Qeqesha Abantwana Bakho Babe Ngabalungiseleli
1. Yintoni iNdumiso 148:12, 13 enyanzelisa abazali ukuba bayenze?
1 UYehova umema abaselula ukuba bamdumise. (INdu. 148:12, 13) Ngoko ke, abazali abangamaKristu abaneli nje kukufundisa abantwana babo inyaniso yeBhayibhile nemithetho yokuziphatha kaThixo. Baphinda babaqeqeshe ukuze babe ngabalungiseleli beendaba ezilungileyo. Bangaphumelela njani ekwenzeni oku?
2. Umzekelo omhle wabazali unokuba nayiphi impembelelo kubantwana babo?
2 Umzekelo Omhle: UMgwebi uGidiyon wathi kumadoda akhe angama-300: ‘Fundani ngokondela kum.’ (Abagwe. 7:17) Ngokwemvelo abantwana babukela baze baxelise abazali babo. Omnye utata osebenza ebusuku, kodwa kunokuba aye kulala xa efika ekhaya kwintsasa yangoMgqibelo, uye ahambe nabantwana bakhe baye kushumayela nangona edinwe eyimfe. Ngokwenjenjalo ubafundisa ukuba ubulungiseleli yeyona nto ibalulekileyo engakhange alikhuphe ngowakhe. (Mat. 6:33) Ngaba abantwana bakho bayakubona uvuyiswa kukuphumeza iinkalo ezahlukahlukeneyo zonqulo, njengokuthandaza, ukufunda iBhayibhile, ukugqabaza nokushumayela? Kakade ke, awunakukwazi ukuba ngumzekelo ogqibeleleyo. Kodwa bona abantwana bakho baya kukulungela ngakumbi ukusabela kwimigudu oyenzayo yokubafundisa ukuba banqule uYehova xa bebona ukuzibhokoxa kwakho.—Dut. 6:6, 7; Roma 2:21, 22.
3. Yintoni enokwenziwa ngabazali ukuze abantwana babo baqhubeke bezibekela usukelo lokomoya baze balufikelele?
3 Ukuqhubeka Uzibekela Usukelo: Abazali abayeki ukuqeqesha abantwana babo ukuze bakwazi ukuhamba, ukuthetha, ukuzinxibisa, njalo njalo. Njengokuba befikelela kumanqanaba athile okukhula, baye babekelwe usukelo oluthile. Ukuba abazali bangamaKristu, baye babancede nasekubeni bafikelele usukelo lokomoya ngokwamandla neminyaka yabo. (1 Kor. 9:26) Ngaba uyabafundisa abantwana bakho ukuba bagqabaze ngamazwi abo yaye bazilungiselele iintetho abaza kuzinikela kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo? (INdu. 35:18) Ngaba uyabaqeqesha ukuba babe nenxaxheba kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobulungiseleli? Ngaba uyabakhuthaza ukuba babe nosukelo lokubhaptizwa baze bangenele inkonzo yexesha elizeleyo? Ngaba uyayenza imigudu yokuba banxulumane nabashumayeli abahlala bevuya nabanenzondelelo abaya kubakhuthaza?—IMize. 13:20.
4. Bangenelwa njani abantwana abanabazali abaqalisa ukubaqeqeshela ubulungiseleli beselula?
4 Umdumisi wathi: “Owu Thixo, undifundise ukususela ebutsheni bam, yaye kude kube ngoku ndiqhubeka ndixela imisebenzi yakho emangalisayo.” (INdu. 71:17) Qeqesha abantwana bakho beselula ukuze babe ngabalungiseleli. Isiseko sokomoya obabekela sona siya kubanceda nakanjani na xa sele bekhulile!—IMize. 22:6.