Ngaba Uyazixabisa Izinto Ezingcwele?
1 Xa sibuzwa enoba siyazixabisa na izinto ezingcwele, ngokuqhelekileyo siphendula ngokukhawuleza sithi ewe! Ngawaphi amanye amalungiselelo angcwele kaThixo esiwaxabisayo?
2 Hayi indlela esiluxabisa ngayo ulwalamano lobuqu esivumelekileyo ukuba sibe nalo noBawo wethu wasezulwini! Usiqinisekisa ngokuba, ukuba ‘sisondela kuye, naye uya kusondela kuthi.’ (Yak. 4:8) Ngaphandle kwedini lentlawulelo likaYesu Kristu, akakho umntu onokufumana ubomi obungunaphakade. (Yoh. 3:16) Ngenxa yombulelo ongazenzisiyo, mihla le sizityand’ igila emthandazweni ngoxabiso lwethu olunzulu ngesi sipho sixabisekileyo sikaThixo.
3 ILizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile Engcwele, likwangcwele nakuthi, njengokuba injalo intlangano kaYehova yasemhlabeni. Sibonisa uxabiso olufanelekileyo ngala malungiselelo avela kuYehova xa siphila ngemigaqo yeBhayibhile, sisomeleza amaqhina othando lobuzalwana, sithobela ulungelelwaniso lobuthixo, size sisebenzisane nabo bakhokelayo.—1 Pet. 1:22.
4 Ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi, sifumana intabalala yokutya kokomoya. Oko kuya kuba njalo nakwiNdibano YeSithili yalo nyaka ‘Yabenzi Belizwi LikaThixo.’ Apho siza kufumana imfundo ebalulekileyo size sinandiphe ubudlelane obufudumeleyo esibufuna ngokungxamisekileyo. Sinokulubonisa njani uxabiso olusuka entliziyweni ngeli lungiselelo lingcwele?
5 Ungayityesheli Indlu KaYehova: UNehemiya wabongoza abo babesebenza nzima ukwakha iindonga zeYeruselem ukuba ‘babengafanele bangayikhathaleli indlu kaThixo.’ (Neh. 10:39) Namhlanje “indlu” kaYehova lilungiselelo lakhe lonqulo. Iindibano zethu zesithili yinxalenye yelo lungiselelo. Asimele silityeshele eli lungiselelo, simele sibekho size sinikele ingqalelo ngokwenene, sibonise uYehova ukuba siwaxabisa kakhulu amalungiselelo akhe. (Heb. 10:24, 25) Ngawaphi amalungiselelo esifanele siwenze ngoku ukubonisa ukuba sisixabisa ngokupheleleyo esi siganeko singcwele?
6 Yibakho Kuzo Zontathu Ezi Ntsuku: Ngamnye wethu ufanele alungiselele ukubakho kuzo zontathu iintsuku zendibano. Ngaba uceba ukubakho kwangethuba suku ngalunye yaye uhlale de ibe ngumthandazo wokugqibela ngeCawa? Ukuba kunjalo, uya kufumana iintsikelelo ezityebileyo. Akunakusoloko kulula ukuya endibanweni. Ukuhlengahlengisa umsebenzi wakho wempangelo kusenokufuna ukuba uzimisele. Into yokuhamba isenokungasoloko ifumaneka lula. Kodwa musa ukuvumela aba thunywashe ukuba bakudimaze ungayi endibanweni.
7 Hlolisisa Lo Mzekelo Ubalaseleyo: Xa iqela labazalwana lalisiya kwindibano yesithili kunyaka ophelileyo, kwilizwe elithile laseAfrika elinemilo yamakhaya ladibana neqela lomkhosi. Abazalwana babuzwa: “Ningoobani, yaye niyaphi?” Baphendula bathi: “SingamaNgqina kaYehova, yaye siya kwindibano yethu yesithili.” Elinye laloo majoni lathi: “Nina maNgqina kaYehova anoyiki nto. Hambani, yaye niya kukwazi ukuqhuba indibano yenu ngaphandle kwengxaki. Noko ke, yazini ukuba niza kudibana namajoni amaninzi. Ngamaxesha onke hambani embindini wendlela! Ukuba nibona abantu abaninzi behlanganisene, niqhubeke nihamba embindini wendlela!” Benjenjalo yaye bafika bekhuselekile endibanweni. Aba bazalwana bavuzwa ngokuba babonisa uxabiso ngezinto ezingcwele.
8 Njengaba bazalwana baseAfrika, nathi sijamelene nocelomngeni. Kodwa ngokungathandabuzekiyo sinokuluxelisa ukholo lwabo size sizimisele ukubakho kulo lonke ucwangciso lwendibano yethu yesithili. Ukuba kufuneka uhlengahlengiso, khangela kuYehova ukuze akukhokele, usazi ukuba uya kuyisikelela imigudu yethu yokubakho kulo lonke ucwangciso.
9 Fumana Iintsikelelo: Siyalilangazelela iLizwi likaThixo, sisazi ukuba ngalo sinokukhulela elusindisweni. (1 Pet. 2:2) Ubukho bethu kwindibano yesithili size siphulaphule ucwangciso kuya kunceda ngamnye wethu akhe ukholo olomeleleyo kwelo Lizwi size ngaloo ndlela sikwazi ukuxhathisa iintlaselo zikaSathana. Xa sisenjenjalo, siya kubonisa uYehova nabo bonke ababukeleyo ukuba siyazixabisa izinto ezingcwele yaye “asingabahlehlayo . . . kodwa siluhlobo olunokholo olugcina umphefumlo uphila.”—Heb. 10:39; 12:16; IMize. 27:11.
10 Sinokukhangela phambili kuYehova uThixo xa evula amasango ezulu aze athululele phezu kwethu umkhumezelo weentsikelelo. (Mal. 3:10) Kwenze usukelo lwakho ukubakho kwiNdibano yeSithili ‘Yabenzi Belizwi LikaThixo’ ukususela ekuqaliseni kocwangciso ngentsasa yangoLwesihlanu de ibe ngumthandazo wokuqukumbela no-“Amen!” emva kwemini ngeCawa. Uya kuvuyiswa kukwenjenjalo!