“Mkhonzeni UYehova Ninemihlali”
1. Unokuba yintoni umthombo wovuyo lokwenene lwabakhonzi bakaYehova?
1 Umpostile uPawulos wabhala wenjenje: “Hlalani ninemihlali eNkosini. Ndiyaphinda ndithi, Yibani nemihlali!” (Fil. 4:4) Ilungelo lokwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo nelokunceda abantu ababumvu ukuba banqule uYehova lisibangela ukuba sivuye. (Luka 10:17; IZe. 15:3; 1 Tes. 2:19) Noko ke, ukuba ngamathub’ athile asilufumani uvuyo kubulungiseleli bethu, sinokwenza ntoni?
2. Ukuhlala sinikel’ ingqalelo kumthombo wothumo lwethu kufak’ isandla njani kuvuyo esinalo?
2 Umsebenzi Omiselwe NguThixo: Khumbula ukuba nguYehova osithume ukuba sishumayele. Sinelungelo lokuba ‘ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo’ ekuvakaliseni isigidimi soBukumkani nokwenza abafundi. (1 Kor. 3:9) Lo msebenzi ungayi kuphinda wenziwe siwenza kunye noKristu Yesu. (Mat. 28:18-20) Kwaneengelosi zibandakanyekile ekwenzeni lo msebenzi yaye zikunye nathi kwisivuno esikhulu sokomoya esenziwayo ngoku. (IZe. 8:26; ISityhi. 14:6) IZibhalo, kwanamava abanawo abantu bakaThixo, zinikela ubungqina bokwenene bokuba lo msebenzi uxhaswa nguYehova. Ngoko ke, xa sishumayela, sihamba “njengabathunywa bakaThixo, sikunye noKristu.” (2 Kor. 2:17) Esinjani ukuba namandla isizathu sokuvuya!
3. Ukuthandaza kunayiphi indima ekubeni sihlale sivuya enkonzweni kaThixo?
3 Ukuze sihlale sivuya enkonzweni kaThixo kubalulekile ukuba sithandaze. (Gal. 5:22) Ekubeni umsebenzi kaThixo sinokuwenza kuphela ngamandla esiwafumana kuye, sifanele siwucele ngokunyaniseka umoya wakhe awunikela ngesisa. (Luka 11:13; 2 Kor. 4:1, 7; Efe. 6:18-20) Ukuthandazela ubulungiseleli bethu kuya kusinceda sihlale sinembono efanelekileyo xa abantu bengasabeli kakuhle. Kuya kusenza siqhubeke sishumayela ngenkalipho yaye sivuye.—IZe. 4:29-31; 5:40-42; 13:50-52.
4. Ukulungiselela kusinceda njani sivuye ngakumbi kumsebenzi wokushumayela, yaye ziziphi iindlela esinokuzisebenzisa xa silungiselela?
4 Lungiselela Kakuhle: Indlela esebenzisekayo yokufumana uvuyo olungakumbi entsimini kukulungiselela kakuhle. (1 Pet. 3:15) Ukulungiselela okunjalo akutyi xesha lininzi. Kuthabatha nje imizuzu embalwa ukuhlola iintshumayelo ezicetyisiweyo ngendlela yokuhambisa iphephancwadi lakutshanje okanye intshumayelo efanele uncwadi oceba ukuluhambisa. Ukuze ufumane indlela efanelekileyo yokuqalisa incoko, yiya kwincwadi Ukuqiqa okanye kwiinkupho ezidluleyo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Abanye abavakalisi boBukumkani bakufumanisa kuluncedo ukubhala intshumayelo emfutshane kwiphetshana nje elincinane. Ngamathub’ athile bamana bezikhumbuza ngokukrwaqula nje kwelo phetshana. Oku kuyabanceda ukuze bangoyiki baze bashumayele ngenkalipho.
5. Thina kunye nabanye singenelwa njani ngokuba novuyo?
5 Uvuyo lubangela iingenelo ezininzi. Isimo sengqondo sethu esihle senza abantu batsaleleke kwisigidimi sethu. Uvuyo luyasomeleza ukuze sikwazi ukunyamezela. (Neh. 8:10; Heb. 12:2) Ngaphezu kwako konke, inkonzo esiyenza sivuya izukisa uYehova. Ngoko ke, ‘masikhonze uYehova sinemihlali.’—INdu. 100:2.