Yiba Nomdla ‘Kumakhwenkwe Angenayise’
1 UYehova ‘nguyise wamakhwenkwe angenayise.’ (INdu. 68:5) Ukuwaxhalabela kwakhe kubonakala kulo myalelo awawunika uhlanga lwamandulo lwakwaSirayeli othi: “Nize ningamxhwalekisi nabani na ongumhlolokazi okanye inkwenkwe engenayise. Ukuba uthe wayixhwalekisa nangayiphi na indlela, yadanduluka kum, ndosiva ngenene isikhalo sayo.” (Eks. 22:22, 23) UMthetho kaThixo wawuquka namalungiselelo okuwanceda nangezinto eziphathekayo. (Dut. 24:19-21) Kwilungiselelo lamaKristu, abanquli bokwenyaniso babongozwa ukuba ‘bavelele iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.’ (Yak. 1:27) Sinokuwuxelisa njani umdla anawo uYehova kwabo bakhuliswa ngabazali abangenamaqabane okanye abavela kwiintsapho ezahluleleneyo ngonqulo?
2 Ingqeqesho Yokomoya: Ukuba ungumzali ongenaqabane okanye iqabane lakho alikholwa, ukuqhubela abantwana bakho isifundo seBhayibhile sekhaya kunokuba lucelomngeni. Kodwa isifundo seBhayibhile esiqhutywa rhoqo nesinentsingiselo sibalulekile ukuze bakhule belungelelene yaye beqolile. (IMize. 22:6) Kubalulekile nokuncokola nabo ngezinto zokomoya yonke imihla. (Dut. 6:6-9) Maxa wambi, unokudimazeka, kodwa unganikezeli. Cela amandla nokhokelo kuYehova njengoko ‘uqhubeka ukhulisela abantwana bakho kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.’—Efe. 6:4.
3 Ukuba ufuna uncedo ekusingatheni iimbopheleleko zakho zeZibhalo, xelela abadala. Basenokukucebisa okanye bakuncede umisele ucwangciso lokomoya entsatsheni yakho.
4 Indlela Abanokunceda Ngayo Abanye: Kwinkulungwane yokuqala, uTimoti waba ngumkhonzi kaYehova onenzondelelo nangona wayekhulele kwintsapho eyahluleleneyo ngonqulo. Ngokuqinisekileyo imigudu eyenziwa ngunina noninakhulu yokumfundisa imibhalo engcwele kwasebutsheni bakhe yadlala indima ephambili. (IZe. 16:1, 2; 2 Tim. 1:5; 3:15) Noko ke, wangenelwa nangokunxulumana namanye amaKristu, kuquka umpostile uPawulos, owachaza uTimoti ‘njengomntwana oyintanda nothembekileyo eNkosini.’—1 Kor. 4:17.
5 Ngokufanayo ke nanamhlanje, hayi indlela ekuba yingenelo ngayo xa abazalwana noodade besiba nomdla kumakhwenkwe namantombazana angenayise ebandleni! Ngaba nibazi bonke ngamagama? Ngaba niye nincokole nabo kwiintlanganiso zamaKristu nangezinye izihlandlo? Bamemeni bahambe nani entsimini. Mhlawumbi maxa wambi ninokubaquka, bona kunye nomzali wabo ongenaqabane okanye okholwayo kumalungiselelo esifundo sentsapho nawokuzihlaziya okwakhayo. Xa aba baselula benigqala njengabahlobo, banokuwuxelisa umzekelo wenu baze balwamkele ukhuthazo enilunikelayo.—Fil. 2:4.
6 UYehova unomdla wokwenene kumakhwenkwe namantombazana angenayise, kwaye uyayisikelela imigudu yokuwanceda athande inyaniso. Abaninzi abakhuliswe ngumzali ongenaqabane okanye abavela kwiintsapho ezahluleleneyo ngonqulo bayalufumana ukhuthazo olunjalo ibe sithethanje bakhonza ngokuthembeka njengoovulindlela, izicaka zolungiselelo, abadala, abaveleli abahambahambayo, abavangeli basemazweni okanye amalungu entsapho yaseBheteli. Ngamana sonke singakhangela iindlela ‘zokuphangalalisa’ umsa wethu kwabangenayise, sixelisa uBawo wethu osezulwini.—2 Kor. 6:11-13.