyaniso.” Ukuba umninimzi uyachasa, kuhle ukuba simshiye. Masingaze sibachasise abantu ngokubanyanzelela ukuba bathethe nathi okanye bamkele imbono zethu. Asisinyanzeli isigidimi sethu ebantwini. Oko bekungayi kuba sengqiqweni yaye kunokubangela iingxaki kwamanye amaNgqina nomsebenzi ngokubanzi.
9 Ngaphambi kokuba siqalise ukusebenza intsimi, kububulumko ukuhlola iqweqwe lentsimi ukuze kuphawulwe iikhelingi zamakhaya esingavumelekanga ukungena kuwo. Ukuba kukho iikhelingi ezinjalo, umvakalisi ngamnye osebenza kweso sitrato ufanele axelelwe apho angamele kungena khona. Akukho bani ufanele angene kula makhaya ngaphandle kolwalathiso lomveleli wenkonzo.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani, bukaSeptemba 1994 Isingxobo Semibuzo.
10 Sinokubandisa ubuchule bethu ngokuba ngabaqondayo njengoko sisebenza kwindlu ngendlu. Yiba neliso elibukhali xa ungena emzini. Ngaba yonke imikhusane nemidiyadiya ivaliwe? Ngaba kuthe cwaka? Oku kunokubonisa ukuba abantu basalele. Mhlawumbi siya kuba nencoko eyakhayo nomninimzi ukuba sibuya kwixesha elizayo. Kusenokuba kuhle ukulidlula elo khaya okweso sihlandlo, ubhale inombolo yendlu. Unokudlula kwakhona ngaphambi kokuba uphume entsimini okanye uphawule ukuba uza kubuya kwixesha elizayo.
11 Zisenokubakho iimeko apho uthile simvusa ngempazamo okanye simphazamise ngezinye iindlela. Mhlawumbi usenokude acaphuke okanye abe nomsindo. Sifanele sisabele njani? IMizekeliso 17:27 iyaluleka: “Omoya upholileyo yindoda enengqondo.” Ngoxa singangxengxezi ngobulungiseleli bethu, sinokuxolisa ngokumtyelela ngexesha elingafanelekanga. Ngobuchule sinokumbuza elona xesha liya kumlungela size sicele ukumbuyela. Ukuzityand’ igila ngokunyanisekileyo ngenkxalabo onayo ngelizwi elithambileyo kudla ngokumthibaza umntu onjalo. (IMize. 15:1) Ukuba umninimzi usixelela ukuba usebenza ebusuku ngokusisigxina, kunokuqukwa amagqabaza kwiqweqwe lentsimi ukuze amatyelelo exesha elizayo enziwe ngexesha elifanelekileyo.
12 Kwakhona ukuqonda kuyafuneka njengoko sizabalazela ukusebenza intsimi yethu ngokucokisekileyo. Ekubeni abantu abaninzi bengabikho ekhaya kutyelelo lokuqala, kufuneka senze umgudu ongakumbi wokudibana nabo ukuze sabelana nabo ngesigidimi sosindiso. (Roma 10:13) Iingxelo zibonisa ukuba maxa wambi abavakalisi batyelela ikhaya elinye ngamaxesha awahlukahlukeneyo ngemini enye ukuze bafumane abantu belo khaya. Oku kuyabonwa ngabamelwane. Kunokuphumela kwintetho engemnandanga yokuba amaNgqina kaYehova ‘aquqa’ kwizitrato zabo kuphela. Kunokuphetshwa njani oku?
13 Sebenzisa ukuqonda. Xa utyelela kwakhona kwikhaya ebelingenamntu, ngaba kukho imiqondiso yokuba ngoku kukho umntu? Ukuba kufakwe iposi okanye amaphepha ezentengiso kwibhokisi yeposi, kunokwenzeka ukuba loo mntu akakabikho ekhaya yaye utyelelo kwelo khaya aluyi kuba namveliso ngeso sihlandlo. Ukuba umntu akunakuqhagamshelwana naye emva kwamalinge ambalwa owenze ngamaxesha awahlukeneyo emini, anjengamarhatya, kunokuqhagamshelwana nomninimzi ngomnxeba. Ukuba akafumaneki, ngobulumko unokushiyelwa iphecana okanye isimemo ngaphantsi kocango, ngokukodwa ukuba intsimi igutyungelwa rhoqo. Kusenokwenzeka ukuba loo mntu kudityanwe naye xa kusetyenzwa loo ntsimi kwakhona.
14 Sifanele sikulumkele ukutsala incoko xa sithetha nomninimzi simi emnyango xa imozulu imaxongo. Xa ungeniswe ngaphakathi, kulumkele ukungcolisa umgangatho. Sebenzisa ingqiqo xa ukhonkothwa yinja. Xa usebenza kwizakhiwo eziqeshiswayo, thethela phantsi uze uphephe ingxolo ephazamisa abahlali nekwenza waziwe ukuba ulapho.
15 Lungelelana Uze Ube Nesidima: Xa silungelelene sinokuziphepha iziqhu ezikhulu ezicel’ injezu zamaqela ahlanganisana entsimini. Bambi abaninimzi banokuziva besoyika xa igquba leemoto neeveni zigaleleka phambi kwezindlu zabo nesiqhu sabavakalisi. Asifuni bacinge ukuba ‘sizokubahlasela.’ Amalungiselelo okusebenza intsimi kuhle ukuba enziwe ebudeni bentlanganiso yenkonzo yasentsimini. Amaqela amancinane abavakalisi, anjengentsapho, awaboyikisi abaninimzi yaye akungomsebenzi ukuwaba.
16 Ulungelelwano lufuna ukuba abazali bayibek’ esweni kangangoko ihambo yabantwana babo xa besentsimini. Abantwana bafanele baziphathe kakuhle xa behamba nabazali babo kwindlu ngendlu. Abaselula abafanele bahambe bedlala okanye bazule, betsala amehlo abantu okanye abahambi ngokungeyomfuneko.
17 Kwakhona, ulungelelwano luyafuneka ngokuphathelele umbandela wokunqumama ukuze sifumane into etyiwayo. UBulungiseleli Bethu BoBukumakani, bukaJuni 1995, iphepha 3 bathi: “Xa sikwinkonzo yasentsimini, sinokuchitha ixesha elibalulekileyo ngokunqumama ithutyana ukuze sifumane into etyiwayo. Noko ke, sinokuphumla okwexeshana sakuba sisebenze iiyure eziliqela enkozweni, ukuphumla kuya kusihlaziya kuze kusincede siqhubeke. Noko ke, abaninzi bakhetha ukuhlala bexakekile benikela ubungqina ebantwini yaye ababuthi nabazalwana ngexesha elibekelwe ubulungiseleli.” Nangona ukunqumamela into etyiwayo kusisigqibo sobuqu, kuye kwaphawulwa ukuba maxa wambi, iziqhu zabazalwana noodade zibuthelana kwivenkile ezithengisa ikofu okanye ukutya. Ngaphandle komlinganiselo wexesha elichithwayo bethengiselwa, ubukho besihlwele kunokuboyikisa abanye abathengi. Maxa wambi, xa bebaliselana amava akusasa enkonzo yasentsimini abangela ingxolo, yaye oku kunokusithoba isidima sobulungiseleli bethu yaye bungabi nasiqhamo. Ngokuba ngabaqondayo, abavakalisi banokukuphepha ukuval’ indlela kwizakhiwo abakuzo okanye bachithe ixesha lobulungiseleli ngokungeyomfuneko.
18 Abaninzi baye bafumana imiphumo emihle ngokuthetha nabantu naphi na apho banokufumaneka khona—ezitratweni, kwiindawo zokumisa iinqwelo mafutha, nakwezinye iindawo zikawonkewonke. Nalapha, sifuna ukunikela ubungqina obuhle, hayi ngamazwi nje kuphela kodwa kwanangengqiqo yethu. Abavakalisi kwibandla ngalinye bafanele bayihlonele imida yentsimi yabo ukuze bangaphazamisani nabahambi ngenyawo kwindawo zoshishino nakwindlela ezihamba ngaphantsi komhlaba okanye abaphangeli, kwiindawo zokutha ipetroli, ezivula iiyure ezingama-24. Ukuqinisekisa ukuba ubulungiseleli bethu sibuphumeza ngolungelelwano, ngokunesidima, asiyi kusebenza ngaphandle kwentsimi yethu ngaphandle kokuba amalungiselelo aqinisekileyo enziwe neKomiti Yenkonzo Yebandla yelinye ibandla, ukuze bancedwe ngandlela thile.—Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 10:13-15.
19 Wambi amabandla anemimandla emininzi ekunokunikelwa ubungqina basesidlangalaleni kuyo aye ayihlulahlula loo mimandla yayimihlaba. Kunikwa umvakalisi okanye iqela iqweqwe lentsimi. Oku kwenza umhlaba ugutyungelwe kakuhle yaye kwenza abavakalisi abaninzi bangasebenzi ndawonye ngexesha elinye, ngokuvisisana nomgaqo okweyoku-1 kwabaseKorinte 14:40: othi “Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangokwelungiselelo.”
20 Imbonakalo yethu ifanele isoloko inesidima iyeyabameli abangabalungiseleli nabathwali begama likaYehova. Kungokufanayo nangezixhobo esizisebenzisayo. Izingxobo zencwadi ezidlakadlaka neeBhayibhile ezimdaka okanye ezinamaphepha ashwabeneyo ngenxa yobudala nazo ziyasiphazamisa isigidimi soBukumkani. Kudala kushunyayelwa ukuba isinxibo nokuzilungisa “zizinto ezithi ngokuqhwanyaza kweliso xa uphakathi kwabantu zinikele inkcazelo kubantu abakungqongileyo yokuba ungubani na nendawo ofaneleka kuyo kulungelelwaniso lwezinto.” Ngenxa yoko imbonakalo yethu ayifanele ibe yeyobuxelegu neyokungakhathali kodwa ibe yesoloko ‘ifanele iindaba ezilungileyo.’—Fil. 1:27; thelekisa eyoku-1 kuTimoti 2:9, 10.
21 Kweyoku-1 kwabaseKorinte 9:26 umpostile uPawulos uthi: “Indlela endibaleka ngayo asiyiyo eyokungaqiniseki; indlela endalathisa ngayo izithonga zam yeyokuze ndingabethi umoya.” NjengoPawulos, sizimisele ukuba nobuchule nobulungiseleli obunemveliso. Njengokuba sinenzondelelo kumsebenzi wokunikela ubunggina njengenxalenye “yomkhosi wenkumbi” zikaYehova zanamhlanje, kwanga singasebenzisa ingqiqo yobuKristu nokuqonda ekuhambiseni isigidimi sosindiso kubo bonke abasentsimini yethu.