“Ilizwi Elithethwe Ngexesha Elifanelekileyo”
1 Ngaba ukwabelana nabanye ngesigidimi sobomi kulucelomngeni kuwe? Ngaba uvakalelwa kukuba ufanele uthethe into ethile ekhethekileyo ukuze uchukumise abo bakuphulaphuleyo? Xa uYesu wathuma abafundi bakhe, wabaxelela esithi: “Njengoko nihamba, shumayelani, nithi, ‘ubukumkani bamazulu busondele.’” (Mat. 10:7) Esi sigidimi sasingantsonkothanga yaye kwakulula ukwabelana nabanye ngaso. Akukho mahluko nanamhlanje.
2 Ngokuqhelekileyo kudla ngokufuneka nje amazwi ambalwa ukuqalisa incoko. Xa uFilipu wadibana nethenwa elingumTiyopiya, wabuza: “Uyakwazi na okunene oku ukufundayo?” (IZe. 8:30) Enjani ukuvuza ingxubusho eyaba ngumphumo ‘welizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo’!—IMize. 25:11.
3 Unokusebenzisa indlela efanayo kubulungiseleli bakho. Njani? Ngokuba neliso elibukhali nangokukhetha amazwi aya kufanela iimeko. Buza umbuzo, uze uphulaphule impendulo.
4 Imibuzo Esisiseko: Ukuze uqalise incoko, unokuzama nawuphi na wale mibuzo:
◼ “Ngaba uyawenza uMthandazo weNkosi (okanye, uBawo Wethu wasezulwini) xa unqula?” (Mat. 6:9, 10) Cengceleza inxalenye yawo, uze wandule ke uthi: “Abanye abantu babuza ukuba: ‘Ngubani eli gama likaThixo awathi uYesu lifanele lingcwaliswe (okanye, lizukiswe)?’ Abanye bayabuza, ‘Yintoni obu Bukumkani wathi uYesu masibuthandazele?’ Ngaba uye wazifumana iimpendulo ezanelisayo kule mibuzo?”
◼ “Ngaba wakha wazibuza oku: ‘Iyintoni injongo yobomi?’” Bonisa ukuba oku kuyahambisana nokwazi uThixo.—INtshu. 12:13; Yoh. 17:3.
◼ “Ngaba ucinga ukuba ukufa kuya kuze kuphele?” Sebenzisa uIsaya 25:8 neSityhilelo 21:4 ukuze uphendule ngendlela efanelekileyo.
◼ “Ngaba sikho isicombululo esilula kwingxubakaxaka esehlabathini?” Bonisa ukuba uThixo ukufundisa ukuba “umthande ummelwane wakho.”—Mat. 22:39.
◼ “Ngaba intlekele enkulu yamandla endalo iya kutshabalalisa umhlaba wethu ngenye imini?” Yabelana ngesithembiso seBhayibhile sokuba umhlaba uya kuma ngonaphakade.—INdu. 104:5.
5 Shumayela iindaba ezilungileyo ngendlela elula, engqalileyo nenobubele. UYehova uya kuyisikelela imigudu yakho yokwabelana nabanye ‘ngelizwi’ lenyaniso.