Iintshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Aga. 15
“Ucing’ ba kukunyaniseka okunjani okukokona kufanelekileyo? [Mlinde aphendule.] Eli nqaku libethelela ukunyaniseka kuThixo wokwenyaniso. [Mbonise kwiphepha 5, uze ufunde eyesi-2 kaSamuweli 22:26.] Ngaba ubusazi ukuba ukunyaniseka kuThixo kunokuba nceda abantu bangabakhathazi abanye? Ndiqinisekile ukuba uza kukuvuyela ukulifunda.”
IMboniselo Sept. 1
“Ngaba uye waphawula ukuba kwiindawo ezininzi, abamelwane abasazani ngendlela ekwakungayo ngaphambili? [Mlinde aphendule.] UYesu wachaza umgaqo obalulekileyo ukuze ubani abe ngummelwane olungileyo. [Funda uMateyu 7:12.] La manqaku achaza indlela onokuba ngummelwane olungileyo ngayo nendlela onokubakhuthaza ngayo abanye ukuba benze okufanayo.”
Vukani! Sept. 8
“Ngaba ikhe ikukhathaze into yokuba ukungcoliswa komhlaba kuyingxaki engalungisekiyo? [Mlinde aphendule.] Oyena nobangela wale ngxaki kukusafaza ngezinto. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bangasafazi ngezinto. [Funda uYohane 6:12.] Eli phephancwadi libonisa indlela ukulandela imigaqo yeBhayibhile okunokuzinceda ngayo iintsapho ziyeke ukuthanda ukulahla.”
“Kubantu abaninzi namhlanje, ubomi abuzinzanga. [Funda INtshumayeli 9:11.] Lunokufunyanwa phi ulwalathiso olunokuthenjwa? [Mlinde aphendule.] Bambi babhenela ekuvumiseni ngamanani. Ngaba le yindlela abantu abanokuliqonda ngayo ikamva labo? Unokuyifumana phi inkcazelo enokuthenjwa ngekamva? UVukani! uyaphendula.”