Ningabalibali Abapholileyo
1. Kutheni sifanele sizabalazele ukufikelela abantu abapholileyo?
1 Ngaba ukho umntu oqhelene naye opholileyo? Mhlawumbi uyekile ukuza kwiintlanganiso zebandla waza wakhukuliseka. Kusenokwenzeka ukuba uye wadibana nomntu onjalo xa ubushumayela kwindlu ngendlu. Simele sikhumbule ukuba loo mntu usengumzalwana wethu wokomoya. Sifuna ukumqinisekisa ukuba siyamthanda size simncede abuyele ebandleni ‘nakumalusi nomveleli wemiphefumlo yethu.’—1 Pet. 2:25.
2. Sinokumkhuthaza njani umntu opholileyo?
2 Yiba Nomdla: Ukumfowunela okanye ukumtyelela ngokufutshane lowo upholileyo kunokumqinisekisa ukuba asimlibalanga. Yintoni esinokuyithetha kuye? Sinokumkhuthaza ngokumchazela ukuba besicinga ngaye. Sifanele sigcine incoko yethu iyeyakhayo. (Fil. 4:8) Sinokukhankanya ingongoma ethile esiye sayifumana kwintlanganiso yakutshanje. Sinokude simmemele kwintlanganiso ezayo okanye endibanweni, simchazele ukuba siza kumbekela isihlalo okanye siza kumlungiselela into yokuhamba.
3. Wavuselelwa njani omnye udade?
3 Kwakha kwadityanwa nomnye udade owayesele eneminyaka engama-20 epholile entsimini. Nangona engazange avume ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, udade owayemtyelele waqhubeka esiya kuye, emshiyela amaphephancwadi amatsha. Emva kwendibano yesithili, lo mvakalisi wambalisela ngezinto azifunde endibanweni, ibe ekugqibeleni wavuseleleka.
4. Sifanele simphathe njani umntu oqalisa ukuza kwiintlanganiso zebandla?
4 Xa Umntu Ebuya: Xa umzalwana opholileyo eqalisa ukuza ezintlanganisweni, sifanele simphathe njani? Kanene, uYesu wabaphatha njani abafundi bakhe emva kokuba bekhe bamshiya okwethutyana? Ngothando wababiza ‘abazalwana’ bakhe waza wababonisa ukuba uyabathemba. Wada wabanika isabelo esibalulekileyo. (Mat. 28:10, 18, 19) Kungekudala emva koko, baxakeka kukushumayela iindaba ezilungileyo “ngaphandle kokuyekelela.”—IZe. 5:42.
5. Chaza iimeko ekusenokufuneka sichazele abadala kuzo ngomntu opholileyo esidibana naye.
5 Ngaphambi kokuba simqhubele isifundo umntu onexesha elide epholile okanye ngaphambi kokuba simmeme ukuba aye nathi entsimini, sifanele sicele ulwalathiso lwabadala. Xa sidibana nomvakalisi opholileyo entsimini, sifanele sichazele abadala ukuze bamnike uncedo olumfaneleyo.
6. Yintoni enokusivuyisa xa sinceda abantu abapholileyo?
6 Njengoko iBhayibhile ibonisa, ngabo babaleka ugqatso baye kulugqiba abaya kusindiswa. (Mat. 24:13) Ngoko ke, ungabalibali abo bakhubekileyo baza bawa okanye abaye bakhukuliseka. Xa ngomonde sibonakalisa uthando lukaYehova ngokuba nomdla kwabapholileyo, sinokuvuyiswa kukubabona bephinda baqalise inkonzo engcwele kunye nathi.—Luka 15:4-10.