Abaveleli Abakhokelayo—Abaqhubi BeSifundo Sencwadi Sebandla
1 Lilungelo elibalaseleyo ngomdala ofanelekayo okanye isicaka solungiselelo ukukhonza njengomqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla. Ukunyamekela iintswelo zokomoya zabo bakwiqela lakhe yimbopheleleko enzulu. Imisebenzi yakhe intlu-ntathu.
2 Ubuchule Bokufundisa: Kufuneka umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla alungiselele ngokucokisekileyo ukuze adlulisele ulwazi kwelo qela veki nganye. Uzabalazela ukwakha uxabiso ngombandela ofundisiswayo. Kunokuba agqabaze ngokugqithiseleyo ebudeni besifundo, xa kuyimfuneko uya kubuza imibuzo engakumbi engqalileyo ukuze kuveliswe ezona ngongoma zesifundo zingundoqo. Usukelo lwakhe kukuba isifundo asenze sibangele umdla yaye sifundise yaye ingxubusho ibandakanye wonke ubani. Injongo yakhe kukwakha ngokomoya, ukubalaselisa imbaluleka yesifundo, nokwenza umbandela ufikelele ingqondo nentliziyo.—1 Tes. 2:13.
3 Amatyelelo Okwalusa Aluncedo: Umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla ‘unjengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni.’ (Isa. 32:2) Ubanyamekela ngokwenene bonke abaseqeleni lakhe aze aqinisekise ukuba xa omnye wabo abanyamekelayo edimazekile uyalufumana uncedo lokomoya.—Hez. 34:15, 16; 1 Tes. 2:7, 8.
4 Ukushumayela Ngenzondelelo: Umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla ukuphaphele ukwenza amalungiselelo asebenzisekayo abo bonke abaseqeleni lakhe ukuze babe nenxaxheba ngokuzeleyo kubulungiseleli basentsimini. Uyakhokela kumsebenzi wokushumayela, esazi ukuba ukubakho rhoqo, inzondelelo, nehlombe alibonisayo ngenkonzo liya kwasulela iqela liphela. (Kol. 4:17; 2 Tes. 3:9) Ngamaxesha athile, uzama ukusebenza nelungu ngalinye leqela lakhe enkonzweni. Ukuba sifuna ukuphucula ubuchule bethu bokushumayela nobokufundisa kubulungiseleli, umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla unokusinceda sifikelele usukelo lwethu.—1 Tim. 4:16; 2 Tim. 4:5.
5 Sisikelelwe ngokwenene ngezi zipho zikuhlobo lwabantu ezisoloko zikulungele ukusinika uncedo lokomoya nenkxaso yothando. (1 Tes. 5:14) Ngamana singabonisa uxabiso lwethu ngeli lungiselelo limangalisayo livela kuYehova ngokuba nenxaxheba rhoqo kwisifundo sencwadi nenkxaso yethu engagungqiyo kumsebenzi wokushumayela.—Heb. 10:25.