IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/02 iphe. 4
  • “Hlalani Niphuthuma Okulungileyo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Hlalani Niphuthuma Okulungileyo”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
  • Amanqaku Afanayo
  • Yiba Ngumzekelo Kwimisebenzi Emihle
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • “Zonke Izinto Zenu Mazenzeke Ngothando”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • “Ihambo Yenu Mayibe Ntle Phakathi Kweentlanga”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2014
  • Yiba Ngcwele Kuyo Yonke Ihambo Yakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2002
km 10/02 iphe. 4

“Hlalani Niphuthuma Okulungileyo”

1 Indlela yamaKristu yokuphila iquka ‘ukuhlala ephuthuma okulungileyo kubo bonke.’ (1 Tes. 5:15) Xa sibakho kwiindibano zesithili, sinamathuba amaninzi okwenza okulungileyo kwabanye. Ebudeni bezo zihlandlo, abantu bayasibona, yaye bonke abadibana nathi banento abayicingayo ngathi kuxhomekeka kwindlela esibaphatha ngayo. Ukuze sihlale sinegama elihle njengamaNgqina kaYehova, sifanele sibonakalise ngezenzo ukuba ‘sibeka abantu bazo zonke iintlobo.’ (1 Pet. 2:17) Oku kuquka ‘ukunyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.’ (Fil. 2:4) Phawula indlela oku okusebenza ngayo kwilungiselelo lamagumbi kwindibano.

2 Ngaba sele uwenzile amalungiselelo endawo yokuhlala? Ukuba akunjalo, fumana ifomu Yokucela Amagumbi kunobhala webandla lenu, yizalise le fomu uze uyibuyisele kuye ukuze ayihlole. Enoba ufuna indawo enjani yokuhlala nceda ukhumbule oku kulandelayo, apho kuyimfuneko: (1) Yiba nomonde nentlonelo kubantu abasebenza apho. (2) Thobela imithetho yendawo ohlala kuyo. (3) Ukuba kuyinto eqhelekileyo bashiyele imalana abo bacocayo.

3 Ukufundisa Abantwana Ukwenza Okuhle: Ngamaxesha athile, abantwana abangajongwanga ngabantu abadala kwezo ndawo zokuhlala baye babangela iingxaki. (IMize. 29:15) Kwezinye iimeko, abazali baye baxakeka zezinye izinto baze bashiya abantwana bengajongwanga egumbini abahlala kulo, kwindawo yokuqubha, okanye kwenye indawo kwezo zakhiwo. Bambi abantwana baye babonakalisa ukungabi nasimilo kangangokuba baye baphazamisa ezinye iindwendwe, ezingamaNgqina nezingengawo.

4 Bazali, kuya kuba kuhle ukuba ngaphambi kwendibano, nichithe ixesha niqwalasela nabantwana benu indlela amaKristu afanele aziphathe ngayo ngamaxesha onke nakuzo zonke iindawo. (Efe. 6:4) Ngokomzekelo, babonise ukuba uthando lokwenene lwamaKristu “aluziphathi ngokungandilisekanga, alufuni ezalo izilangazelelo, alucaphuki.” (1 Kor. 13:5) Abazali banokukubethelela oku ngokuba ngumzekelo omhle kubo bonke. Bantwana, ninokwenza okuhle ngokuthobela abazali benu, nibonakalisa intlonelo ngezakhiwo zehotele, nize nibonise ulwazelelelo ngabanye. (Kol. 3:20) Njengoko ngokumanyeneyo sizabalazela ukwenza okulungileyo kubo bonke, ‘sihombisa imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo, ezintweni zonke.’—Tito 2:10.

5 Indlela entle esiziphatha ngayo ayichukumisi nje kuphela abo basijongileyo kodwa kwanabo babesigxeka ngezizathu ezahlukahlukeneyo. Kuyo yonke into esiyenzayo kwindibano nakwisixeko esinendibano—enoba sihamba esitratweni, siyatya kwindawo zokutyela, siphumlile kwindawo esihlala kuyo, okanye sinikela ubungqina obungacwangciswanga—indlela esithetha ngayo njengamaKristu nezenzo zethu zifanele zibonakalise ukuba sizabalazela ukwenza okulungileyo.

[Ibhokisi ekwiphepha 4]

Nceda Ukhumbule Oku:

■ Yiba nomonde uze ubonakalise intlonelo kwabo basebenza kuloo ndawo.

■ Thobela imithetho yaloo ndawo uhlala kuyo, ukuze ungaphazamisi ezinye iindwendwe.

■ Musa ukulisebenzisa kakubi ilungiselelo elihle lesidlo sakusasa elenzelwe iindwendwe.

■ Babeke esweni abantwana bakho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share