“Qhelisela Umonde”
1 Njengokuba sikubona ukuphela kwenkqubo kaSathana endala kusondela ngokukhawuleza kangaka, kubalulekile ukuba “siqhelisele umonde” ngoxa silinde imini kaYehova yokuhlangulwa. Ngokukodwa kule mihla yokugqibela, imikhosi engendawo yotshaba izimisele ukuphambukisa ingqalelo yethu kweyona mbambano iphambili yolongamo lukaYehova yaye izama ukusiphazamisa ngothotho lwezilangazelelo zobuqu. Ngale ndlela, uSathana uya kusiqhatha ukuze sinikezele okanye siyekelele kumsebenzi wokushumayela uBukumkani. (Yak. 5:7, 8; Mat. 24:13, 14) Ziziphi iindlela esinokubonakalisa ngazo umonde ofunekayo?
2 Ngokunyamezela: Xa sijamelene nenkcaso okanye ukungabikho komdla kubulungiseleli bethu, unyamezelo luya kusinceda sizingise ekushumayeleni. Asisayi koyikiswa ngokulula okanye sicaphuke ukuba abantu esidibana nabo bakrwada okanye abanabubele. (1 Pet. 2:23) La mandla angaphakathi aya kusenza singathethi kakubi ngabantu abakwintsimi yethu ababonakala bengenamdla okanye abawuthiyileyo umsebenzi wethu, siqonda ukuba intetho enjalo iya kudimaza thina kunye nabo basebenza nathi kubulungiseleli.
3 Ngokuzingisa Ngomonde: Umonde esinawo unokuvavanywa ukuba emva kwengxubusho entle kubulungiseleli basentsimini, asiphindi simfumane ekhaya loo mntu unomdla. Kukwanjalo nangabo sifunda nabo ukuba barhuqa iinyawo ukwenza inkqubela okanye ukumela inyaniso. Noko ke, ukuzingisa ngomonde kusoloko kuvuzwa ngemiphumo emihle. (Gal. 6:9) Udade wabuyela kaninzi kwibhinqa eliselula ngaphambi kokuba kuqaliswe isifundo seBhayibhile. Kutyelelo lwezihlandlo ezihlanu zokuqala, eli bhinqa lalixakeke yeminye imisebenzi. Kwisihlandlo sesithandathu, lo dade emanzi tixi sisiphango, wafika kukhal’ ibhungane. Nakuba kunjalo, esazimisele ukunika eli bhinqa elinye ithuba, lo dade wabuyela waza walifumana eli bhinqa likulungele ukufunda. Emva koko, lo mfundi wenza inkqubela ngokuthe ngcembe yaye ngexesha elingephi wahlulela ubomi bakhe kuYehova.
4 Siyazi ukuba imini kaYehova ayiyi kuzilazila. Ngoko ke silindele kuye ukuba alawule izinto, sisazi ukuba umonde kaThixo uya kuvelisa isiqhamo esihle. (Hab. 2:3; 2 Pet. 3:9-15) Simele siqhelisele umonde njengokuba uYehova esenza size singanikezeli kubulungiseleli. “Ngokholo nomonde,” khangela kuYehova ukuze akuvuze ngokuzibhokoxa kwakho.—Heb. 6:10-12.