Ukuba Ngumlwelwe—Kodwa Ube Nemveliso
1 Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova amaninzi ayimilwelwe, usenokuba nemveliso kubulungiseleli. Phofu ke, iimeko zakho zisenokukuvulela amathuba akhethekileyo okushumayela nawokukhuthaza abanye.
2 Amathuba Okushumayela: Abaninzi abayimilwelwe banesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wasentsimini. Ngokomzekelo, omnye udade owenza utyando olwayichaphazela kakhulu indlela ahamba ngayo nathetha ngayo wafumanisa ukuba unokuya kumsebenzi wamaphephancwadi ukuba umyeni wakhe unokumisa inqwelo-mafutha yabo kwisitrato esiphithizelayo. Ngesinye isihlandlo wahambisa amaphephancwadi angama-80 kwiiyure nje ezimbini! Iimeko zakho ezikhethekileyo zisenokukubangela ukuba udibane nabantu ekunzima ukufikelela kubo. Ukuba kunjalo, bajonge njengentsimi yakho ekhethekileyo.
3 Umsebenzi wakho wokushumayela unokuba nemiphumo emihle kakhulu! Njengoko abanye bondele indlela ozimisele ngayo nemiphumo emihle ebangelwa yinyaniso yeBhayibhile ebomini bakho, basenokutsaleleka kwisigidimi soBukumkani. Ngaphezu koko, xa udibana nabantu ababandezelekileyo, unokukwazi ukubathuthuzela ngeLizwi likaThixo ngenxa yamava onawo ebomini.—2 Kor. 1:4.
4 Yomeleza Abanye: Ngaba akuzange ukhuthazwe ngamava kaLaurel Nisbet owayephila ngomphunga wentsimbi kangangeminyaka engama-37 kodwa owanceda abantu abali-17 bafikelela ekwazini inyaniso yeBhayibhile? Ngokufanayo, umzekelo wakho unokukhuthaza amanye amakholwa ukuba azibhokoxe kwinkonzo kaYehova.—g93 1/22 iphe. 18-21.
5 Enoba iimeko azikuvumeli ukuba uye entsimini ngendlela obungathanda ngayo, unako ukubomeleza abanye. Omnye umzalwana wathi: “Ndiye ndabona ukuba kwanoyena mntu ungumlwelwe unokuba luncedo kakhulu kwabanye. Mna nomfazi wam siye saba luncedo kwabaninzi abahlukahlukeneyo ebandleni. Ngenxa yemeko esikuyo sihlala sikho yaye sifumaneka.” Noko ke, ngenxa yokuba ungumlwelwe kuyaqondakala ukuba akunakusoloko usebenza ngendlela obungathanda ngayo. Sekunjalo, unokufumana uncedo ukuze ukwazi ukukhuthala entsimini. Ngoko ke, ukuba ufuna uncedo, ungabi mathidala ukuxelela abadala okanye abanye abasebandleni abanokukwazi ukukunceda.
6 UYehova uyayibona yonke imigudu yokumkhonza oyenzayo, yaye uyavuyiswa yinkonzo yakho yomphefumlo uphela. (INdu. 139:1-4) Njengoko uthembele kuye, unokukupha amandla okuba ushumayele ngenjongo uze ufumane iziqhamo.—2 Kor. 12:7-10.