Fumana Okona Kulungileyo Esikolweni
1 Njengoko unyaka uhambela phambili, ulutsha kuya kufuneka lwenze izigqibo ngezifundo zesikolo. Noxa nje kusenokubakho ucelomngeni namaxhala athile ahambisana nokuhamba isikolo, azinganganto iingenelo ezinokufunyanwa ngabantu abaselula abazibhokoxayo ukuze bafumane okona kulungileyo kwimfundo yabo.
2 Imfundo esisiseko esemgangathweni inokuba negalelo kwinkqubela yakho yokomoya. Oko kwenziwa ngumntu ngoxa eselula kunokuthanani noko anokukuphumeza akuba mdala. Kwanaxa sithetha ngemfundo, “nantoni na umntu ayihlwayelayo, uya kuvuna kwayona.” (Gal. 6:7) Ulutsha oluzibhokoxayo kwizifundo zalo zesikolo lunokufumana ubugcisa obuya kulwenza lube luncedo kakhulu kuYehova.
3 Ukuzikis’ ukucinga kuyafuneka ukuze wenze ukhetho oluchanileyo lwezifundo zesikolo. Abazali bafanele babancede abantwana babo bakhethe ezo ziya kubanika uqeqesho olusebenzisekayo ukuze bafikelele usukelo lokomoya ebomini. Ngokusebenzisa ubugcisa balo, ulutsha luya kukwazi ukuzixhasa kumsebenzi wobuvulindlela. Imfundo yalo esisiseko ifanele iluncede ludumise uYehova nokuba lukweyiphi na inkonzo.
4 Nina baselula, zamani ukufumana okona kulungileyo kwiminyaka yenu yokuhamba isikolo. Njengoko nisenjenjalo, nikelani ingqalelo ekuphileni ubomi benu bonke kwinkonzo engcwele kunokuba nifune umsebenzi wehlabathi. Zabalazelani ukusebenzisa ubomi benu bonke ekwenzeni ukuthanda kukaYehova. Ngokwenjenjalo, niya kuba nempumelelo, kuze kudunyiswe uYehova.—INdu. 1:3.