IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/01 iphe. 1
  • “KuThixo Izinto Zonke Zinako Ukwenzeka”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “KuThixo Izinto Zonke Zinako Ukwenzeka”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • “Ayinakwenzeka Loo Nto!”—Kuthetha Ukuthini Oko?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • ‘Ezi Ndaba Zilungileyo Ziya Kushunyayelwa’!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Ngaba Kwenzeke Ngamandla Abantu? Okanye Ngomoya KaThixo?
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • Kukhuthalele Ukushumayela NjengoYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 4/01 iphe. 1

“KuThixo Izinto Zonke Zinako Ukwenzeka”

1 Owona msebenzi ungundoqo webandla lamaKristu kukushumayela isigidimi soBukumkani emhlabeni wonke. (Mat. 24:14) Lowo ngumsebenzi omkhulu. Kubantu ababukeleyo abaninzi, kubonakala ngathi kufuneka ubuncwane obungaphezu kobo esinabo. Kwabanye, ukwenza lo msebenzi yinto engenakwenzeka kuba sizizisulu zokugculelwa, zokuchaswa nokutshutshiswa. (Mat. 24:9; 2 Tim. 3:12) Abantu abathandabuzayo beyisekile lelokuba lo msebenzi awunakufezwa. Noko ke, uYesu wathi: “KuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.”—Mat. 19:26.

2 Imizekelo Emihle Yokuxeliswa: UYesu waqalisa ubulungiseleli bakhe eyedwa nxamnye nale nkqubo yezinto. Abachasi bazama ukumthintela, ngokumgculela ngazo zonke iindlela ezithob’ isidima, ekugqibeleni bambulala ngokungcungcuthekisayo. Kanti ekugqibeleni, ngentembelo uYesu wathi: “Mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yoh. 16:33) Eneneni eso yayisisenzo esincomekayo!

3 Abafundi bakaYesu babonisa inkalipho nenzondelelo efanayo kubulungiseleli bamaKristu. Abaninzi bakatswa, babethwa, bavalelwa entolongweni bade babulawa. Kanti, ‘babenemihlali ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.’ (IZe. 5:41) Ngoxa iimeko zazingabavumeli, baphumeza umsebenzi owawubonakala ungenakwenziwa wokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo “kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.”—IZe. 1:8; Kol. 1:23.

4 Indlela Yokuphumelela Kumhla Wethu: Ngokufanayo nathi siye sashumayela ngoBukumkani ngenzondelelo phezu kwayo nje imiqobo ebibonakala inzima. Phezu kwako nje ukuvalwa komsebenzi, intshutshiso, ukuvalelwa entolongweni neminye imigudu yogonyamelo yokusiyekisa, siyaphumelela. Kwenzeka njani oku? “‘Akungamkhosi wamajoni, kungengamandla, kodwa kungomoya wam,’ utsho uYehova wemikhosi.” (Zek. 4:6) Ekubeni sixhaswa nguYehova, ayikho into enokuphazamisa umsebenzi wethu!—Rom. 8:31.

5 Xa sishumayela, asinasizathu sokuba neentloni okanye soyike okanye sizive singafaneleki. (2 Kor. 2:16, 17) Sinezizathu ezivakalayo zokuba sityhalele phambili kumsebenzi wokusasaza iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Ngoncedo lukaYehova, siya kufeza oko ‘kungenakwenzeka’!—Luka 18:27.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share