IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/01 iphe. 1
  • Ukuceba Kwangaphambili—Sicebela Ntoni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukuceba Kwangaphambili—Sicebela Ntoni?
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • Uyigqala Njani Impumelelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • ‘Ngamana Angalizalisekisa Lonke Icebo Lakho’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2017
  • Ceba Kusengaphambili!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Uvuyo Lokuba Kwinkonzo Yexesha Elizeleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 4/01 iphe. 1

Ukuceba Kwangaphambili—Sicebela Ntoni?

1 Sonke sikhe sicinge nzulu ngekamva. Abo banethemba lokuphila emhlabeni bakhangele phambili ekuphileni ngonaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo lobulungisa. Kodwa ke kukho oothunywashe abanokulihlutha elo themba entliziyweni kabani. Kufuneka umgudu wokwenene ukuze siqhubeke sisekela ubomi bethu kwizilangazelelo zoBukumkani singawexulwa yiminqweno yenyama.—1 Yoh. 2:15-17.

2 Ihlabathi alinakuluqonda usukelo lwabantu bokomoya. (1 Kor. 2:14) Ngoxa abanye abantu bezama ukufumana udumo, igunya okanye ubutyebi, thina sizama ukufumana ubutyebi bokomoya. (Mat. 6:19-21) Ukuba besizama ukulungelelanisa ukucinga kwethu ngokuhambisana nembono yehlabathi ngekamva, ngaba besiya kuze silufikelele usukelo lwethu lokomoya? Kungekudala iintliziyo zethu beziya kutyekiswa zizinto ezingabalulekanga. Sinokukuthintela njani oku?

3 “Yambatha INkosi UYesu Kristu”: Enye indlela yokubona enoba ikamva lethu silakhela kwizilangazelelo zoBukumkani kukuhlolisisa incoko yethu. Ngaba sisoloko sithetha ngezinto eziphathekayo nangezilangazelelo zehlabathi? Ukuba kunjalo, simele sihlolisise enoba iintliziyo zethu azityeki kwizinto zokomoya kusini na. Kusenokufuneka sinikele ingqalelo engakumbi ‘ekwambatheni iNkosi uYesu Kristu, kunokuba sicebele iminqweno yenyama kwangaphambili.’—Rom. 13:14.

4 Ulutsha ‘lunokwambatha uKristu’ ngokulicebela kusengaphambili ixesha lokuqalisa ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Omnye oselula owayefuna ukuba nguvulindlela othe ngxi wakhuliswa ngendlela yokuba umfana ufanele azifumbele imali. Ngenxa yoko, wangena nzulu kushishino ngokokude ukuya kwakhe kwiintlanganiso nakubulungiseleli kube yinkonzo nje enguphela-sonwabe. Xa waqalisa ukuthembela kumazwi kaYesu afumaneka kuMateyu 6:33 waza wahlukana nalo msina-ndonzele ungenanjongo, waqalisa inkonzo yexesha elizeleyo. Ngoku, ngesazela esicocekileyo, ukhonza uYehova, njengokuba ekhonza, ‘ngamandla akhe onke.’

5 IBhayibhile ithi kububulumko ukulicebela ikamva. (IMize. 21:5) Ngamana sonke singenjenjalo sicinga ngokuthanda kukaThixo.—Efe. 5:15-17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share