Imibuzo Evela Kubafundi
Eekubeni iBhayibhile ngokufuthi ikhankanya “inkwenkwe engenayise,” ngaba oku kubonisa ukungawakhathaleli kangako amantombazana?
Ngokuqinisekileyo akunjalo.
INew World Translation of the Holy Scriptures isebenzisa ibinzana elithi “inkwenkwe engenayise” kwiindinyana ezininzi ezibonisa ukukhathalela kukaThixo abantwana abangenamzali. UThixo wayibonisa ngokucacileyo le nkathalo kwimithetho awayinika uSirayeli.
Ngokomzekelo, uThixo wathi: “Yonke into engumhlolokazi nenkedama [inkwenkwe engenayise, NW] uze ungayicinezeli. Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo; uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlolokazi abafazi benu [oonyana benu babe ngamakhwenkwe angenayise, NW].” (Eksodus 22:22-24) “UYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo; ogwebela inkedama [inkwenkwe engenayise, NW] nomhlolokazi.”—Duteronomi 10:17, 18; 14:29; 24:17; 27:19.
Iinguqulelo ezininzi zeBhayibhile zifundeka ngokuthi “umntwana ongenayise” okanye “inkedama” kwezi ndinyana, ngaloo ndlela ziquka amakhwenkwe namantombazana. Noko ke, iinguqulelo ezinjalo aziyiphuhlisi intsingiselo ekwigama lesiHebhere elisisiseko elithi (ya·thohmʹ), elikwisini sobuduna. Kunoko, iNew World Translation of the Holy Scriptures isebenzisa inguqulelo echanileyo ethi “inkwenkwe (amakhwenkwe) engenayise,” kwiNdumiso 68:5, efundeka ngolu hlobo: “Uyise wamakhwenkwe angenayise nomthetheli wabahlolokazi nguThixo ekwindawo yakhe engcwele.” Sisekelwe kwintsingiselo efanayo esisiseko yesiHebhere, isenzi esikwisini sobukhomokazi kwiNdumiso 68:11 siyenza ifundeke ngolu hlobo: “Abafazi abashumayela iindaba ezilungileyo bangumkhosi omkhulu.”a
Nakuba “inkwenkwe engenayise” iyindlela eyintloko yokuguqulela igama elithi ya·thohmʹ, oku akumele kuqondwe njengokuthetha ukungakhathalelwa kwamantombazana angenamzali. Iindinyana ezicatshuliweyo nezinye zibonisa ukuba abantu bakaThixo babekhuthazwa ukuba banyamekele amabhinqa, nabahlolokazi. (INdumiso 146:9; Isaya 1:17; Yeremiya 22:3; Zekariya 7:9, 10; Malaki 3:5) EMthethweni, uThixo wakwaquka ingxelo engesigqibo senkundla eyayiqinisekisa ukuba iintombi zikaTselofehadi ezazingenayise zifumane ilifa. Loo mthetho waba ngummiselo wokuqhubana neemeko ezinjalo, ngaloo ndlela uxhasa amalungelo amantombazana angenayise.—Numeri 27:1-8.
UYesu akazange acalule ngokobuni ekubonakaliseni ububele ebantwaneni. Kunoko, sifunda oku: “Baye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo. Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo. Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo. Waza wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo, wamana ebasikelela.”—Marko 10:13-16.
Igama lesiGrike apha eliguqulelwe ngokuthi “abantwana” likwisini-sithubeni. Isichazi-magama esaziwayo sesiGrike sithi eli gama “lisetyenziswa kumakhwenkwe nakumantombazana.” UYesu wayebonakalisa umdla ofanayo nokaYehova kubo bonke abantwana, kumakhwenkwe nakumantombazana. (Hebhere 1:3; thelekisa iDuteronomi 16:14; Marko 5:35, 38-42.) Ngaloo ndlela kumelwe kuqondwe ukuba isiluleko esikwiZibhalo zesiHebhere esingokukhathalela “amakhwenkwe angenayise” licebiso ngendlela esimele sibakhathalele ngayo bonke abantwana abangenamzali okanye abazali.
[Umbhalo osemazantsi]
a ITanakh yamaYuda ifundeka ngolu hlobo: “INKOSI inika umyalelo; abafazi abazisa iindaba bayinyambalala.”