‘Nikhanye Njengezikhanyiso’
1 Phakathi kobu bumnyama bokomoya nobemilinganiselo yokuziphatha obongamele le nkqubo yezinto, kukho abanquli boThixo oyinyaniso, uYehova, abamalunga nezigidi ezithandathu, ‘abakhanya njengezikhanyiso’ kumazwe angama-234 ehlabathini lonke. (Fil. 2:15) Oku kusenza sahluke. Sikubonisa njani ukukhanya okuqaqambileyo kwenyaniso okuvela kuYehova?—2 Kor. 3:18.
2 Izenzo Zethu: Abantu bayakhawuleza ukuyibona ihambo yethu. (1 Pet. 2:12) Elinye ibhinqa laphawula ukuba iNgqina elalisebenza nalo lalinobubele, liluncedo yaye lingathuki okanye lihleke xa kuthethwa amanyala. Xa abanye babezama ukulicaphukisa eli Ngqina ngokuthetha krwada, lalihlala lizolile kodwa likumele ngokuqinileyo oko kulungileyo. Kwaba nawuphi umphumo oku kweli bhinqa? Lithi: “Yayindichukumisa gqitha indlela eliziphethe ngayo kangangokuba ndaqalisa ukulibuza imibuzo ngeBhayibhile. Ndaqalisa ukufundisisa iLizwi likaThixo ndaza ndabhaptizwa.” Lalek’ umsundulo lisithi: “Yayiyindlela eliziphethe ngayo eyandishukumisela ekubeni ndihlolisise izinto azikholelwayo amaNgqina kaYehova.”
3 Indlela esibajonga ngayo abasemagunyeni, imbono yethu ngezinto zehlabathi nokuthetha kwethu ngendlela eyakhayo kuwenza amaNgqina kaYehova abalasele njengabantu abaphila ngemilinganiselo ephakamileyo yeBhayibhile. Imisebenzi enjalo iyamzukisa uYehova ize itsalele abanye kunqulo lwakhe.
4 Indlela Esithetha Ngayo: Kakade ke, ukuba asithethi ngeenkolelo zethu, abo babona indlela esiziphethe ngayo basenokungasazi isizathu sokuba sahluke. Ngaba abo usebenza nabo okanye ofunda nabo esikolweni bayakwazi ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova? Ngaba uyawaxhakamfula amathuba okushumayela xa kuncokolwa? Ngaba uzimisele ukuba ‘lukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwakho phambi kwabantu’ ngawo onke amathuba avelayo?—Mat. 5:14-16.
5 Ukuphumeza uthumo lwethu njengabathwali bokukhanya kufuna umoya wokuzincama. Ukuba nomoya wokuzinikela kuya kusishukumisela ukuba siziyeke izinto ezingabalulekanga size senze konke okusemandleni ethu kulo msebenzi usindis’ ubomi wokushumayela nowokwenza abafundi.—2 Kor. 12:15.
6 Ngamazwi nangezenzo zethu, ngamana singaqhubeka sikhanyisa njengezikhanyiso. Ukuba senjenjalo, abanye basenokushukunyiselwa ukuba basithelele ekuzukiseni uYehova.