Abaveleli Abakhokelayo—Umqhubi WeSifundo SeMboniselo
1 IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova lilungiselelo elisisiseko ‘lekhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ elidlulisela ngalo ukutya kokomoya kuthi “ngexesha elifanelekileyo.” (Mat. 24:45) Umdala oqhuba iSifundo seMboniselo unembopheleleko ebalulekileyo njengomfundisi onobuchule omisela umzekelo omhle ekuphileni kwamaKristu.—Roma 12:7; Yak. 3:1.
2 Ukuze afundise ngobuchule, umqhubi weSifundo seMboniselo kufuneka alungiselele ngokucokisekileyo veki nganye. Makathandaze ngenyameko xa esenjenjalo. Umdla wakhe onyanisekileyo ebandleni ubonakala ngomgudu wakhe onyanisekileyo wokufikelela iintliziyo zethu ngombandela ofundisiswayo. Ugxininisa kwezona ngongoma zesifundo aze asincede ukuze sibone indlela ezidibana ngayo nomxholo wenqaku.
3 Ukulungiselela kwakhe ngokucokisekileyo kubandakanya ukuhlola izibhalo kwangaphambili ukuze ayazi indlela ezisebenza ngayo. Ubalaselisa iLizwi likaThixo ngokukhuthaza ibandla ukuba liyisebenzise kakuhle iBhayibhile ebudeni besifundo. Xa ibandla lingayivelisanga ingongoma ebalulekileyo kumagqabaza alo okanye xa singabalaseliswanga isibhalo esiyintloko, ubuza umbuzo ongqalileyo osecaleni ukuze avelise loo nkcazelo. Ngale ndlela, uyasinceda sifikelele kwisigqibo esichanileyo yaye siyazi indlela yokusebenzisa oko sikufundayo ebomini bethu.
4 Umqhubi weSifundo seMboniselo uzabalazela ukuphucula ubuchule bakhe bokufundisa. Akathethi kakhulu kodwa uyasikhuthaza ukuba sigqabaze—ngamazwi ethu, sibethe koomofu, size sihlabe emxholweni. Ngamathuba athile usenokusikhumbuza ukuba owokuqala ukugqabaza esiqendwini ufanele anikele amagqabaza amafutshane, angqala kwimpendulo yombuzo oshicilelweyo. Amagqabaza angakumbi avela kubaphulaphuli anokutsalela ingqalelo kwindlela ezisebenza ngayo izibhalo, indlela exhaswa ngayo ingxubusho, okanye indlela osebenza ngayo umbandela. Umqhubi weSifundo seMboniselo usebenzela ukukhuthaza wonke umntu ukuba abe nenxaxheba ngokukhuthaza ukulungiselela ngokobuqu nanjengentsapho.
5 ‘Njengabantu abafundiswa nguYehova,’ siyazixabisa “izipho ezingabantu,” ezinjengabaqhubi beSifundo seMboniselo, ‘abasebenza nzima . . . nasekufundiseni.’—Isa. 54:13; Efe. 4:8, 11; 1 Tim. 5:17.