IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/00 iphe. 3
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Ningabalibali Abapholileyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • “Buyelani Kum”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Bancede Babuyele Emhlambini Ngokukhawuleza!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
km 11/00 iphe. 3

Isingxobo Semibuzo

◼ Unokuncedwa njani mntu obephole ixesha elide ukuba aphinde afaneleke njengomvakalisi weendaba ezilungileyo?

Xa umntu opholileyo enikela ubungqina bokuba unomdla osuka entliziyweni wokukhonza uYehova, esi sisizathu sokuvuya. (Luka 15:4-6) Kusenokwenzeka ukuba, loo mntu waye wavumela inkcaso okanye ingcinezelo yobomi iphazamise isifundo sakhe sobuqu, ukuya kwiintlanganiso nokuba nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini. Lunokunikelwa njani uncedo lobuqu ukuze enze inkqubela ngokomoya?

Sonke sifanele sithabathe inyathelo lokuqala ukuqinisekisa loo mntu ngothando lwethu lobuKristu olungazenzisiyo. Abadala baya kukhawuleza ukunyamekela iintswelo zakhe zokomoya. (Yak. 5:14, 15) Ukuba ebephole ixesha elifutshane, uncedo lomvakalisi onamava lusenokuba kuphela kwento efunekayo ukuze aphinde aqalise kwinkonzo yasentsimini. Noko ke, ukuba loo mntu upholileyo akakhange anxulumane nebandla ixesha elide, ngokuqinisekileyo kuya kufuneka uncedo olungakumbi. Ukuze kwakhiwe ukholo noxabiso, kusenokufuneka aqhutyelwe isifundo sobuqu seBhayibhile kwimpapasho ethile. Kwimeko enjalo, umveleli wenkonzo uya kulungiselela ukuba umvakalisi onamava amqhubele isifundo. (Heb. 5:12-14; bona Isingxobo Semibuzo esikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 1998.) Ukuba kukho umntu omaziyo ofuna uncedo olunjalo, thetha nomveleli wenkonzo webandla lakho.

Ngaphambi kokuba nimmeme ukuba abe nesabelo kubulungiseleli umntu obephole ixesha elide, kucebiseka ukuba abadala ababini badibane naye ukuze babone enoba usafaneleka kusini na njengomvakalisi woBukumkani. Baya kulandela indlela efanayo naleyo isetyenziswa xa kuhlolwa abo basebatsha bafuna ukufaneleka njengabavakalisi beendaba ezilungileyo. (Bona IMboniselo, kaNovemba 15, 1988 iphepha 17.) Loo mntu upholileyo ufanele abe nomnqweno onyanisekileyo wokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo. Kwakhona ufanele ahlangabezane neemfaneleko ezisisiseko ezandlalwe kwiphepha 97-9 lencwadi ethi Ubulungiseleli Bethu yaye abekho rhoqo kwiintlanganiso zebandla.

Ukuba nocwangciso oluhle lokomoya kuya kwenza lukhulu ukunceda lowo ubuyayo ukuba omelele ngokomoya yaye alondoloze ulwalamano lwakhe oluxabisekileyo noYehova aze aqhubeke ehamba endleleni esa kubomi obungunaphakade. (Mat. 7:14; Heb. 10:23-25) ‘Umgudu wakhe wokunyaniseka’ nokukhulisa iimpawu zobuKristu eziya kuhlala zihleli ziya kumthintela ukuba angaze aphinde ‘angasebenzi nto okanye angabi nasiqhamo’ kwakhona njengomfundi ongumKristu.—2 Pet. 1:5-8.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share