Ukuphila Ngokuvisisana Nozahlulelo Lwethu
1 Enoba usandula ukubhaptizwa okanye wabhaptizwa kumashumi eminyaka eyadlulayo, usasikhumbula eso siganeko sibalulekileyo ebomini bakho. Ukubhaptizwa kwethu ayisosiphelo, kunoko, sisiqalo sobomi bokuzahlulela esinokuqhubeka ngonaphakade. (1 Yoh. 2:17) Yintoni ebandakanyekileyo ekuphileni ngokuvisisana nozahlulelo lwethu?
2 Landela Umzekelo KaKristu: Emva kokuba ebhaptiziwe, uYesu ‘waqalisa umsebenzi wakhe’ wokuvakalisa “iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo.” (Luka 3:23; 4:43) Ngendlela efanayo, emva kokuba sifuzisele ukuzahlulela kwethu kuYehova ngokubhaptizwa, samiselwa njengabashumayeli beendaba ezilungileyo. Ngoxa kusenokufuneka ixesha nomgudu ongakumbi ukuze sifumane izinto zokuxhasa ubomi, owona msebenzi wethu ubalulekileyo bubulungiseleli bamaKristu. (Mat. 6:33) Kunokuba bazame ukuba zizityebi okanye badume, abo bazahlulele kuThixo bafuna ‘ukuzukisa ubulungiseleli babo,’ njengompostile uPawulos. (Roma 11:13) Ngaba uyalixabisa ilungelo onalo lokukhonza uYehova yaye ulisebenzisa kakuhle?
3 NjengoYesu, simele ‘simchase uMtyholi.’ (Yak. 4:7) USathana wamlinga uYesu emva kokuba ebhaptiziwe, yaye namhlanje uchunge abakhonzi abazahluleleyo bakaYehova. (Luka 4:1-13) Ekubeni singqongwe lihlabathi likaSathana, simele siziqeqeshe, siphephe nantoni na enokungcolisa iingqondo zethu okanye yonakalise iintliziyo zethu. (IMize. 4:23; Mat. 5:29, 30) AmaKristu ayakhunjuzwa ukuba ‘awanakuba nenxaxheba etafileni kaYehova nasetafileni yeedemon.’ (1 Kor. 10:21) Oku kufuna sizilinde nxamnye nokuzonwabisa ngendlela engafanelekanga, nonxulumano olubi, neInternet. Kwakhona kufuneka siphephe uncwadi lwabawexuki. Ukuziphaphela ezi ndlela namanye amaqhinga kaSathana kuya kusinceda sizukise ukuzahlulela kwethu.
4 Ukusebenzisa Amalungiselelo KaThixo: Ukuze asincede siphile ngokuvisisana nozahlulelo lwethu, uYehova uye walungiselela uncedo ngeLizwi lakhe nangebandla lamaKristu. Ukufundisisa iBhayibhile nokuthandaza kuYehova makube yinxalenye yocwangciso lwakho lwemihla ngemihla. (Yosh. 1:8; 1 Tes. 5:17) Yoliswa ziintlanganiso zebandla. (INdu. 122:1) Nxulumana nabo boyika uYehova uze ugcine imiyalelo yakhe.—INdu. 119:63.
5 UThixo unokukunceda uphile ngokuvisisana nozahlulelo lwakho kuYehova uze ufumane uvuyo lokumkhonza ngonaphakade.—INdu. 22:26, 27; Fil. 4:13.