ILizwi LikaThixo Liyinyaniso
1. Yiyiphi inkcazelo ebalulekileyo eseBhayibhileni?
1 Umdumisi wabhala wathi: “Lonke ilizwi lakho liyinyaniso.” (INdu. 119:160) UYehova uyiphendula ngendlela eyanelisayo eyona mibuzo ibalulekileyo ebomini esebenzisa iLizwi lakhe eliphefumlelweyo. Uyabathuthuzela aze abanike ithemba abo baneengxaki. Kanti uyasibonisa nendlela yokusondela kuye. Elinye ibhinqa elinoxabiso lathi: “Ukufunda inyaniso yeBhayibhile kufana nokuphuma kwindawo emnyama nenganiki themba uze ungene kwigumbi elikhanyayo neliyolisayo.” Ngaba uzimisele ukuxelela abanye ngenyaniso yeLizwi likaThixo nangaliphi na ithuba elivelayo?
2. IBhayibhile ibuphucula njani ubomi babantu?
2 Inamandla Okuguqula Nawokutsala Abantu Ehlabathini Lonke: Inyaniso yeBhayibhile inamandla okuchukumisa iintliziyo nawokuguqula abantu. (Heb. 4:12) Elinye ibhinqa eliselula elinguRosa lalingunongogo likwasebenzisa kakubi utywala neziyobisi. Lithi: “Xa kanye ndandiphelelwe tu lithemba, esinye isibini esingamaNgqina sathetha nam ngendlela iBhayibhile enokusinceda ngayo sicombulule iingxaki zethu. Xa ndaqalisa ukufundisisa iLizwi likaThixo ndachukumiseka gqitha. Kwisithuba nje senyanga ndafumana amandla okucoca ubomi bam. Ngenxa yokuba ndandisele ndifumene injongo ebomini ndandingasaxhomekekanga etywaleni nakwiziyobisi. Yaye ekubeni ndandikufuna ngamandla ukuba ngumhlobo kaYehova ndandizimisele ukuphila ngemilinganiselo yakhe. Ukuba ndandingafumananga bulumko kwiLizwi likaThixo, ndiqinisekile ngekudala ndazibulala.”—INdu. 119:92.
3. Kutheni singafanele sizibandeze ekudluliseleni isigidimi seBhayibhile kwabanye?
3 Ngokungafaniyo nezinye iincwadi ezikhoyo namhlanje, iBhayibhile itsala abantu ‘bazo zonke iintlanga, izizwe, izizwana neelwimi.’ (ISityhi. 7:9) UThixo uthanda “ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:4) Ngoko ke, asifanele sicinge ukuba umntu akayi kuzamkela iindaba ezilungileyo ngenxa nje yemvelaphi yakhe. Kodwa, sifanele sidlulisele isigidimi soBukumkani kubo bonke, sisebenzisa iBhayibhile nanini na sinokukwazi ukwenjenjalo.
4. Sinokuyisebenzisa njani iBhayibhile xa sinikela ubungqina?
4 Balaselisa Izibhalo: Entsimini maninzi amathuba okusebenzisa iBhayibhile. Xa uhambisa amaphephancwadi, zama ukuquka isibhalo esiboniswe kwintshayelelo ecetyisiweyo. Xa bethetha ngempapasho ehanjiswa kuloo nyanga, abanye bakufumanisa kuluncedo ukufunda isibhalo abasilungiselele kusengaphambili kwintshayelelo yabo. Sihlandlo ngasinye ubuyela, funda isibhalo sibe sinye okanye zibe zibini ukuze uncede umninimzi aqhubeke efumana ulwazi oluchanileyo. Xa uqhuba isifundo seBhayibhile, gxininisa kwizibhalo eziziintloko. Kwanokuba akukho sentsimini, phatha iBhayibhile oza kuyisebenzisa xa kuvela amathuba okunikela ubungqina obungacwangciswanga.—2 Tim. 2:15.
5. Kutheni sifanele sizabalazele ukusebenzisa iBhayibhile kubulungiseleli bethu?
5 Ngamana singabanceda abanye bakhuthazwe yinyaniso yeLizwi likaThixo ngokusebenzisa iBhayibhile ngalo lonke ithuba elivelayo kubulungiseleli bethu.—1 Tes. 2:13.