Iintsuku Ezintathu Zokuhlaziywa Ngokomoya
1. Yintoni esifanele siyilindele kwiindibano zesithili zalo nyaka?
1 Kweli lizwe libharhileyo ngokomoya, ihlabathi likaSathana ukutsho, uYehova uyaqhubeka ebahlaziya abakhonzi bakhe. (Isa. 58:11) Enye yeendlela asomeleza ngazo uYehova ziindibano zesithili ezibakho minyaka le. Njengokuba indibano yalo nyaka isondela, sinokukulungisela njani ukuhlaziywa nokuhlaziya abanye ngokomoya?—IMize. 21:5.
2. Ngawaphi amalungiselelo ekufuneka siwenze?
2 Ukuba akukakwenzi oko, qala kwangoku ukuhlengahlengisa iimeko zobuqu nezomsebenzi wempangelo ukuze ubekho kuzo zontathu iintsuku zendibano. Ngaba sele ulazi ixesha oza kulichitha endleleni suku ngalunye xa usiya kwindawo yendibano, ukuze ukukwazi ukufika yaye ufumane indawo yokuhlala kwangexesha? Asifuni kuphoswa nayintwana yesi sidlo sokomoya somelezayo sisilungiselelwe nguYehova! (Isa. 65:13, 14) Ngaba sele uwenzile amalungiselelo endawo yokuhlala nawesithuthi sokuya endibanweni?
3. Ngawaphi amacebiso anokusinceda neentsapho zethu ukuba sizuze ngokupheleleyo kucwangciso?
3 Yintoni eya kukunceda ukuze ingqondo yakho ingabhaduli ebudeni bocwangciso? Ukuba kunokwenzeka, busuku ngabunye bendibano phumla ngokwaneleyo. Nikel’ ingqalelo kwisithethi. Vula iBhayibhile yakho uze uhambisane nesithethi qho kufundwa isibhalo. Bhala amanqaku amafutshane. Kuya kuba kuhle ukuba iintsapho zihlale kunye ukuze abazali bancede abantwana babo baphulaphule. (IMize. 29:15) Mhlawumbi njengentsapho ninokude nithethe ngeembalasane zocwangciso kwingokuhlwa ngalunye. Ukuze intsapho yakho iqhubeke izuza nasemva kwendibano, ninokuzibekela ixesha kuNqulo Lwentsapho ukuze nithethe ngeengongoma eninokuzisebenzisa njengentsapho.
4. Sinokuwanceda njani amanye amalungu ebandla ukuze nawo ahlaziyeke ngokomoya?
4 Nceda Abanye Bahlaziyeke: Sifuna nabanye bahlaziyeke ngokomoya. Ngaba bakho abavakalisi abakhulileyo okanye abanye ebandleni abafuna ukuncedwa ukuze baye endibanweni? Ngaba unokukwazi ukubanceda? (1 Yoh. 3:17, 18) Abadala, ingakumbi abaveleli bamaqela bafanele baqiniseke ukuba abavakalisi abanjalo bayalufumana uncedo.
5. Siza kuzisasaza njani izimemo zendibano? (Funda ibhokisi engasentla.)
5 Njengoko besisenza kule minyaka idluleyo, kwiiveki ezintathu ngaphambi kwendibano siza kuba nephulo lokumema abanye ukuba beze endibanweni. Amabandla afanele azibekele usukelo lokusasaza isixa sawo sezimemo nokugubungela inxalenye enkulu yentsimi yawo kangangoko kunokwenzeka. Izimemo eziseleyo ekupheleni kwephulo nifanele niziphathe xa nisiya endibanweni ukuze nizisebenzise xa nishumayela ngokungacwangciswanga. Inkcazelo engakumbi ngokuphathelele oku siya kuyifumana ebudeni bocwangciso lwangoLwesihlanu. Izimemo enicinga ukuba intsapho yenu ayizi kuzisebenzisa kwisixeko sendibano nifanele nizinike abalindi xa nifika endibanweni. Sicela uzigcinele isimemo sibe sinye kuba kuza kuthethwa ngaso kwintetho yokuqukumbela ucwangciso ngeCawa.
6. Sinokuyibonisa njani imbeko xa sisendibanweni?
6 Ukuba Nembeko Kuyahlaziya: Kule mihla apho abantu abaninzi ‘bezithanda’ yaye bengabaphathi ngembeko abanye, kuyahlaziya ukuba kunye namaKristu azabalazela ukuba nembeko! (2 Tim. 3:2) Sibonisa imbeko ngokungatyhilizani xa singena kwindawo yendibano ukuvulwa kwayo naxa sibekela izihlalo kuphela abantu esihlala nabo ekhaya, esihamba nabo ngesithuthi sethu okanye izifundo zethu zeBhayibhile. Siyamthobela usihlalo xa esicela ukuba sihlale phantsi size siphulaphule umculo odlalwa ngaphambi kokuqalisa kocwangciso. Sibonisa imbeko xa siqiniseka ukuba iiselifowuni neepager zethu azibaphazamisi abanye ebudeni bocwangciso. Sibonisa imbeko naxa singancokoli, singathumeli okanye sifunde imiyalezo yeselifowuni, singatyi, naxa singasoloko sisehla sisenyuka ngokungeyomfuneko ebudeni bocwangciso.
7. Sinokuhlaziywa size sibahlaziye njani abanye xa sinabazalwana bethu?
7 Unxulumano Oluhlaziyayo: Iindibano zisivulela ithuba elingakumbi lokunandipha unxulumano nomanyano oluhlaziyayo lwamaKristu. (INdu. 133:1-3) Kutheni ‘ungaphangalali’ ngokuya kuncokola nabanye abazalwana noodade bamanye amabandla, ungalindeli ukuba beze kuwe? (2 Kor. 6:13) Unokuzabalazela ukuba ubuncinane wazi umntu okanye intsapho enye suku ngalunye. Oku unokukwenza ngexesha lekhefu lasemini. Ngoko umele uziphathele ukutya okulula uze uye kuncokola nabanye kunokuhamba uye kuthenga ukutya ngaphandle okanye uye kutyela kwivenkile ekufutshane. Oku kunokukhokelela kwiintsikelelo zokufumana abahlobo abatsha nabaya kuhlala behleli.
8. Kutheni sifanele sincedise kumsebenzi owenziwa endibanweni, yaye sinokukwenza njani oko?
8 Kuhlaziya ngokwenene ukusebenza namanye amaKristu kwinkonzo engcwele. Ngaba unokuncedisa kwisebe elithile okanye uncedise ibandla lakho ekucoceni indawo elabelwe kuyo? (INdu. 110:3) Ukuba akukabi nandawo uza kusebenza kuyo, nceda udibane neSebe Lamatsha-ntliziyo endibanweni. Umsebenzi owenziwa ngabantu abaninzi uyanandipheka yaye uba lula.
9. Kutheni sifanele sinikele ingqalelo ekhethekileyo kwindlela esiziphatha ngayo nakwimbonakalo ngexesha lendibano?
9 Indlela Esiziphatha Ngayo Iyabahlaziya Ababukeli: Siziindwendwe kuzo zontathu iintsuku zendibano, kungekuphela nje ngexesha locwangciso. Abantu abasibukeleyo ngoxa sikwisixeko esinendibano bafanele bazive behlaziyekile xa bebona indlela esahluke ngayo kwabo bangengomaNgqina. (1 Pet. 2:12) Indlela esinxiba nesizilungisa ngayo kwindawo yendibano, kwiindawo esihlala kuzo nesidlela kuzo ifanele izukise uYehova. (1 Tim. 2:9, 10) Ukuba siyazinxiba iibheji, abantu abasibonayo baya kwazi ukuba singamaNgqina kaYehova. Oku kunokusivulela ithuba lokuncokola nabo ngendibano yethu nokubashumayeza.
10. Sinokwenza njani ukuze abasebenzi basehotele nabeendawo zokutyela babe nomdla kwindibano yethu?
10 Sinokusebenzisana njani nabantu abasebenza ehotele okanye kwikhaya leendwendwe nakwiindawo zokutyela? Asifanele sifune ukugcinelwa amagumbi angaphezu kwalawo siza kuwasebenzisa, kuba oku kuya kubangela ukuba ezinye iindwendwe zingafumani ndawo yokuhlala. Ukuba ihotele okanye ikhaya leendwendwe lisaxakekile ngexesha esifika okanye esiphuma ngalo, sifanele sibe nomonde nobubele. (Kol. 4:6) Njengesiqhelo, sifanele sibashiyele imadlana esisipho apho basilungiselela ukutya kwindawo yokutyela, abasiphathisa imithwalo, abacoca amagumbi ethu nabasenzela eminye imisebenzi kwikhaya leendwendwe.
11. Ngawaphi amava abonisa ubungqina obuye banikelwa ngenxa yokuziphatha kakuhle kwamaKristu?
11 Indlela esiziphethe ngayo ngexesha lendibano ibachaphazela njani abanye? Ngokutsho kwelinye iphephandaba, umphathi wenye indawo ekwakungenele kuyo indibano wathi: “Aba bantu bachubekile. Nyaka ngamnye siyakuvuyela ukuba nabo.” Nyakenye omnye umntu ongeloNgqina walahlekelwa sisipaji sakhe kwihotele eyayinabantu abaze endibanweni. Xa eso sipaji sabuyiselwa kumphathi wehotele yaye sinayo yonke into eyayingaphakathi, lo mphathi wathi kumniniso: “Umele uvuye kuba le hotele ibizaliswe ngamaNgqina kaYehova abeze kwindibano elapha kufuphi. Ukuba bekungenjalo, ubungasoze usifumane.”
12. Njengoko indibano isemnyango, sifanele sizimisele ukwenza ntoni, yaye ngoba?
12 Azifikanga zigalelekile iindibano zalo nyaka. Abazalwana sele bechithe ixesha bezibhokoxa ekulungiseleleni olu cwangciso nokuze iindibano zihlaziye. Zabalazela ukubakho kuzo zontathu iintsuku, uze ujonge phambili koko ukulungiselelwe nguYehova nentlangano yakhe. Zimisele ukuhlaziya abanye ngokuba nembeko, ngokuncokola nabo nangokuziphatha kakuhle. Uya kwandula ke wena nabanye nivakalelwe ngendlela elavakalelwa ngayo elinye ibhinqa elaliye endibanweni, “Andizange ndikhe ndibe kwindawo ehlaziya ngolu hlobo.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
Njengoko besisenza kule minyaka idluleyo, kwiiveki ezintathu ngaphambi kwendibano siza kuba nephulo lokumema abanye ukuba beze endibanweni
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 6]
Indlela esinxiba nesizilungisa ngayo kwindawo yendibano, kwiindawo esihlala kuzo nesidlela kuzo ifanele izukise uYehova
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 7]
Zimisele ukuhlaziya abanye ngokuba nembeko, ngokuncokola nabo nangokuziphatha kakuhle
[Ibhokisi ekwiphepha 4-7]
Izinto Esifanele Sizikhumbule NgeNdibano YeSithili Yowama-2011
◼ Ixesha Locwangciso: Ucwangciso luza kuqala ngentsimbi yesi-9:00 kusasa zontathu iintsuku. Xa kuqalisa umculo, sonke sifanele siye kuhlala phantsi ukuze ucwangciso luqalwe ngendlela endilisekileyo. Ucwangciso luza kuqukunjelwa ngeye-4:15 emva kwemini ngoLwesihlanu, ngeye-4:30 emva kwemini ngoMgqibelo, luze luqukunjelwe ngeye-3:05 emva kwemini ngeCawa.
◼ Indawo Yokupaka Iimoto: Kuzo zonke iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano ezineendawo zokupaka eziza kwalathiswa sithi, ziza kufumaneka simahla yaye ziya kunikwa abantu abafike kuqala. Ekubeni indawo yokupaka idla ngokuba ncinane, ukuba kunokwenzeka sebenzisani imoto enye.
◼ Indawo Yokuhlala: Abavakalisi abafuna indawo yokuhlala bangazifumanela ifomu zeSicelo Esikhethekileyo Samagumbi (CO-5). IKomiti Yenkonzo Yebandla ifanele ihlole enoba abavakalisi bayafaneleka kusini na, isebenzisa ulwalathiso oluchazwe kule fomu kunye neleta kaDisemba 14, 2010, eya kuwo onke amaqumrhu abadala. Eli lungiselelo lenzelwe abavakalisi abangumzekelo kunye nabantwana abaziphethe kakuhle.
◼ Ukubeka Izihlalo: Izihlalo unokuzibekela abantu ohamba nabo ngemoto okanye ohlala nabo, kuquka abo ubafundela iBhayibhile.—1 Kor. 13:5.
◼ Isidlo Sasemini: Sicela niziphathele isidlo sasemini kunokuba niphume niye kufuna ukutya ebudeni bekhefu lasemini. Ninokusebenzisa icooler bag enokufakwa phantsi kwesitulo. Iicooler bag ezinkulu zepikiniki zinokubekwa kwindawo abalindi abacela ukuba zibekwe kuyo. Izitya zeglasi kunye notywala azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.
◼ Iminikelo: Sinokubonisa uxabiso esinalo ngamalungiselelo endibano ngokunikela ngokuzithandela kumsebenzi owenziwa ehlabathini kwiHolo yethu yoBukumkani okanye endibanweni. Ukuba ungathanda ukunikela ngetsheke, cela igama leakhawunti kwiKomiti Yendibano. Oomatshini bokusebenzisa amakhadi baya kufumaneka kwiindibano ezithile kwabo bafuna ukunikela ngekhadi ledebit okanye lecredit. Ukuze ufumanise apho aba matshini bafumaneka khona, sicela uqhagamshelane neKomiti yeNdibano.
◼ Iingozi Neemeko Zongxamiseko: Xa umntu egula ngesiquphe endibanweni, nceda uchazele umlindi okufutshane, ibe yena uya kwazisa iSebe Loncedo Lokuqala ukuze ibe ngabantu abaqeqeshiweyo abahlola imeko baze bancede.
◼ Amayeza: Ukuba ufuna iyeza elikhethekileyo elinconyelwe ngugqirha, qiniseka ukuba uziphathela elanele loo mini, kuba akayi kufumaneka amayeza anjalo endibanweni.
◼ Izihlangu: Nyaka ngamnye ziba ninzi iingozi ezibangelwa zizihlangu. Kubalulekile ukunxiba izihlangu ezindilisekileyo, ezikulingana kakuhle, eziza kukuhambisa kakuhle kwizinyuko, nezingayi kukuwisa lula, njalo njalo.
◼ Ukurekhoda: Izixhobo zokurekhoda azifanele zixokonyezelwe kumbane wesakhiwo sendibano okanye kwisandisi-lizwi kwaye zinokusetyenziswa ukuba aziyi kuphazamisa abanye abantu.
◼ Iinqwelo Zabantwana: Iinqwelo zabantwana azifanele zingene eholweni. Noko ke, izihlalo ezenzelwe ukhuseleko lwabantwana ezinokukwazi ukufakwa zize zixokonyezelwe kwisihlalo esisecaleni kwabazali zinokungena.
◼ Iziqholo: Ezinye iindibano ziqhutywa kwizakhiwo ezivalekileyo apho abantu baxhomekeka kwiifeni ukuze kungene umoya. Ngoko ke, kuya kuba kuhle ukuba singazigaleli kakhulu iziqholo ezinamandla nezinokuba yingxaki kwabo baneengxaki zokuphefumla okanye abanezinye izigulo.—1 Kor. 10:24.
◼ Iifomu Ezithi Nceda Ubuyele (S-43): Ifomu ethi Nceda Ubuyele (S-43) ifanele isetyenziswe xa kubhalwa inkcazelo ephathelele abo banomdla ngoxa besishumayela ngokungacwangciswanga ebudeni bendibano. Abavakalisi bafanele baphathe ifomu ibe nye okanye zibe mbini endibanweni. Iifomu ezizalisiweyo zinokusiwa kwiSebe Leencwadi okanye xa ubuyela ebandleni uzinike unobhala webandla lakho.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 2009, iphe. 4.
◼ Iivenkile Zokutyela: Zukisa igama likaYehova ngokuziphatha kakuhle kwiivenkile zokutyela. Kwiindawo ezininzi kuyinto eqhelekileyo ukushiya imadlana esisipho kubasebenzi bevenkile yokutyela emalunga ne-10 ukuya kwi-15 ekhulwini lexabiso laloo nto uyenzelweyo.
◼ Inkonzo Yamatshantliziyo: Uvuyo esiba nalo ngokuya kwiindibano luya kuba lukhulu ngakumbi ukuba sizenza amatsha-ntliziyo kuwo nawuphi na umsebenzi okhoyo. (IZe. 20:35) Bonke abo bangathanda ukuncedisa bafanele baye kwiSebe Lenkonzo Lamatsha-ntliziyo endibanweni. Abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-16 ubudala nabo banokuncedisa ngokusebenza phantsi kweliso labazali babo okanye lomntu obagcinileyo okanye omnye umntu omdala ogunyaziswe ngabo.
◼ Iingoma: Amabandla aya kukuvuyela ukuqhelisela ezi ngoma ziza kuculwa endibanweni kusengaphambili. NgoLwesihlanu: 5, 18, 31, 30, 86 neye-19. NgoMgqibelo: 93, 40, 59, 24, 89 neye-134. NgeCawa:109, 99, 133, 69, 64 neyesi-2.
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Siza Kuzihambisa Njani Izimemo?
Ukuze sikwazi ukugubungela intsimi yethu, sifanele sibethe koomofu. Sisenokutsho amazwi afana nala: “Molweni. Sikumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke wokuhambisa ezi zimemo. Iinkcukacha uza kuzifumana kwesi ndiza kukushiyela sona.” Ngaphandle esi simemo sibangel’ umdla, ngoko umninimzi mnike ngohlobo lokuba atsaleleke koko kungaphandle. Thetha naye ngehlombe. Xa sizisasaza ngeempela-veki, sifanele sibanike namaphephancwadi xa imeko ivuma.