Uhlaselo Olukubandakanyayo
1, 2. Abakhonzi bakaThixo banamhlanje babandakanyeka njani ekuzalisekisweni kombono osisiprofeto obhalwe kwiSityhilelo 9:13-19?
1 “Eyesithandathu ingelosi yavuthela ixilongo layo.” Emva koko, ‘imikhosi yamahashe engamashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka’ yatsho ngesandi esingathi sesokududuma kwezulu. Lo asingomkhosi nje uqhelekileyo. ‘Iintloko zamahashe zinjengeentloko zeengonyama.’ Emilonyeni kuphuma umlilo, umsi nesalfure, kwaye “imisila yawo injengeenyoka.” Lo mkhosi wamahashe womfuziselo ushiya yonke into ithe waca apho uhamba khona. (ISityhi. 9:13-19) Ngaba uyayazi phofu indlela obandakanyeka ngayo wena kwinzaliseko yalo mbono osisiprofeto ochukumisayo?
2 Intsalela ethanjisiweyo kunye namaqabane ayo, ezinye izimvu, bayancedisana ekwaziseni ngemigwebo kaThixo. Loo nto iphumela ekubeni iNgqobhoko ibhencwe ngokupheleleyo ukuba ifile ngokomoya. Makhe sihlole iinkalo ezimbini zalo mbono osisiprofeto ezibalaselisa isizathu sokuba ubulungiseleli babakhonzi bakaThixo buphumelele kangaka.
3. Luluphi uqeqesho oye walufumana ukuze ushumayele isigidimi sikaThixo ngempumelelo?
3 Bayaqeqeshwa Baze Baxhotyiswe Ukuze Badlulisele Isigidimi SikaThixo: Ngelungiselelo leSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nangezinye iintlanganiso zebandla, abalungiseleli bakaThixo baye baqeqeshwa ukuba basidlulisele ngegunya isigidimi sikaThixo. Bexelisa uYesu nabafundi bakhe, bayaqhubeka befuna abafanelekayo, beshumayela naphi na apho bafumana abantu khona. (Mat. 10:11; Marko 1:16; Luka 4:15; IZe. 20:18-20) Hayi indlela engqineke iphumelela ngayo le ndlela yokushumayela esekelwe eBhayibhileni!
4. Sisiphi isixhobo esifumanekayo kubavakalisi abaninzi esibenza bakwazi ukuphumeza umsebenzi wabo?
4 Abalungiseleli abangamaKristu baye bahambisa amawaka ezigidi zeeBhayibhile, iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso kunye namaphephancwadi xa bephumeza uthumo lokushumayela abalunikwe nguThixo. Ezi mpapasho ziye zafumaneka ngeelwimi ezimalunga nama-400, zigubungela imixholo eyahlukahlukeneyo kwaye zisebenzisa iindlela ezahlukeneyo ukuze zibe nomtsalane kwiintlobo ngeentlobo zabantu. Ngaba uzisebenzisa kakuhle ezi zixhobo?
5, 6. Yintoni ebonisa ukuba uYehova uyabaxhasa abantu bakhe?
5 Ulwalathiso Nenkxaso Evela Ezulwini: Lo mbono osisiprofeto ukwacacisa nokuba umsebenzi ofuziselwa ngumkhosi wamahashe uxhaswa nguThixo. (ISityhi. 9:13-15) Umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke awuphunyezwa ngobulumko namandla omntu, kunoko uphunyezwa ngomoya kaThixo. (Zek. 4:6) UYehova usebenzisa iingelosi ukuze alathise lo msebenzi. (ISityhi. 14:6) Ngaloo ndlela, ukongezelela kwimigudu eyenziwa ngamaNgqina akhe angabantu, uYehova unikela ngenkxaso yakhe ukuze atsalele abalulamileyo kuye.—Yoh. 6:45, 65.
6 Ekubeni beqeqeshwa baze baxhotyiselwe ukusasaza isigidimi sikaThixo yaye besebenza phantsi kolwalathiso lweengelosi, abantu bakaYehova bangumkhosi ongenakuthintelwa bani. Masiqhubeke siphumeza indima yethu ekuzalisekisweni kwalo mbono osisiprofeto obangel’ imincili.