‘Ungumboniso Wokubonelwa’!
1 Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Siye saba ngumboniso wokubonelwa lihlabathi, naziingelosi, nangabantu.” (1 Kor. 4:9) Kuthetha ntoni oku, yaye kufanele kusichaphazele njani kubulungiseleli bethu namhlanje?
2 Kumntu waseKorinte, ibinzana elithi ‘umboniso wokubonelwa’ lalimkhumbuza ngesiganeko saseRoma sokulwa nezilwanyana eziyingozi, apho abantu abagwetyiweyo babeboniswa phambi kwamawaka ababukeli ngaphambi kokuba babulawe ngenkohlakalo. Ngokufanayo, ihlokondiba lababukeli—abantu neengelosi—baye bondela iintlungu amaKristu enkulungwane yokuqala azinyamezelayo ukuze anikele ubungqina ngoBukumkani. (Heb. 10:32, 33) Ikhondo lawo lokugcina ingqibelelo laphembelela ababukeli abaninzi, kanye njengokuba unyamezelo lwethu lusenza namhlanje. Singumboniso phi?
3 Kwihlabathi Nakubantu: Ma-xa wambi amajelo eendaba apapasha iingxelo ezithile ngoko kwenziwa ngabantu bakaYehova. Ngoxa sizixabisa iingxelo ezithetha kakuhle ngomsebenzi wethu, sikwalindele ukuba abo basinyelisayo basasaze iingxelo ezimbi maxa wambi. Sekunjalo, simele siqhubeke sizincomela njengabalungiseleli bakaThixo phezu kwazo nje ‘iingxelo ezimbi nezintle.’ (2 Kor. 6:4, 8) Kubabukeli abaneentliziyo ezinyanisekileyo kuyacaca ukuba singabafundi bokwenene bakaYesu Kristu.
4 Kwiingelosi: Izidalwa zokomoya nazo zisijongile. UMtyholi needemon zakhe babukele—‘benomsindo omkhulu,’ bafuna ukuphelisa ‘umsebenzi wokungqinela uYesu.’ (ISityhi. 12:9, 12, 17) Iingelosi ezithembekileyo zikaThixo zibukele yaye ziyavuya xa kuguquka nokuba ngumoni omnye. (Luka 15:10) Kufanele kusomeleze ukwazi ukuba iingelosi zibujonga ubulungiseleli bethu njengeyona nto ingxamisekileyo, umsebenzi oyingenelo owenziwa emhlabeni namhlanje!—ISityhi. 14:6, 7.
5 Xa uhlangabezana nenkcaso okanye ucinga ukuba ubulungiseleli bakho abunaziqhamo, khumbula ukuba usesazulwini sengqalelo yendalo iphela. Ukunyamezela kwakho ngokuthembeka kuthetha lukhulu. Ekugqibeleni, ‘umlo omhle wakho wokholo’ uza kukwenza ukwazi ‘ukububamba ngokuqinileyo ubomi obungunaphakade.’—1 Tim. 6:12.