IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/01 iphe. 4
  • Yiba Ngumenzi Owonwabileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yiba Ngumenzi Owonwabileyo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • “Abenzi Belizwi” Abavuyayo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Angabantu Abavuyayo—Abangelwa Yintoni?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Uvuyo LukaYehova Ligwiba Lethu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Uvuyo​—⁠Uphawu Esilufumana KuThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 1/01 iphe. 4

Yiba Ngumenzi Owonwabileyo

1 UYesu wathi ebudeni bobukho bakhe, abantu abaninzi ‘babengayi kunikela ngqalelo,’ kanye njengokuba kwakunjalo ngemihla kaNowa. (Mat. 24:37-39) Ngenxa yoko, kulindeleke ukuba abantu abaninzi bangaziphulaphuli iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Yintoni enokusinceda silondoloze umoya wovuyo njengokuba siphumeza ubulungiseleli bethu?—INdu. 100:2.

2 Okokuqala, sifanele sihlale sikhumbula ukuba isigidimi nothumo lwethu lokushumayela zivela kuThixo. Nakuphi na ukungasabeli kwabantu kubulungiseleli, phezu kwayo nje imigudu yethu esemagqabini, kukuchasa uYehova. Ukukhumbula ukuba ukushumayela kwethu ngokuthembeka kuyamkholisa kuya kusinceda silondoloze uvuyo lwethu nolonwabo njengabenzi belizwi likaThixo.—Yak. 1:25.

3 Okwesibini, basekho abantu abaya kuyamkela indlela kaYehova yokusindisa. Nangona uninzi lwabantu lusenokuchasa, kanye ngoku kusekho abantu ababumvu ekufuneka bahlanganiswe, ebudeni bexesha lesiphelo. Kufuneka siqhubeke sishumayela, siye “nakusiphi isixeko okanye idolophana” ‘sifunisise ukuba ngubani na ofanelekayo kuyo.’—Mat. 10:11-13.

4 Yiba Nesimo Sengqondo Esilungeleleneyo: Ingxelo embi yonqulo lobuxoki iye yabadimaza abanye. Abanye ‘bahlinzekile, balahliwe’ yile nkqubo yezinto. (Mat. 9:36) Abanye basenokuxhalatyiswa kukungaqeshwa, yimpilo ukunganqabiseki. Ukukuqonda oku kuya kusinceda sizingise emsebenzini wethu. Zama ukuqalisa iincoko ezixubusha ngezinto ezixhalabisa abantu kwintsimi yethu. Bancede babone ukuba uBukumkani bukaThixo bukuphela kwesicombululo. Sebenzisa iZibhalo neengongoma ezithile kwiimpapasho ukuze ubafikelele iintliziyo ngeendaba ezilungileyo.—Heb. 4:12.

5 Abenzi abonwabileyo belizwi likaThixo basoloko bekhumbula ukuba: “Uvuyo lukaYehova ligwiba [lethu].” (Neh. 8:10) Asikho isizathu sokuba siphulukane novuyo lwethu. “Ukuba indlu leyo iyafaneleka, uxolo eniyinqwenelela lona malube kuyo; kodwa ukuba ayifaneleki, uxolo lwenu malubuyele kuni.” (Mat. 10:13) UYehova uyaluhlaziya uvuyo namandla ethu njengokuba sinyamezela ngomonde kwinkonzo yakhe engcwele, yaye uyakusikelela ukuthembeka kwethu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share