Iindibano—Ixesha Lokugcoba!
1 Iindibano zamaNgqina kaYehova zizihlandlo zokugcoba. Ngaphezu kweminyaka elikhulu, ezi ndibano ziye zanegalelo kulwando obeluqhubeka kwintlangano yethu. Ukususela kwiziqalelo ezincinane, siye sabona iintsikelelo ezingathethekiyo zikaYehova kumsebenzi wethu owenziwa ehlabathini lonke. Kwindibano yethu yokuqala yale mihla, eyayiseChicago, eIllinois, ngowe-1893, kwabhaptizwa isimbuku sabantu abangama-70 kwabangama-360 ababekho befuzisela ukuzahlulela kwabo kuYehova. Kungcelele lwalo nyaka udlulileyo lweeNdibano ZeSithili ‘Zabenzi Belizwi LikaThixo’ isimbuku sababezile ehlabathini lonke saba zizigidi ezisi-9 454 055, yaye kwabhaptizwa abali-129 367. Esinjani sona isizathu sokugcoba!
2 Ukususela kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, iindibano zabantu bakaThixo ziye zavula amathuba abalaseleyo okufundiswa nguYehova. Ngexesha likaEzra noNehemiya, abantu baphulaphula ukufundwa koMthetho “ukususela ekuthini qheke kwemini kwada kwasemini emaqanda.” (Neh. 8:2, 3) Ngenxa yokuba bawuqonda ngakumbi uMthetho ngeso sihlandlo, abantu “baba nemihlali kakhulu.” (Neh. 8:8, 12) Nathi ngokufanayo siyavuyiswa kukuba iindibano zisinika ithuba elihle lokuba sifundiswe kakuhle yaye sifumane ukutya kokomoya okuvela kuYehova “ngexesha elifanelekileyo” esebenzisa “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mat. 24:45) Ekubeni uYesu wathi umntu ufanele ‘aphile ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova,’ iindibano zibalulekile kwimpilo-ntle yethu yokomoya.—Mat. 4:4.
3 Sifanele Senze Konke Okusemandleni Ukuze Sibekho: Sonke sifanele sikwenze usukelo lobuqu ukubakho kwiNdibano YeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo’ yalo nyaka. Sifanele sicebe ukufika kwangethuba suku ngalunye size sihlale de ibe ngumthandazo wokuqukumbela sithelele ekuthini “Amen!” Ukuze siphumeze oku kusenokufuneka sihlengahlengise ucwangciso lwethu. Ukufumana imvume yokuba siye endibanweni kumqeshi wethu kunokuzisa iingxaki. Kufuneka sime ngokuqinileyo, izinto singazishiyeli kumabona-ndenzile. Ukuba sifuna iindawo zokuhlala okanye izinto zokuhamba, sifanele senze amalungiselelo kuselithuba. Nawuphi na umgudu ekufuneka siwenze ukufanele oko!
4 Abantu bakaYehova abalinganisi iintsikelelo zokuya endibanweni ngeerandi neesenti. Khawuphawule imizekelo yabanye kwabo babezimisele ukuya kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe YamaNgqina KaYehova Yokwenza Ukuthanda KukaThixo kwisiXeko saseNew York ngowe-1958. Omnye umzalwana wavala ishishini lakhe lokwakha kangangeeveki ezimbini ukuze ancedise yaye abekho kuloo ndibano. Omnye umzalwana kwiSiqithi saseVirgin wathengisa iihektare ezimbini zomhlaba ukuze yonke intsapho yakhe enamalungu amathandathu ikwazi ukuya endibanweni. Esinye isibini esiselula sathengisa ngephenyane laso ukuze sikwazi ukuya endibanweni nabantwana baso abaselula abathathu, ababesusela kwiinyanga ezimbini ukusa kwiminyaka esixhenxe ubudala. Abazalwana abathathu abazalwa kunye eKhalifoniya baxelelwa ukuba, ukuba abekho emisebenzini yabo, baya kufika bengasenandawo. Noko ke, oko akuzange kubathintele ukuba baye kuloo ndibano ingalibalekiyo.
5 UYehova Uyawuvuza Umgudu Wethu Wokunyaniseka: UYehova uyawubona aze awusikelele umgudu wabantu bakhe. (Heb. 6:10) Ngokomzekelo, kwiNdibano Yolwando Lobuthixo yowe-1950, abo babekho beva intetho eyimbalasane eyayisithi “Iinkqubo Ezintsha Zezinto.” Umzalwan’ uFrederick Franz wavuselela umdla wabo bonke ababekho ngokubuza oku: “Ngaba le ndibano yezizwe ngezizwe ingakuvuyela ukwazi ukuba apha, ngokuhlwanje, phakathi kwethu, sineqela labo basenokuba ngabathetheli kumhlaba omtsha?” Ngaphezu kweminyaka engama-50 kamva, sisakuvuyela ukuqondwa ngokucacileyo kweNdumiso 45:16.
6 Emva kokuya kwindibano yesithili yonyaka ophelileyo, enye intloko-ntsapho enoxabiso yabhala oku kulandelayo: “Bazalwana, aninakuze niyiqonde indlela ebiluncedo ngayo le ndibano. Intsapho yam yafudukela esixekweni ngenxa yomsebenzi, sasuka senzakala ngokomoya. . . . Saye sazityeshela iimbopheleleko zethu zobuKristu. Sayeka ngokupheleleyo nokuya kwiintlanganiso nokuba nenxaxheba kwinkonzo yasentsimini. . . . Le ndibano iye yasihlaziya, kwakhona sizibekele usukelo lokomoya yaye siyazilungelelanisa ukuze siluphumeze.”
7 UYehova usilungiselela ukutya kokomoya esikufunayo. Usilungiselela itafile etyebileyo kwiindibano zethu. Uxabiso lwethu ngeli lungiselelo lufanele lusenze sitsho oko kwathethwa nguKorneli xa wayetyelelwe ngumpostile uPetros: “Ngeli xesha sikho sonke phambi koThixo ukuze sive zonke izinto oyalelwe nguYehova ukuba uzithethe.” (IZe. 10:33) Masikwenze usukelo lwethu ‘ukubakho phambi kukaThixo’ kwisihlandlo ngasinye socwangciso lwalo nyaka lweNdibano YeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo’ size sigcobe!