“Ayinakwenzeka Loo Nto!”—Kuthetha Ukuthini Oko?
ITITANIC, eyagqitywa ukwenziwa ngo-1912, yayiyeyona nqanawa inkulu ngelo xesha neyayinobutofotofo. Ngenxa yendlela eyayakhiwe ngayo, kwakusithiwa “ayiziki.” Okwenzekayo, kwaba yimbali. Kuhambo lwayo lokuqala, yantlitha intaba yomkhenkce kuMntla wolwandle lweAtlantic yaza yazika nabantu abali-1500. Inqanawa ekwakusithiwa ayiziki yaya kutshona zwabha enzonzobileni yolwandle kwisithuba nje seeyure ezimbalwa.
Igama elithi “ayinakwenzeka loo nto” linokuthetha izinto eziliqela. Sinokubhekisela entweni njengengenakwenzeka kuba sivakalelwa ukuba loo nto ingaphaya kwamandla ethu, ukuba singayenza okanye singayiqonda. Izinto ezininzi zobugcisa zanamhlanje, ezazijongwa njengezingenakwenzeka ngaxa lithile, kuba ngelo xesha abantu babengakwazi ukuzenza okanye ukuzibona kusengaphambili. Ukuya komntu enyangeni, isiphekepheke esiya kwisijikelezi langa uMars nokusilawula useMhlabeni, ukufumanisa imizila yemfuza, ukubukela iindaba ezenzeka kwenye idolophu okanye ehlabathini—kwiminyaka engama-50 eyadlulayo, ezi zizinto ebezichazwa njengezingenakwenzeka. Loo mbandela washwankathelwa ngowayesakuba ngumongameli waseMerika uRonald Reagan kwintetho yakhe awayinikela kwizazi nzulu: “Nina bezobuchwepheshe, niye nenza izinto ebekusithiwa ngezolo azinakwenzeka.”
Ebona izinto ezimangalisayo eziye zenziwa, uNjingalwazi uJohn Brobeck uthi: “Inzululwazi ayisakwazi ukutsho ngokuqinisekileyo ukuba into ethile ayinakwenzeka. Inokusuka nje ithi isenokungenzeki. Kodwa inako ukuthi into ethile ayinakwenzeka ngenxa yolwazi olukhoyo ngelo xesha.” Lo njingalwazi uthi ukuba into ethile ibonakala ingenakwenzeka kuthi, “into ekuza kufuneka singayilibali ngamandla angabonakaliyo esingawaziyo thina kwezenzululwazi. KwiZibhalo lo mthombo wamandla waziwa njengamandla kaThixo.”
Zonke Izinto Zinako Ukwenzeka KuThixo
Kwanangaphambi kokuba uNjingalwazi uBrobeck afumanise oku, uYesu waseNazarete, nochazwa njengeyona ndoda ibalaseleyo eyakhe yaphila, wathi: “Izinto ezingenakwenzeka kubantu zinokwenzeka kuThixo.” (Luka 18:27) Umoya oyingcwele kaThixo ngawona mandla abalaseleyo kwindalo iphela. Awunakulinganiswa nanto. Umoya oyingcwele unokusinceda ukuba senze izinto esingena kuzenza ngamandla ethu.
Ekubeni singabantu, amaxesha amaninzi sizifumana siphantsi kweemeko esivakalelwa kukuba asinakukwazi ukujamelana nazo. Ngokomzekelo, sisenokuswelekelwa ngumntu esimthandayo okanye ubomi bentsapho bubangele uxinezeleko kangangokuba siphelelwe lithemba. Mhlawumbi sizive singamaphokaphalala angento yanto. Yintoni esinokuyenza?
IBhayibhile ithi umntu okholwayo kuMongami wendalo iphela aze athandazele umoya Wakhe oyingcwele ngoxa esenza konke okusemandleni akhe ukuMkholisa unokulufumana uncedo lokoyisa imiqobo ebonakala ingena kusuka. Phawula amazwi kaYesu aqinisekisayo athi: “Inene ndithi kuni nabani na othi kule ntaba, ‘Funquka uze uphoseke elwandle,’ yaye engathandabuzi entliziyweni yakhe kodwa enokholo lokuba oko akutshoyo kuza kwenzeka, kuya kuba njalo kanye.” (Marko 11:23) Akukho nokuba ibenye imeko ekungenakwenzeka ukuba inganyamezeleki okanye esingenakumelana nayo ukuba sivumela amandla eLizwi likaThixo nomoya wakhe uphembelele ubomi bethu.
Ngokomzekelo, khawuqwalasele indoda ebitshate kangangeminyaka engama-38 neyathi yabhujelwa ngumfazi ngenxa yomhlaza. Intliziyo yayilihlwili. Yavakalelwa kukuba yayingenakukwazi ukuphila kule meko. Ayebakho amaxesha apho yayifuna ukufa kunokuba iqhubeke iphila ngaphandle kwakhe. Ithi yayivakalelwa ukuba ihamba kwintlambo emnyama. Xa ikhangela emva, ikholelwa ukuba ukuthandaza uneenyembezi nokulufuna ngokunyaniseka ukhokelo lomoya kaThixo, kwanceda yakwazi ukumelana naloo meko yayicinga ukuba ayinakukwazi ukumelana nayo.
Umtshato wesinye isibini wawujongene neengxaki. Umyeni wayenogonyamelo neminye imikhwa emibi. Ubomi bomfazi babukrakra. Wazama ukuzibulala. Kamva, indoda yaqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Oko yakufundayo kwayinceda yoyisa imikhwa yayo emibi nomsindo. Umfazi wayo wasala ebamb’ ongezantsi lutshintsho “olwalubonakala lungenakwenzeka.”
Enye indoda ichaza ubomi bayo bokuzibhubhisa ngeziyobisi nemilinganiselo yayo yokuziphatha emibi njengomhadi ongena kuphuma kuwo. Ithi: “Ndaphelelwa sisidima.” Yathandaza ngokusuk’ emazantsi entliziyo yathi: “Nkosi, ndiyazi ukuba ukho. Ndicela undincede!” Umthandazo wayo wakhokelela ekubeni ifunde iBhayibhile namaNgqina kaYehova, esathi kamva sakhokelela ekubeni yenze utshintsho olungakholelekiyo ebomini bayo. Ithi: “Izihlandlo ngezihlandlo bendinomva ndedwa ndiziva ndinetyala yaye ndingento yanto. Ngamanye amaxesha ndandikhe ndive umoya wam uphantsi ngeyona ndlela. Sekunjalo, iLizwi likaThixo liye landinceda ekulweni nezo mvakalelo ziphazamisayo. Xa ndiphuthelwe, ndandiye ndizikhumbuze ngeZibhalo endiye ndazifunda. Oku kucamngca ngezibhalo kwayicoca ingqondo yam.” Ngoku loo mfo wonwabile emtshatweni wakhe. Yena nomfazi wakhe banceda abanye ukuba nabo babe nentembelo kumandla eLizwi likaThixo. Ekubeni wayesebugxwayibeni xa wayeselityendyana, wayengayicingi ukuba angaphila ngendlela aphila ngayo ngoku.
La mava abonisa ukuba iLizwi likaThixo linamandla yaye umoya wakhe oyingcwele unokubangela izinto “ezibonakala zingenakwenzeka” ebomini bethu zenzeke. Kodwa usenokuthi, “Oku kufuna ukholo!” Ewe, oko kuyinyaniso. Eneneni, iBhayibhile ithi: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle [uThixo].” (Hebhere 11:6) Kodwa khawucinge ngale ndlela: Umhlobo olungileyo, mhlawumbi umphathi webhanki okanye umntu osegunyeni, uthi: “Ungakhathazeki. Ukuba kukho nantoni oyifunayo, yiza kum.” Ngaphandle kwamathandabuzo eso sithembiso siya kukuthuthuzela. Noko ke, okubuhlungu kukuba amaxesha amaninzi abantu abakwazi kuzifezekisa izithembiso zabo. Mhlawumbi umhlobo wakho ugagana neemeko ezimenza angakwazi ukusizalisekisa isithembiso sakhe. Ukuba umhlobo wakho unokusweleka, akanakukwazi ukukunceda. Kwelinye icala, izinto eziye zabehlela abantu azinako ukumchaphazela kuThixo. IBhayibhile isiqinisekisa isithi: “Akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo.”—Luka 1:37, IBhayibhile yesiXhosa.
“Uyakukholelwa Na Oku?”
Iziganeko ezininzi ezibonisa ubunyani bala mazwi asekugqibeleni kwesiqendu esingasentla buchazwe eBhayibhileni. Khawuhlolisise le mizekelo.
Inkosikazi eyayineminyaka engama-90 ubudala egama linguSara yahleka xa yaxelelwa ukuba iza kuba nosana oluyinkwenkwe, kodwa uhlanga lwamaSirayeli libubungqina bobunyaniso bala mazwi. Indoda eyaginywa yintlanzi enkulu, yaqhubeka iphila esiswini saloo ntlanzi iintsuku ezintathu, yaye yiyo eyabhala elo bali. Igama layo yayinguYona. ULuka, ugqirha owayekwazi ukwahlula phakathi komntu xa engekho zingqondweni naxa eswelekile, wabhala ngoYutiko, umfana oselula, owathi ehleli efestileni kwigumbi eliphezulu waphuncuka waya kubetheka ezantsi wabhubha kodwa wabuyiselwa ebomini. Ezi ayizontsomi. Ukuhlola nganye kwezi ngxelo kuya kuqinisekisa ukuchana kwazo.—Genesis 18:10-14; 21:1, 2; Yona 1:17; 2:1, 10; IZenzo 20:9-12.
UYesu wathetha lamazwi amangalisayo kumhlobokazi wakhe uMarta: “Wonk’ ubani ophilayo aze abonise ukholo kum akasayi kuze afe konke konke.” Esongeza phezu kwesi sithembiso sibonakala singenakwenzeka wabuza lo mbuzo: “Uyakukholelwa na oku?” Usabalulekile lo mbuzo nakuthi namhlanje.—Yohane 11:26.
Ukuphila Ngonaphakade Emhlabeni—Ngaba Oku Akunakwenzeka?
Kwiphepha elingokomthetho eliphathelele ukuphila ixesha elide, ababhali baphawula benjenje: “Lisenokuba alikho kude ixesha apho kusenokwenzeka ukuba siphile ixesha elide ngakumbi kunangoku—mhlawumbi ngonaphakade.” IThe New Encyclopædia Britannica ithi endaweni yokuba ibe kukonakala kweeseli okanye ezinye iinkqubo zomzimba ezibangela ukufa, kukho omnye unobangela wokufa ongaziwayo obangela iinkqubo zomzimba ziyeke ukusebenza.a Ithi: “Kusenokwenzeka ukuba ukwaluphala komntu akubangelwa kukonakala kwenkqubo entsonkothileyo yokusebenza komzimba.”
Nangona oku kubangela umdla, iBhayibhile isinika isizathu esinamandla nangakumbi sokukholelwa ukuba sinokuphila ngonaphakade kunaso nasiphi na isizathu esichazwa yinzululwazi. UMdali wethu, uYehova uThixo, onguMthombo wobomi, uthembisa ukuba “uya kuginya ukufa ngonaphakade.” (INdumiso 36:9; Isaya 25:8) Ngaba uyakukholelwa oku? Esi sithembiso sivela kuYehova, yaye akanakuze axoke.—Tito 1:2.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele ukwaluphala, funda ungcelele lwamanqaku anomxholo othi “Unokuphila Ixesha Elide Kangakanani?” kwinkupho kaVukani! kaMeyi 2006 epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 27]
“Nina bezobuchwepheshe [niye nenza] izinto ebekusithiwa ngezolo azinakwenzeka.”—URONALD REAGAN
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 28]
Xa izinto zibonakala zingenakwenzeka, ubhenela kubani?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 27]
Umfanekiso weNASA