IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 4/02 iphe. 1
  • Umbulelo Ongazenzisiyo!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Umbulelo Ongazenzisiyo!
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Ividiyo Esifanele Sicingisise Nzulu Ngayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Ividiyo ethi Young People Ask—How Can I Make Real Friends?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
  • Unokuba Ngumhlobo KaYehova
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
  • Bakhethe Kakuhle Abahlobo Bakho
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 4/02 iphe. 1

Umbulelo Ongazenzisiyo!

1 Mbombo zone zomhlaba iintsapho zamaKristu ziye azawuvala umlomo ngumbulelo ngevidiyo ethi Young People Ask—How Can I Make Real Friends? Omnye ubawo waseUnited States wathi emva kokuba beyibukele, oonyana bakhe bathi cwaka—babeyiqonda into ekwakuthethwa ngayo kuloo vidiyo! Kanti naseMalawi kubikwa ukuba nabazalwana noodade balapho babeyiqonda kuba nabo babejamelene neengxaki ezifanayo esikolweni. Ethetha ngale vidiyo, omnye ubawo waseJamani wathi: “Kwowu, itsho yayiphendula imithandazo yam.” Elinye igqiyazana lathi: “Enkosi ngokundikhumbuza ukuba uYehova undikhathalele.” Umdala waseNew Zealand ubalisa athi: “Incede enye intwazana yabuyela endleleni esa ebomini.” Omnye umfazi wayibukela waza wathi: “Akwaba lonke ulutsha olusentlanganweni lungayibukela le vidiyo luze luyamkele ngakumbi inyaniso!” Kutheni ningayibukeli njengentsapho kwakhona? Emva koko xubushani le mibuzo ilandelayo.

2 Intshayelelo: Unjani umhlobo wokwenene?—IMize. 18:24.

3 Izinto Ezithintela Ubuhlobo: Umele wenze ntoni xa ungahoywa? (Fil. 2:4) Kutheni umele ulungise ubuntu bakho, yaye ngubani onokukunceda wenze oko? Ngawaphi amathuba esinokuwasebenzisa ukuze sakhe ubuhlobo, yaye sinokuwafumana njani?—2 Kor. 6:13.

4 Ukuba Ngumhlobo KaThixo: Unokwenza njani ukuze ube ngumhlobo kaYehova, yaye kutheni kubalulekile nje? (INdu. 34:8) Ngubani onokubuqinisa nangakumbi ubuhlobo bakho noThixo?

5 Abahlobo Abangalunganga: Ngoobani abahlobo abangalunganga? (1 Kor. 15:33) Abahlobo abangalunganga banokumenzakalisa njani umntu ngokomoya? Ikufundisa ntoni iBhayibhile ngoDina?—Gen. 34:1, 2, 7, 19.

6 Umfanekiso Oshukumayo Wezi Mini: UTara waziva njani ngenxa yobulolo? Wazithethelela njani ngokutshomana nolutsha lwehlabathi? Ziziphi iingxaki olwamfaka kuzo? Yintoni le yayisenza abazali bakhe bangayiboni ingxaki awayekuyo, kodwa sisiphi isimo sengqondo esabenza bakwazi ukumnceda? Udade othile onguvulindlela wazingqina njani engumhlobo wokwenene kaTara? Kutheni amaKristu emele athobele IMizekeliso 13:20 noYeremiya 17:9? Sisiphi isifundo esibalulekileyo esafundwa nguTara?

7 Umqukumbelo: Ufunde ntoni kule vidiyo? Unokubanceda njani abanye ngayo?—INdu. 71:17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share