Bazali—Qeqeshani Abantwana Benu Kwasebusaneni
1 “Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo; naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.” (IMize. 22:6) Bazali, ukuba anifuni abantwana benu “baphambuke” endleleni yenyaniso, lufanele luqale nini olo qeqesho? Lumele luqale beseziimveku!
2 Xa uPawulos wathi imfundo kaTimoti yokomoya yayisusela ‘ebusaneni,’ ngokuqinisekileyo wayethetha ukususela eseyimveku. (2 Tim. 3:14, 15) Ngenxa yoko, uTimoti waba yindoda ebalaseleyo ezixabisayo izinto zokomoya. (Fil. 2:19-22) Bazali, nani kufuneka niqalise ‘ebusaneni,’ ukuqeqesha abantwana benu ‘bakhulele kuYehova.’—1 Sam. 2:21.
3 Bankcenkceshele Ukuze Bakhule: Kanye njengokuba izithole kufuneka zinkcenkceshelwe rhoqo ukuze zikhule zibe yimithi emikhulu, abantwana abakubudala obahlukahlukeneyo bafuna amanzi awaneleyo enyaniso yeBhayibhile ukuze bakhulele ekubeni ngabakhonzi abaqolileyo bakaThixo. Indlela esisiseko yokufundisa abantwana inyaniso nokubanceda baqhelane noYehova sisifundo seBhayibhile sekhaya esiqhutywa rhoqo. Kodwa bazali, nikelani ingqalelo kumandla okuphulaphula omntwana ngamnye. Kubantwana abasebancinane, amaxesha amafutshane okubafundisa rhoqo aya kuba nempumelelo ngakumbi kunamaxesha amade.—Dut. 11:18, 19.
4 Ungaze uweye amandla abantwana bakho okufunda. Babalisele amabali ngabantu abaseBhayibhileni. Mabazobe imifanekiso yeendawo ekuthethwa ngazo okanye bacacise iziganeko eziseBhayibhileni. Zisebenzise kakuhle iividiyo neekhasethi, kuquka nemidlalo yeBhayibhile. Isifundo sentsapho sivisisanise nobudala namandla okufunda abantwana bakho. Ekuqaleni umntwana ufanele afundiswe izinto ezisisiseko, ixesha elifutshane kodwa njengokuba umntwana esiya ekhula, ixesha lifanele liye lisanda, yaye imfundiso ibe nenkqubela. Imfundo yeBhayibhile yenze iphile kwaye ungafundisi into enye. Ufuna abantwana bakho ‘balangazelele’ iLizwi, ngoko ke senze isifundo sibangel’ umdla kangangoko unako.—1 Pet. 2:2.
5 Babandakanye Ebandleni: Babekele usukelo abantwana bakho ukuze babandakanyeke ngokupheleleyo ebandleni. Lungaba yintoni usukelo lwabo lokuqala? Abazali abanabantwana ababini abaselula bathi: “Bobabini bafundiswa ukuba mabahlale bazinze kwiHolo yoBukumkani.” Kamva, bancede abantwana bagqabaze ngamazwi abo ezintlanganisweni, uze ubakhuthaze babe nosukelo lokubhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Kubulungiseleli basentsimini, usukelo olunokuphunyezwa kukufaka amaphecana emakhayeni abantu, ukufunda isibhalo, ukutshayelela iphephancwadi, nokuthetha nomninimzi into evakalayo.
6 Misela Umzekelo Omhle: Ngaba yonke imihla abantwana bakho bakuva uthetha ngoYehova uze uthandaze kuye? Ngaba bakhe bakubone ufundisisa iLizwi lakhe, usiya ezintlanganisweni, usiba nesabelo kubulungiseleli basentsimini, uze ukuvuyele ukwenza ukuthanda kukaThixo? (INdu. 40:8) Kubalulekile ukuba bazenze ezi zinto nokuba nizenze nonke. Intombi esele ikhulile yathi ngonina, owayekhulise abantwana abathandathu ukuba babe ngamaNgqina athembekileyo: “Eyona nto yayisichukumisa kakhulu yayingumzekelo kaMama—wawuthetha kakhulu kunamazwi.” Umzali onabantwana abane wathi: “Ukuthi ‘uYehova ukwindawo yokuqala’ yayingeyonto nje esiyithetha ngomlomo kodwa yayiyindlela esibuphila ngayo ubomi bethu.”
7 Bazali, qalisani kusengethuba ukuqeqesha abantwana benu, nibafundisa inyaniso eseLizwini likaThixo, nibabekela usukelo oluqhubekayo, nize nibabekele owona mzekelo usemagqabini. Niya kuvuya xa nenjenjalo!