Khumbula Amagqala Athembekileyo
1 Nangona wayengumhlolokazi yaye sele ekhulile, uAna owayeneminyaka engama-84 ubudala ‘akazange aphoswe kukuba setempileni.’ Ukuthembeka kwakhe kwamenza wasikelelwa ngokukhethekileyo nguYehova. (Luka 2:36-38) Namhlanje, abazalwana noodade banomoya ofana noka-Ana nangona behlangabezana neemeko ezilucelomngeni. Xa abantu abathembeke ngoloo hlobo kufuneka banyamekele impilo okanye iintsilelo ezibangelwa kukwaluphala, maxa wambi basenokuziva bedimazekile. Makhe sixubushe iindlela esinokubanceda ngazo balondoloze ucwangciso oluhle lokomoya.
2 Iintlanganiso Nobulungiseleli: Uninzi lwabathembekileyo abasele bekhulile luyakuvuyela ukuncedwa ngento yokuhamba ukuze lubekho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu. Oku kuyabakha ngokomoya aba bakhonzi bathembekileyo nabasele bengamagqala, ibe nebandla liyangenelwa. Ngaba ukhe wanesabelo kulo msebenzi mhle?—Heb. 13:16.
3 Ukuya rhoqo entsimini kuwanika uvuyo nolwaneliseko lokwenene amaKristu okwenyaniso. Kodwa oko kunokuba lucelomngeni kwabasele bekhulile nabagulayo. Ngaba akunako na ukuhamba nomnye waba bathandekayo ‘njengomsebénzi olidlelane’ lakho xa usiya kwenye inkalo yomsebenzi wokushumayela? (Roma 16:3, 9, 21) Mhlawumbi unokummema ukuba ashumayele nawe ngomnxeba okanye niye kumabuyelo okanye kwisifundo seBhayibhile. Ukuba akakwazi kuhamba, ngaba akunakucela isifundo eso size ekhayeni lakhe?
4 Isifundo Nonxulumano: Ngamaxesha athile, bambi baye bameme umntu osele ekhulile okanye ogulayo ukuba abe kunye nabo kwisifundo sentsapho, maxa wambi isifundo siye siqhutywe kwikhaya lakhe. Omnye umama wasa abantwana bakhe ababini kwikhaya lodade osele ekhulile ukuze kufundwe Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile, ibe bonke bakhuthazwa lolo nxulumano. Abantu abanjalo bayakuvuyela nokumenyelwa isidlo okanye ezinye izihlandlo. Ukuba abagulayo babuthathaka kakhulu ukuba bangakutyelela, mhlawumbi unokubatyelela nje ukuze ufunde nabo, uthandaze nabo okanye ubabalisele amava akhayo.—Roma 1:11, 12.
5 UYehova uyabaxabisa abakhulileyo abathembekileyo. (Heb. 6:10, 11) Sinokumxelisa ngokubonisa ukuba siyabaxabisa nangokubanceda bazenzele ucwangciso oluhle lwezinto zokomoya.