IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/01 iphe. 4
  • Ukulungelelaniswa “Ngokundilisekileyo Nangolungelelwano”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukulungelelaniswa “Ngokundilisekileyo Nangolungelelwano”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Amanqaku Afanayo
  • INdibano YeSithili YamaNgqina KaYehova Yowama-2006 “Yokusondela Kwentlangulo!”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • “Zonke Izinto Zenu Mazenzeke Ngothando”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Yiba Ngumzekelo Kwimisebenzi Emihle
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Iintsuku Ezintathu Zokuhlaziywa Ngokomoya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 10/01 iphe. 4

Ukulungelelaniswa “Ngokundilisekileyo Nangolungelelwano”

1 Mkhulu umgudu ekufuneka wenziwe ukuze indibano yesithili iphumelele. Iofisi yolawulo lwendibano ilungiselela indawo efanelekileyo yokuhlanganisana kunye neendawo zokuhlala. Abantu ngabanye namaqela eentsapho balungiselela izinto abaza kuhamba ngazo neendawo zokuhlala. Wona amabandla ahlanganisa amatsha-ntliziyo ukuze kuyilwe amasebe amaninzi afunekayo ukuze kuqhutywe indibano. Injongo yoku kukuze ‘zonke izinto zenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.’—1 Kor. 14:40.

2 Njengokuba nilungiselela indibano, khumbulani ukuba maxa wambi kufuneka iinyanga—maxa wambi iminyaka—kulungiselelwa. Amakhulu abazalwana achitha ixesha elininzi elungiselela. Oku kuquka ukufuna iindawo eziqeshisayo, ukuqokelela izixhobo nokuqeqesha abasebenzi. Oku kulungiselela kusengaphambili kuzisa iintsikelelo zokomoya kubo bonke. Yintoni esinokuyenza ukuze sincedise?

3 Ukusebenzisana Namalungiselelo Amagumbi: Kubalulekile ukuba sonke sisebenzisane namalungiselelo endibano. Oku kubaluleke kakhulu xa silungiselela iindawo esiza kuhlala kuzo. Kwindibano nganye kufuneka iindawo zokuhlalisa amakhulu eendwendwe. Inkoliso yabazalwana bethu ayinamali kangako ngoko ixhomekeke ekufumaneni iindawo zokuhlala ezingabizi kangako. Kuye kwenziwa amalinge kuthethwa nabaphathi ukuze kufumaneke ezona ndawo zokuhlala zibiza amaxabiso aphantsi. Siqhutywa luthando simele sicingele iimfuno zabanye ‘sinyamekele, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’—Fil. 2:4.

4 Ukubambelela kwethu kulwalathiso lwendibano ukuze sifumane amagumbi kuzisa iingenelo kubo bonke abo babandakanyekileyo. Ukutyeshela olu lwalathiso kubangela iingxaki ezingeyomfuneko. Njani? Xa sibambelela kula macebiso, iihotele okanye iihostele zilazi kusengaphambili inani leendwendwe eziza kuba nazo. Oku kuyanceda xa zilungiselela. Ukuba uninzi lwethu luyarhoxa okanye lwenza amanye amalungiselelo, oku kuphazamisa abaphathi kunye nabo bazalwana noodade bethu abasenokuba bebefuna ukuhlala kwakwezo ndawo. Hayi indlela ekuba kuhle ngayo xa sibambelele elizwini lethu, ‘uEwe abe nguEwe’!—Mat. 5:37.

5 Cinga Ngale Miphumo Mihle: Emva kwenye indibano, omnye umphathi wendawo yokugxumeka iintente wathi: “Ndiye ndaphawula ukuba amaNgqina kaYehova anyaniseke kakhulu kwinto yonke ayenzayo. Kwiveki ephelileyo, bekukho angama-40 kule ndawo yam yeentente, yaye akakhange abangele ingxaki konke-konke. Ngokwahlukileyo, ngawo kuphela akuxelelayo xa kukho inani eligqithiseleyo kwelo lifunekayo kwiinqwelo-mafutha ezirhuqwayo okanye kwiintente zawo. Ngokwazi kwam, angabona bathengi balungileyo onokubafumana.” Hayi indlela ebekuya kuba kuhle ngayo ukuba bonke abo basinika iindawo eziqeshisayo banokuba namava amahle anjalo! Obunjani ubungqina ebebuya kunikelwa koko!

6 Omnye umphathi weehotele zenqila wakha wathi: “Andikhumbuli nanini na ndisiba neqela elikhulu labantu abaphila ngokuvisisana neenkolelo zabo njengamaNgqina kaYehova. Sinethemba lokuba niza kuphinda nibuye.” La magqabaza abonisa ukuba ihambo entle iyahlaziya kungekhona kuthi kuphela kodwa nakwabaninzi abasehlabathini abasijongileyo.

7 Iindlela Ezisisiseko Esinokusebenzisana Ngazo: Kukho izinto ezilula esinokuzenza ukuze sisebenzisane namalungiselelo endibano ngokuphathelele amagumbi okuhlala. (1) Musa ukufuna amagumbi angakumbi kunalawo uceba ukuwasebenzisa. (2) Thumela idipozithi eyaneleyo ukuze ugcinelwe igumbi. (3) Musa ukulisebenzisa kakubi ilungiselelo elihle lesidlo sakusasa elilungiselelwa iindwendwe. (4) Khumbulani ukuba abanikazi bezakhiwo balindele ukuba sithobele imithetho yabo.

8 Njengabakhonzi bakaYehova uThixo, sinethuba lokubonisa ubuntu bakhe kuko konke esikwenzayo. Oku kuquka ukwenza amalungiselelo okubakho endibanweni ebandakanya igama likaThixo. Khumbulani ukuba, “unguThixo, kungekhona owesidubedube, kodwa owoxolo.” (1 Kor. 14:33) Ngaloo ndlela, masizimisele ukuba bonke ababukeli balubone olu phawu lukaYehova koko bakubona kuthi—ihambo yethu nendlela esiziphatha ngayo njengokuba siceba ukubakho naxa sikwiNdibano YeSithili ‘Yabafundisi BeLizwi LikaThixo.’ Kwanga ababukeli abaneentliziyo ezinyanisekileyo bangaqonda ukuba iindimbane ezihlanganiseneyo zikaYehova zilungelelaniswe “ngokundilisekileyo nangolungelelwano.”—INdu. 68:26.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share