Unqulo Lokwenyaniso Luyanda EMpuma Yurophu
1 AmaKristu enkulungwane yokuqala ayengabashumayeli boBukumkani abanenzondelelo. Ayevuya xa amabandla ‘ayesanda ngenani imihla ngemihla.’ (IZe. 16:5) Ukushumayela kwawo ngenkalipho kwadlulisela unqulo lokwenyaniso eAsia, eAfrika naseYurophu, nto leyo eyaphumela kwisivuno samakholwa amaninzi.
2 Kweli xesha lesiphelo, unqulo lokwenyaniso luyaqhubeka lusanda, ingakumbi kumazwe aseMpuma Yurophu. Kumazwe apho umsebenzi wethu ububekelwe imiqathango karhulumente de kwasebutsheni beminyaka yee-1990, ngoku sibona ulwando olwaphul’ izikeyi. Incwadi Yonyaka Yowe-1999 ibonisa ukuba amabini kuloo mazwe yiRashiya neUkraine, ngalinye linengxelo yabavakalisi abangaphezu kwe–100 000 abaye banesabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni. Kwimihlaba eli-15 yendawo eyayisakuba yiSoviet Union, ukususela ngowe-1991 bangaphezu kwama-220 000 abantu abaye bazahlulela kuYehova baza babhaptizwa! Olu lwando lukhawulezileyo lubangele ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani neeHolo zeNdibano ezintsha kwaza kwandiswa neqela lezakhiwo zesebe.
3 Inxalenye Yengxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani ngoku isetyenziselwa ukubolekisa ngemali kumazwe anemfuno engxamisekileyo yeeHolo zoBukumkani kodwa enobuncwane obungengakanani neengxaki ezinzima zezoqoqosho. Phakathi kukaMatshi 1996 no-Oktobha 1998, uMbutho uye wagunyazisa izicelo zemali-mboleko zokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani ezingama-359 kumasebe eeofisi avelela amazwe ali-11 aseMpuma Yurophu. Iminikelo yemali isetyenziselwa ukuthenga umhlaba nezinto zokwakha iiHolo zoBukumkani nokunceda amabandla ekuhlaziyeni izakhiwo esele zikho. Imifanekiso eboniswe apha isithela thsuphe ngendlela abaye bancedwa ngayo abazalwana baseMpuma Yurophu yiminikelo Yengxowa-mali YoMbutho YeeHolo ZoBukumkani yaseUnited States neyamanye amazwe.
4 Ebudeni bowe-1998, iBulgaria iye yanolwando lwe-12 ekhulwini, yaye abazalwana babechukumisekile xa kwanikezelwa iHolo yoBukumkani yabo yokuqala ngoAprili waloo nyaka. ICroatia iye yanolwando lwesi-4 ekhulwini, yaye kungokunje abazalwana apho bakha iiHolo zoBukumkani ezingakumbi ukuze bahambisele phambili unqulo olunyulu. EHungary iiHolo zoBukumkani ezimalunga nama-80 zisetyenziswa ngamabandla ali-144. Oku kuthetha ukuba kumabandla angama-235 akwelo lizwe, angama-61 ekhulwini aneendawo zawo zokunqula. EMacedonia ngenkqubo yokwakhiwa kweeHolo zoBukumkani kuye kwakhiwa iiholo ezimbini ezintsha, yaye kusakhiwa ezingakumbi. Ngehlobo lowe-1999, kwagqitywa iHolo yoBukumkani enamacandelo amabini kwisixeko esilikomkhulu saseSkopje. Le holo inkulu kangangokuba inokusetyenziswa ubuncinane ngamabandla amathandathu.
5 Ngokwesilinganiso kunyaka ophelileyo eRashiya, bekubhaptizwa abantu abangaphezu kwama-260 veki nganye! Lilandela emanyathelweni amanye amazwe, isebe laseRashiya ngoku liye lalungelelanisa iiKomiti Zokwakha Zenqila ezili-12 kuwo wonke umhlaba walo omkhulu, ukuze lixhase umsebenzi wakwakha iiHolo zoBukumkani kwixesha elizayo. Kummandla osemantla weSt. Petersburg, kwakhiwa iHolo yeNdibano yokuqala yelo lizwe, eya kuhlala abantu abali-1 600. Esi sakhiwo siya kuquka iiHolo zoBukumkani ezintlanu eziya kuba nezihlalo ezingama-200 inye. Ukuze kwaneliswe iimfuno zokomoya zabazalwana bethu nabanye abaninzi abanomdla eUkraine, sekwakhiwe iiHolo zoBukumkani ezingama-84 yaye ezingama-80 zisakhiwa.
6 Ngaba alusivuyisi olu lwando lwaseMpuma Yurophu? Kungakhathaliseki apho sihlala khona, ukwanda konqulo olunyulu kusikhumbuza ukuba uThixo akakhethi buso yaye umonde wakhe uya kuthetha ukusindiswa ‘kwesihlwele esikhulu.’ (ISityhi. 7:9; 2 Pet. 3:9) Elinjani ilungelo esinalo ngokuba negalelo elincinane ekukhuleni kwabanye ngokomoya, kwanabo bakumazwe akude! IMizekeliso 28:27 isiqinisekisa isithi “opha ihlwempu akasweli.” Ukulungela kwethu ukunceda ekugubungeleni ezi ndleko zokwakha kuphumela ‘ekulinganeni’ ngokwezinto eziphathekayo, kwenza bonke banandiphe uyolo lokupha novuyo lokubona unqulo olunyulu lusanda ehlabathini lonke.—2 Kor. 8:14, 15; IZe. 20:35.
[Picture on page 3]
Săcele, Romania
[Picture on page 3]
Maardu, Estonia
[Picture on page 3]
Sevnica, Slovenia
[Picture on page 3]
Tiszavasvári, Hungary
[Picture on page 4]
Jūrmala, Latvia
[Pictures on page 4]
Tallinn, Estonia
[Picture on page 4, 5]
Taurage, Lithuania
[Pictures on page 4, 5]
Belgrade, Yugoslavia
[Pictures on page 5]
Prievidza, Slovakia
[Picture on page 5]
Mátészalka, Hungary
[Pictures on page 6]
Vranov nad Topl’ou, Slovakia
[Picture on page 6]
Ruma, Yugoslavia
[Pictures on page 6]
Tornakalns, Latvia