Ucwangciso Olutsha LweNdibano Yesiphaluka
1 Ukuze sibe nokholo olomeleleyo kweli hlabathi lingazinzanga, simele sikholose ngoYehova. Kuthetha ntoni oko? Ukukholosa kwethu ngoYehova kubuchaphazela njani ubomi bethu nobentsapho? Kusinceda njani sixhathise impembelelo yehlabathi likaSathana? Ucwangciso lwendibano yesiphaluka lonyaka wenkonzo wama-2003 luyayiphendula le mibuzo. Umxholo walo uthi “Kholosa NgoYehova Wenze Okulungileyo.”—INdu. 37:3.
2 Asikholosi ngoYehova ngamaxesha athile nje kuphela okanye xa siswele. Kodwa sikholosa ngaye ngalo lonke ixesha. Le ngongoma igxininiswa kwintetho yokuvula ethi “Kholosa NgoYehova Ngamaxesha Onke.” (INdu. 62:8) Ungcelele lweentetho olunomxholo othi “Ukukholosa NgoYehova” luza kusibonisa indlela yokuphanda nokusebenzisa inkcazelo esekelwe eBhayibhileni ukuze siqinise imitshato, sisingathe iingxaki zentsapho size sikwazi ukuziphilisa.
3 Ihlabathi likaSathana lizama ukunyanzelisa iimbono ezigqwethekileyo ngoko kulungileyo nokungalunganga ukuze sidideke size singakwazi ukwahlula into ebalulekileyo kwengabalulekanga. (Isa. 5:20) Intetho ethi “Zilumkeleni Izinto Ezingamampunge Zobomi” nethi “Bubalekeni Ububi—Nenze Okulungileyo” ziya kusenza sizimisele nangakumbi ukuphakamisa imilinganiselo kaYehova ephakamileyo.—Amosi 5:14.
4 Xa uYehova ephelisa le nkqubo ingendawo yezinto, kuya kufuneka abakhonzi bakhe bakholose ngaye ngokupheleleyo. Oku kugxininiswa kwintetho yesidlangalala ethi “Lisondele Ixesha Lokuhlangulwa Kwiimbandezelo Zehlabathi.” Emva kwayo, iya kuba yintetho ethi “Ngaba Uya Kugqalwa Njengobufanelekelayo UBukumkani BukaThixo?” Ucwangciso luqukunjelwa ngentetho ethi “Kholosa Ngezithembiso ZikaYehova.”
5 Kuzo zonke iindibano imbalasane idla ngokuba yintetho yobhaptizo. Nabani na onqwenela ukubhaptizwa ufanele athethe nomveleli owongamelayo ngokukhawuleza ukuze kwenziwe amalungiselelo ayimfuneko.
6 Kula maxesha anzima, nguYehova kuphela onokuthenjwa. (INdu. 118:8, 9) Ngamana sonke singomeleza intembelo yethu kuye ngokubakho kulo lonke ucwangciso lwale ndibano.