IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 6/8 iphe. 16-18
  • Ndinokuhlangabezana Njani Nesiphene Endinaso?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndinokuhlangabezana Njani Nesiphene Endinaso?
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umgibe Wokucinga Ngomnqweno Onawo
  • Ukwenza Ngokwazi
  • Zibekele Usukelo!
  • Ungazami Ukwenza Izinto Ngaphandle Koncedo Lwabanye
  • Kutheni Ndimele Ndibandezeleke Ngenxa Yesiphene?
    Vukani!—1993
  • Kutheni Ndigula Kangaka Nje?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
  • “Bandixelela Ukuba Andisayi Kuphinda Ndihambe Kwakhona!”
    Vukani!—1990
  • Ngaba Ndiya Kulandela Ikhondo Lomnakwethu?
    Vukani!—1993
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 6/8 iphe. 16-18

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ndinokuhlangabezana Njani Nesiphene Endinaso?

UNINA wentombazana eselula esiza kuyibiza ngokuba nguMaggie uthi, “Usakwazi ukuhamba. Kodwa amalungu athile omzimba wakhe akasebenzisani nentetho yakhe iyanqum-nqumka.” UMaggie unesifo esiyimultiple sclerosis yaye ungomnye wezigidi zolutsha olusehlabathini jikelele olubandazelekileyo ngenxa yeziphene.

Mhlawumbi nawe ungomnye walo. Yaye enoba wazalwa unesiphene okanye sabangelwa kukugula okanye yingozi,a akukho mfuneko yakugqiba ngokuthi soze wonwabe ebomini. Ngenxa yemigudu oyenza ngomonde, unokuthabatha amanyathelo angqalileyo okuhlangabezana ngokunempumelelo nemeko okuyo.

Umgibe Wokucinga Ngomnqweno Onawo

Kakade ke, kungokwemvelo ukungafuni ukwamkela into engemyoli yona kodwa iyeyokwenene ube nethemba nolangazelelo lokuba isiphene onaso siya kuphela. Kuyabonakala ukuba umpostile uPawulos wayenesigulo esithile esasichaphazela amehlo akhe. (Thelekisa eyabaseGalati 6:11.) Ethetha ngotyelelo lwakhe lokuqala kumaKristu aseGalati, uPawulos wathi: “Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla [“ukugula,” NW] kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala. Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa.” (Galati 4:13, 14) Bambi abahlalutyi bacinga ukuba isigulo awayenaso uPawulos sawenza amehlo akhe achiza ububovu okanye ngandlel’ ithile samenza wanyanyeka. Ngoko, akumangalisi ukuba uPawulos, ‘wayibongoza kathathu iNkosi’ ukuba iphelise eso sigulo. Kodwa ayizange ikwenze oko. (2 Korinte 12:8, 9) Noko ke, phezu kwaso nje isiphene awayenaso, wawunandipha umsebenzi wokuba ngumvangeli wasemazweni, umfundi nokuba ngumbhali.

Nawe kusenokufuneka usamkele isiphene onaso esihlala sihleli. Kwincwadi ethi Living With the Disabled, umbhali uJan Coombs ubhala oku: “Ukuze umguli asamkele isiphene anaso kuqala ufanele avume ukuba unesiphene. Ufanele aqonde ukuba ubuthathaka anabo busenokumthintela okanye bumbangele abandezeleke kodwa abukuthobi ukuxabiseka kwakhe njengomntu.” Ukuba akukho themba liyinene lonyango, ukungayamkeli imeko yakho kuphela kuya kukufaka engxakini yokuzisola, ukubandezeleka, nodano. Kwelinye icala, iBhayibhile ithi kwiMizekeliso 11:2, “bunabathozamileyo ubulumko,” yaye umntu othozamileyo uyabazi yaye uyabamkela ubuthathaka bakhe. Oku akuthethi ukuba abe yinkomo edla yodwa okanye agqibe kwelokuba aphile ubomi obubuhlungu, nobungonwabisiyo. Kunoko, ukuthozama kubandakanya ukuyihlola ngokunyanisekileyo imeko okuyo nokuzibekela usukelo lokwenene.

Ukwenza Ngokwazi

Kwakhona ufanele ulwazi ngokuchanileyo uhlobo lwesiphene onaso. IMizekeliso 13:16 ithi, “Bonke abanobuqili benza ngokwazi.” (Thelekisa IMizekeliso 10:14.) Oku kusenokuthetha ukufunda uncwadi oluthile lwezamayeza okanye ukubuza imibuzo engqalileyo kugqirha wakho nakwezinye iingcali zempilo ezikunyangayo. Ukufunda ngako oku kunokukukhulula kuko nakuphi na ukuziqonda phosakeleyo izinto ebekunokukuthintela ekufikeleleni oko unokukwazi ukukwenza.

Kusenokukunceda nokuba nolwazi ngenkqubela phambili yezamayeza kunye neendlela zonyango ezinokuyiphucula imeko yakho. Ngokomzekelo kuveliswe amalungu angengowamvelo (umlenze okanye ingalo engeyoyamvelo) awenziwe ngezinto ezikhaphu-khaphu ezenza kube lula ngakumbi nokushukushukuma kwamalungu omzimba. Ngokwenene, iphephancwadi iTime linikela ingxelo “yokwanda ngephanyazo” kwezixhobo eziluncedo zabantu abaneziphene. Mhlawumbi izinto ezinjalo ezivelisiweyo ziyafumaneka kwindawo ohlala kuyo yaye intsapho yakokwenu inokuzifikelela ngokwasemalini.

Izixhobo ezingakumbi eziqhelekileyo, ezinjengezixhobo zokuva, imisimelelo, iintonga zeziqhwala neentsimbi zokuxhasa amalungu omzimba nazo zisenokuba luncedo. Kodwa, lumbi ulutsha lusenokuziva luneentloni yaye kunzima kakhulu ukusebenzisa izinto ezinjalo eziluncedo. Kodwa ngobulumko uKumkani uSolomon wathi: “Ukuba izembe lakho libuthuntu yaye akuliloli, uya kutsala nzima ukulisebenzisa.” (INtshumayeli 10:10; Today’s English Version) Ngokufanayo usenokuzidinisa—okanye uzibandeze kwimisebenzi enandiphekayo—ukuba uyasilela ukuzisebenzisa kakuhle izixhobo ezinokukunceda. Kutheni uvumela ikratshi likubangele wenze ubomi bakho bube nzima ngakumbi kunokuba bunjalo? USolomon waqukumbela ngokuthi: “Ke ukubusebenzisa ngokunempumelelo ubulumko ngokuqinisekileyo kuyingenelo.” (NW)

Ewe, uya kungenelwa kukusebenzisa okuthile okuya kukunceda ukwazi ukuhamba, ukubona, okanye ukuva kakuhle. Liyinyaniso elokuba, kusenokufuna uqheliselo nomonde omkhulu ukuze ukwazi kakuhle ukusebenzisa iintonga zeziqhwala, amalungu angengowamvelo, okanye isixhobo sokuva. Yaye ezi zixhobo zisenokungabi luncedo kangako ekuphuculeni imbonakalo yakho. Kodwa khawucinge ngenkululeko ezinokukuzisela yona kunye namathuba ezisenokukuvulela wona! Enye intombazana enesiphene yaseAfrika egama linguJay yayizinxwema kwabanye abantu, yaphuma kwaba kanye kwindawo encinane eyayihlala kuyo kwiminyaka yayo eli-18. Emva kokuba ifundisise iBhayibhile namaNgqina kaYehova, yaqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu. Oku kwakufuna ukuba “ihambe” idlule kwizakhiwo ezininzi, ihamba ngezandla irhuqa umzimba wayo. Xa udade oliNgqina ohlala eYurophu wevayo ngengxaki kaJay, wamthumelela isitulo esinamavili amathathu. Seza sinetyathanga elidibene nevili langaphambili ukuze uJay akwazi ukusiqhuba ngezandla zakhe. Ngaba wayengumbono ombi? Akunjalo. Kodwa le ndlela ibonakala inzima yento yokuhamba yambangela ukuba akwazi ukuya ezintlanganisweni nokuba nesabelo kumsebenzi wokushumayela wendlu ngendlu.

Zibekele Usukelo!

Noko ke, kulumkele ukukhulisa isimo sengqondo esilandulayo. UKumkani osisilumko uSolomon wathi: “Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna.” (INtshumayeli 11:4) Ngaba uvumela uloyiko okanye amathandabuzo akuthintele ekwenzeni izinto ofuna ukuzenza? Khawucinge ngoMoses. Xa uThixo wamnyulayo ukuze ahlangule amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa, uMoses wazama ukuzicelela uxolo ngenxa yokuba engakwazi ukuthetha kakuhle. Echaza isiphene anaso esamenza akakwazi ukuthetha kakuhle, uMoses wathi, “ndingomlomo ungalukanga.” (Eksodus 6:12) Kodwa uMoses wayezijongela phantsi. Ekuhambeni kwethuba, wazibonakalisa ukuba wayenokuthetha ngokukhululekileyo—ethetha nohlanga lakwaSirayeli luphela.—Duteronomi 1:1.

Musa ukwenza impazamo efanayo yokuzijongela phantsi. Zimisele uze ube nosukelo ozibekela lona! Ngokomzekelo, uBecky oselula unobunzima obuthile ekuthetheni ngenxa yokwenzakala kwingozi eyenzeka eneminyaka emihlanu ubudala. Kodwa abazali bakhe abazange bamvumele ukuba anikezele. Ngokwahlukileyo koko, bambhalisa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Xa wayeneminyaka esixhenxe ubudala uBecky wayenikela iintetho ezimfutshane phambi kwabaphulaphuli. UBecky ukhumbula oku: “Ukunikela intetho kwandinceda. Kwandishukumisela ukuba ndisebenze nzima ndizama ukuphucula kwindlela endithetha ngayo.” UBecky wayekwakhuthazelwa ukuba nesabelo ngokuzeleyo kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu. “Maxa wambi ndiye ndicinge ukuba abantu bafanele ukuba bakuthiye ngokwenene ukundiva ndithetha; ndiyakhathazeka ngenxa yoko bakucingayo. Kodwa emva koko ndizixelela ukuba, ‘oku ndikwenzela uYehova,’ yaye ndiyamcela ukuba andincede ndiyikhuphe loo ngcinga.” Namhlanje, uBecky ukhonza njengomshumayeli weendaba ezilungileyo wexesha elizeleyo.

UCraig, ngoku osele ekhulile, ugula sisifo sokuphazamiseka kobuchopho (cerebral palsy). Naye akazange asivumele isiphene anaso simthintele ekubeni lilungu lebandla lamaKristu elixabisekileyo. Uthi: “Ndithembele kuYehova, yaye undenze ndanandipha iintsikelelo eziyintabalala. Ndiye ndakwazi ukukhonza njengovulindlela ongumncedani [umshumayeli weendaba ezilungileyo] izihlandlo ezihlanu. Ndinikela iintetho zeBhayibhile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, yaye ndiyakwazi ukusingatha amatyala ebandla.”

Kukho ‘nexesha lokuhleka,’ yaye ngokuqhelisela, usenokukwazi ukunandipha eminye imisebenzi eyonwabisayo enanditshwa lolunye ulutsha. (INtshumayeli 3:4) UBecky uyavuma esithi: “Andinakuyidlala imidlalo enjengevolleyball kuba amalungu am omzimba athatha kade. Kodwa ndinokukwazi ukubaleka. Yaye kungekudala emva kwengozi endayifumanayo, umama wandikhuthaza ukuba ndifunde ukuqhuba ibhayisekile. Wayesoloko endikhuthaza ukuba ndizame ukwenza izinto endingaqhelananga nazo.”

Ungazami Ukwenza Izinto Ngaphandle Koncedo Lwabanye

Ukuhlangabezana nesiphene akulula. Umpostile uPawulos wasibiza isiphene awayenaso ngokuthi ‘luviko enyameni.’ (2 Korinte 12:7) Ngethamsanqa, akuyomfuneko ukuba ujamelane neengxaki zakho uwedwa. USarne, ibhinqa eliselula elinesiphene ehlezeni uthi: “Ndifumanise ukuba unxulumano olufanelekileyo namaKristu nenkxaso yothando evela kwintsapho nakwizihlobo ezisebandleni ixabiseke ngokwenene kum.” Ewe, musa ukuzenza inkomo edla yodwa. (IMizekeliso 18:1) Kangangoko kunokwenzeka, ‘hlala uphuphuma umsebenzi weNkosi.’ (1 Korinte 15:58) Echaza ingenelo yakhe uSarne uthi: “Ukuba ngokhutheleyo kwimisebenzi yoBukumkani kundinceda ndibe nembono efanelekileyo ngeengxaki endinazo.” UBecky uthi: “Uyakwazi ukuthetha nabantu abagula ngakumbi kunawe kuba abanathemba ngekamva. Oko kundinceda ekubeni ndingacingi ngesiqu sam.”

Ngaphezu kwako konke, cela uYehova uThixo ukuze akuxhase. Uyaziqonda iimfuno zakho nendlela ovakalelwa ngayo yaye unokukunika “incamisa yamandla” ukuze ikuncede uhlangabezane nemeko okuyo. (2 Korinte 4:7) Mhlawumbi ekuhambeni kwexesha usenokuba nembono entle yomKristu oselula onesiphene ogama linguTerrence. UTerrence watyhaphaka eneminyaka esithoba kodwa akakuvumeli ukuba oko kulawule ingqondo yakhe, uthi: “Ukungaboni kwam akuyongxaki inkulu kangako ingokwasemzimbeni; kodwa kuzenza nje izinto zibe nzima.”

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuba isiphene onaso yinto eyenzeke kutshanje, kuyaqondakala ukuba usenokuba uthwaxwa kukuba buhlungu, umsindo nokuba lusizi. Enyanisweni, kuyinto eqheleke kakhulu—nesempilweni—ukuva intlungu xa ubandezelekile ngenxa yokuphulukana nokuthile okubalulekileyo. (Thelekisa ABagwebi 11:37; INtshumayeli 7:1-3.) Qiniseka ukuba ekuhambeni kwexesha nangenxa yenkxaso yothando yentsapho nezihlobo, ekugqibeleni iimvakalelo ezinamandla zentlungu ziya kudamba.

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Funda konke onokukwazi ngesiphene onaso

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share