Ngaba Ungaluncedo Kwabanye?
Kumabandla amaninzi kukho abavakalisi abangakwaziyo ukuya kushumayela ngenxa yempilo ebuthathaka okanye ukwaluphala. (2 Kor. 4:16) Ngaba awunakucela omnye waba bavakalisi akukhaphe xa usiya kuqhuba isifundo seBhayibhile? Ukuba lo mvakalisi akakwazi ukuphuma endlwini, mhlawumbi isifundo seBhayibhile unokusiqhubela ekhayeni lakhe. Ngaba ngamaxesha athile ungakwazi ukuhamba naye niye kushumayela kwizindlu ezimbalwa okanye niye kumabuyelo? Uninzi lwabavakalisi abasele bekhulile banamava kumsebenzi wokushumayela. Ngenxa yoko, uncedo lwakho aluzukukhuthaza bona kuphela, kodwa nawe uya kuzuza. (Roma 1:12) Ukongezelela koku, uthando lwakho ngabo luya kuvuzwa nguYehova.—IMize. 19:17; 1 Yoh. 3:17, 18.