IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/05 iphe. 7
  • Uthini Xa Uphendulwa Ngumatshini Wokushiya Imiyalezo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Uthini Xa Uphendulwa Ngumatshini Wokushiya Imiyalezo?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukunikela Ubungqina Ngokunempumelelo Ngomnxeba
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Isingxobo Semibuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
  • Kutheni Ndimele Ndiye KwiHolo YoBukumkani?
    Ulutsha Luyabuza
  • Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela​—⁠Khuthaza Abanomdla Ukuba Baye Kwiintlanganiso
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yeentlanganiso (2016)
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 12/05 iphe. 7

Uthini Xa Uphendulwa Ngumatshini Wokushiya Imiyalezo?

Ifowuni iyanceda xa ushumayela kubantu abangafumanekiyo ekhaya okanye abahlala kwindawo engafikeleleki lula. Noko ke, abantu abaninzi abayiphenduli ifowuni—baphendulelwa ngumatshini wokushiya imiyalezo (answering machine). Yintoni onokuyenza xa uphendulwa ngumatshini? Ungayibeki phantsi ifowuni. Funda intshumayelo obuyibhale phantsi waza wayiqhelisela ukuze ukwazi ukuyifunda buncoko. Yintoni onokuyithetha?

Unokummema ngobubele umninimzi ukuba eze kwiNtlanganiso Yesidlangalala elandelayo kwiHolo yoBukumkani. Mhlawumbi unokuthi: “Igama lam ngu_________. Bendikhe ndazama ukukufowunela kodwa ngelishwa andikhange ndikufumane. Ukuba ungathanda ukuphulaphula ingxubusho esekelwe eBhayibhileni enomxholo othi [chaza umxholo wentetho yesidlangalala], nceda uye kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Wonke umntu wamkelekile. Akukho nkongozelo.” Emva koko mchazele usuku nexesha lale ntlanganiso, uze umchazele indawo ekuyo iHolo yoBukumkani.

Yiba neliso kubo nabaphi na abantu abaqalayo ukuza kwiintlanganiso, bamkele uze uzazise kubo. Ungalibali ukucela ukubaqhubela isifundo seBhayibhile!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share