Imfundo Yehlabathi Nosukelo Lwakho Lokomoya
1 Ukufumana imfundo esisiseko efanelekileyo xa uselula kunokukwenza ube nobuchule obufunekayo bokufunda nokubhala kakuhle yaye uqonde ukuma kwelizwe, ezembali, izibalo nenzululwazi. Ngeli thuba, unokufunda indlela yokucinga ngokucacileyo, ukuhlalutya izibakala, ucombulule iingxaki nokuvelisa iingcinga eziluncedo. Imfundo enjalo inokukunceda kubo bonke ubomi bakho. Unokuyinxibelelanisa njani imfundo yakho yehlabathi nosukelo lwakho lokomoya ebomini ukuze ikuncede ufumane “ubulumko bobuqili namandla okucinga”?—IMize. 3:21, 22, NW.
2 Sebenziseka Enkonzweni KaThixo: Ngoxa usesesikolweni, nikela ingqalelo eklasini yaye uwenze kakuhle umsebenzi wakho owenzelwa ekhaya. Ukuba unobuchule bokufunda yaye unemikhwa emihle yokufundisisa, unokulihlolisisa lula ngakumbi iLizwi likaThixo yaye uzigcine womelele ngokomoya. (IZe. 17:11) Ulwazi oluphangaleleyo luya kukunceda unxulumane nabantu abanemvelaphi, umdla neenkolelo ezahlukahlukeneyo njengokuba udibana nabo kubulungiseleli. Imfundo oyizuza esikolweni iya kusebenziseka njengokuba uphumeza iimbopheleleko zakho zobuKristu kwintlangano kaThixo.—Thelekisa eyesi-2 kuTimoti 2:21; 4:11.
3 Funda Ukuzixhasa: Ukuba uyazibhokoxa, unokufunda ubuchule obufunekayo bokuphila emva kokuba ugqibile esikolweni. (Thelekisa eyoku-1 kuTimoti 5:8.) Zikhethe ngenyameko izifundo zakho. Kunokunikela ingqalelo kwicandelo elinamathuba ambalwa emisebenzi, cinga ngokufunda ubugcisa okanye ubuchule obuya kukwenza ufumane umsebenzi ofanelekileyo naphi na. (IMize. 22:29) Uqeqesho olunjalo luya kukwenza ukwazi ukuzixhasa xa ucinga ngokukhonza apho imfuneko inkulu khona.—Thelekisa IZenzo 18:1-4.
4 Ukufumana imfundo esisiseko esemgangathweni ngoxa usesesikolweni kunokukunceda wandise ubulungiseleli bakho. Zibhokoxe ukuze uzuze ubuchule obufunekayo bokuzixhasa ngoxa uhambela phambili enkonzweni kaYehova. Ngaloo ndlela isikolo siya kukunceda ekufikeleleni usukelo lwakho lokomoya.