IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/06 iphe. 8
  • Abantu Abaselula Abakhanya Njengezikhanyiso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Abantu Abaselula Abakhanya Njengezikhanyiso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • ‘Nikhanye Njengezikhanyiso’
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
  • Ukukhanya Kwethu Makuhlale Kukhanya
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • “Malukhanye Ngokunjalo Ukhanyiselo Lwenu”
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Ukunikela Ubungqina Ngehambo Entle
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
km 1/06 iphe. 8

Abantu Abaselula Abakhanya Njengezikhanyiso

1. IBhayibhile ibonisa njani ukuba amaKristu aya kwahluka, yaye la mazwi asebenza njani kulutsha olungamaKristu namhlanje?

1 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Nilukhanyiselo lwehlabathi.” (Mat. 5:14, 16) Njengesixeko esikwincochoyi yentaba, esikhanyiselwe lilanga, babeza kwahluka. Namhlanje, amaKristu aselula amaninzi ‘akhanya njengezikhanyiso ehlabathini’ ngenxa yehambo yawo ethe tye nomsebenzi wawo wokunikela ubungqina ngenzondelelo.—Fil. 2:15; Mal. 3:18.

2. Ziziphi ezinye iindlela onokunikela ngazo ubungqina kootitshala nakubantwana ofunda nabo?

2 Esikolweni: Unokubunikela njani ubungqina esikolweni? Olunye ulutsha luye lwaxhakamfula amathuba axa eklasini kuthethwa ngezinto ezifana neziyobisi, indaleko nomoya wokuthand’ izwe—neminye nje imibandela. Omnye udade wasebenzisa isincoko esasithetha ngabagrogrisi ukuze anikele ubungqina ngoBukumkani bukaThixo njengelona themba loluntu. Utitshalakazi wasithanda esi sincoko sicingisiswe kakuhle, yaye oku kwavula elinye ithuba lokushumayela.

3. Unokuba lukhanyiselo njani esikolweni ngehambo yakho?

3 Enye indlela yokukhanya njengesikhanyiso yihambo yakho nendlela enesidima onxiba nozilungisa ngayo. (1 Kor. 4:9; 1 Tim. 2:9) Xa abafundi nootitshala bebona umahluko kwindlela oziphethe ngayo, abanye kubo banokuba nomdla enyanisweni ngenxa yehambo yakho entle baze bavule ithuba lokuba ubashumayeze ngenyaniso eseBhayibhileni. (1 Pet. 2:12; 3:1, 2) Kusenokungabi lula ukuba nehambo ekholisa uThixo, kodwa uYehova uya kukusikelela ngokuyintabalala. (1 Pet. 3:16, 17; 4:14) Ukuze uvuselele umdla weendaba ezilungileyo kwabanye usenokufunda iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ngexesha lekhefu okanye uzibeke apho kulula khona ukuba abanye bazibone.

4. Ziziphi ezinye iingenelo zokunikela ubungqina esikolweni?

4 Ukuba lukhanyiselo esikolweni komeleza ukholo lwakho kuze kukuncede uzive uneqhayiya ngokukhonza uYehova. (Yer. 9:24) Kwakhona kuyakukhusela. Omnye udade wathi: “Enye ingenelo yokuthetha ngeenkolelo zam kukuba abafundi abazami kundiphembelela ukuba ndenze izinto ezingavisisaniyo noko iBhayibhile ikuthethayo.”

5. (a) Olunye ulutsha luyandisa njani inkonzo yalo? (b) Luluphi usukelo lokomoya ozibekele lona?

5 Ukwandisa Inkonzo: Enye indlela ulutsha oluninzi olukhanya ngayo njengezikhanyiso kukwandisa inkonzo yalo. Emva kokugqiba kwisikolo samabanga aphakamileyo, omnye umzalwana wafuna ukukhonza apho bafuneka ngakumbi khona abavakalisi boBukumkani. Wayeyinxalenye yebandla elincinane elinomdala nje omnye. Wathi xa ebhalela umhlobo wakhe: “Kumnandi gqitha apha. Indihlaziya ngokwenene intsimi! Sithetha malunga nemizuzu engama-20 kumntu ngamnye ngenxa yokuba abantu bafuna ukuva yonke into esifuna ukuyithetha.” Walek’ umsundulo esithi: “Akwaba bonke abantu abaselula bebenokwenza lo msebenzi ukuze bavakalelwe ngale ndlela ndivakalelwe ngayo. Ayikho into ebhetele kunokukhonza uYehova ngayo yonke into esinayo.”

6. Yintoni ekwenza uzidle ngolutsha olusebandleni lakho?

6 Hayi indlela esinelunda ngayo ngolutsha lwethu olukhanya njengezikhanyiso ehlabathini! (1 Tes. 2:20) Njengoko ukhonza uYehova ngentliziyo, ngomphefumlo, nangamandla akho ephela, uya kuvuna “ngokuphindwe kalikhulu ngoku kwesi sihlandlo sexesha . . . nakwinkqubo yezinto ezayo ubomi obungunaphakade.”—Marko 10:29, 30; 12:30.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share