“Yenza Okulungileyo Kubo Bonke”
1 Umxholo othi ‘Lishumayele Ilizwi LikaThixo Ngokupheleleyo’ nothi ‘Nityebe Emisebenzini Emihle’ (Kol. 1:25; 1 Tim. 6:18) ifumaneka kwizihlomelo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaFebruwari nobukaMatshi 2002. Ezi zihlomelo ziye zasikhuthaza ukuba sizame kangangoko ukunceda abanomdla beze eSikhumbuzweni, sincede abapholileyo banxulumane nebandla kwakhona, yaye sincede abantwana nezifundo zethu ezifanelekayo ziqalise ukuya entsimini. Siye sanempumelelo ngenxa yokuzimisela kwethu. Ngoku, ‘lo gama ixesha lisasivumela, masiqhubeke sisenza okulungileyo kubo bonke.’—Gal. 6:10.
2 Bameme Babekho Kwakhona: Kumazwe angaphantsi kwesebe loMzantsi Afrika, bangaphezu kwekhulu lamawaka abantu abeza eSikhumbuzweni nyaka ngamnye abangengabo abavakalisi beendaba ezilungileyo. Ekubeni ubukho babo bubonisa ukuba banomdla, yintoni esimele siyenze ukuze sikhuthaze abo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’ ukuba babe “ngamakholwa”? (IZe. 13:48) Mabakhuthazwe ukuba baphinde beze kwintlanganiso elandelayo.
3 Kutheni ungammemi eze kwiSifundo Sencwadi Sebandla ukuze azuze kwingxubusho emnandi yesiprofeto sikaIsaya? Ukuba usisalamane saloo mntu okanye uqhelene naye yaye uza kunikela intetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, usenokummema ukuba eze kukuphulaphula. Mazise ngemixholo yeentetho zesidlangalala eziza kunikelwa kwiiveki ezilandelayo. (Kufanele kuxhonywe ucwangciso oluhlaziyiweyo ebhodini.) Sebenzisa naliphi na ithuba elivelayo lokumenza abe nomdla wokunqula uYehova. Ukuba akukho mntu umqhubela isifundo, mqhubele.
4 Qhubeka Ukhuthaza Abapholileyo: Imbinana yabo beza eSikhumbuzweni sele izahlulele kuYehova. Kodwa ke iye yayeka ukushumayela iindaba ezilungileyo. Sekunjalo, uPawulos wasibongoza ukuba ‘senze okulungileyo ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.’ (Gal. 6:10) Ngenxa yoko, simele sizikhathaze ngabantu abapholileyo.
5 Mhlawumbi bakho abasele besabele kukhuthazo lwabadala nolwabanye lokuba baphinde baye entsimini. Ukuba wabelwe ukuba usebenze nomvakalisi obepholile, yazi ukuba ukuthanda kwakho uYehova nentsimi kuya kumenza akuthembe. Mbonise indlela osebenza ngayo kwiinkalo ezahlukeneyo zentsimi ukuze ayithande, uya kuqhubeka eshumayela, aze asikelelwe nguYehova.
6 Ncedani Abavakalisi Abatsha Babe Nesiqalo Esihle: Xa ibhinqa elinomdla laye laqonda ukuba liyifumene intlangano kaThixo, lafuna ukuqalisa intsimi ngoko nangoko. Emva kokuba likwazile oko kwakufuneka likwenze, lathi: “Masiqalise ngoku.” Ukuba isifundo sakho sele sihloliwe ukuba siqalise intsimi, sibonise imfuneko yokuba ‘siqalise ngoku,’ ngaloo ndlela, mncede abe nesiqalo esihle lo mvakalisi mtsha. Mncede aziqhelise ukulungiselela nokuya rhoqo entsimini.
7 Ukuba ngumntwana wakho lo ungumvakalisi omtsha ongabhaptizwanga, sebenza naye ukuze enze inkqubela ngokobudala namandla akhe. Ukuba nje unokumnceda, unokumangaliswa yindlela ancokola ngayo, ayifunda ngayo iBhayibhile naluhambisa ngayo uncwadi. Xa efumene umntu onomdla entsimini, mfundise indlela yokwenza ibuyelo.
8 Yandise Inkonzo Yakho: Ngaba iimeko zakho ziyakuvumela ukuba usebenze ixesha elingakumbi entsimini kwanasemva kweenyanga zeSikhumbuzo? Ngaba akunakongeza nokuba yiyure enye okanye ezimbini veki nganye kwixesha obudla ngokulisebenza entsimini? Ngaba sele uyityumbile inyanga oza kuba nguvulindlela ongumncedani ngayo? Okanye ke ngaba akunakuhlengahlengisa indlela ophila ngayo ukuze ungenele inkonzo yexesha elizeleyo? Umzamo esiwenzayo entsimini unokunceda umntu amkele inyaniso! (IZe. 8:26-39) Njengokuba sikhangele kwezi nyanga zizayo, ‘masihlale siphuthuma okulungileyo omnye komnye nakubo bonke abanye.’—1 Tes. 5:15.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Qhubeka Unceda:
□✔ Abo beze eSikhumbuzweni
□✔ Abavakalisi abebepholile
□✔ Abavakalisi abatsha abangekabhaptizwa