Isahluko 23
Uyeha Wesibini—Imikhosi Yamahashe
1. Phezu kwayo nje imigudu yabefundisi yokutshayela iinkumbi, kwenzeke ntoni, yaye ukuza kooyeha ababini abangakumbi kubonisa ntoni?
UKUSUSELA ngowe-1919 ukusa phambili, ukuhlasela kweenkumbi zokomfuziselo iNgqobhoko kuye kwabangela abefundisi abonwaba gqitha. Baye bazama ukuzitshayela ezi nkumbi, kodwa zona ziye zaqhubeka zisiza ngamandla kunanini na ngaphambili. (ISityhilelo 9:7) Yaye akuphelelanga apho! UYohane ubhala la mazwi: “Omnye uyeha udlule. Khangela! Ooyeha ababini abangakumbi bayeza emva kwezi zinto.” (ISityhilelo 9:12) Kusekho izibetho ezithuthumbisayo ezingakumbi ezigcinelwe iNgqobhoko.
2. (a) Kwenzeka ntoni xa ingelosi yesithandathu ivuthela ixilongo layo? (b) Yintoni efuziselwa ‘lilizwi eliphuma ezimpondweni zesibingelelo segolide’? (c) Kutheni le nto kukhankanywa iingelosi ezine?
2 Uvela phi lo yeha wesibini? UYohane ubhala la mazwi: “Neyesithandathu ingelosi yavuthela ixilongo layo. Yaye ndeva elinye ilizwi liphuma ezimpondweni zesibingelelo segolide esiphambi koThixo lisithi kwingelosi yesithandathu, eyayinexilongo: ‘Zikhulule iingelosi ezine ezibotshwe ngakumlambo omkhulu umEfrate.’” (ISityhilelo 9:13, 14) Ukukhululwa kweengelosi kuyimpendulo kwilizwi elivela ezimpondweni zesibingelelo segolide. Esi sisibingelelo sesiqhumiso esenziwe ngegolide, ibe kangangezihlandlo ezibini ngaphambilana isiqhumiso seengqayi zegolide esivela kwesi sibingelelo siye sanxulunyaniswa nemithandazo yabangcwele. (ISityhilelo 5:8; 8:3, 4) Ngoko ke, eli lizwi limela imithandazo yabangcwele eyenziwa ngokumanyeneyo emhlabeni. Babongoza ukuba bahlangulwe ukuze banikele inkonzo engakumbi efuna amandla ‘njengabathunywa’ bakaYehova, gama elo eliyintsingiselo esisiseko yegama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “iingelosi.” Kutheni le nto kukho iingelosi ezine? Eli nani lokomfuziselo libonakala libonisa ukuba zaziya kulungelelaniswa ngokwenene ngokokude zigubungele umhlaba wonke.—ISityhilelo 7:1; 20:8.
3. Iingelosi ezine ‘zazibotshwe njani ngakumlambo omkhulu umEfrate’?
3 Ezo ngelosi ‘zazibotshwe njani ngakumlambo omkhulu umEfrate’? Kumaxesha amandulo umlambo umEfrate wawungumda okumntla-mpuma welizwe uYehova awalithembisa uAbraham. (Genesis 15:18; Duteronomi 11:24) Kubonakala ukuba, iingelosi zazivalelwe kumda welizwe ezazilinikwe nguThixo, okanye kummandla wasemhlabeni womsebenzi, zithintelwe ukuba zingangeni ngokupheleleyo enkonzweni uYehova awayezilungiselele yona. UmEfrate wawukwanxulunyaniswe ngokubalaseleyo nesixeko saseBhabhiloni, yaye emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E., amaSirayeli okwenyama achitha iminyaka engama-70 apho ekuthinjweni, ‘ebotshwe ngakumlambo omkhulu umEfrate.’ (INdumiso 137:1) Ngonyaka we-1919 amaSirayeli okomoya ayebotshwe ngendlela efanayo, etyhafile yaye ecela ukhokelo lukaYehova.
4. Luluphi uthumo olunikwe iingelosi, yaye lufezwe njani?
4 Okuvuyisayo kukuba, uYohane uchaza oku: “Zaza iingelosi ezine zakhululwa, ezibe zilungiselelwe ilixa nemini nenyanga nonyaka, ukuba zibulale isinye kwisithathu sabantu.” (ISityhilelo 9:15) UYehova unguMgcini wexesha ochanileyo. Unocwangciso lwexesha yaye wenza ngokuvisisana nalo. Ngenxa yoko, aba bathunywa bakhululwa kanye ngexesha alicwangcisileyo yaye ngexesha elifanelekileyo lokuba bafeze oko bamele bakwenze. Khawuthelekelele nje uvuyo lwabo ekuphumeni ekuthinjweni ngowe-1919, belungele umsebenzi! Banothumo olungaquki nje kuphela ukuthuthumbisa kodwa ekugqibeleni ‘ukubulala isinye kwisithathu sabantu.’ Oku kuhlobene nezibetho ezavakaliswa kukuvuthelwa kwamaxilongo okuqala amane, ezathi zantlitha isinye kwisithathu somhlaba, ulwandle, izidalwa eziselwandle, imithombo nemilambo, kwanezikhanyiso ezisezulwini. (ISityhilelo 8:7-12) Iingelosi ezine zihlabela mgama. ‘Ziyabulala,’ ziyibhenca ngokupheleleyo imeko yokufa ngokomoya kweNgqobhoko. Amazwi awavakaliswa ngamaxilongo, ukususela ngowe-1922 ukusa phambili nasaqhubeka evakaliswa ukuza kutsho kwixesha lanamhla, akuphumezile oku.
5. Ngokubhekisele kwiNgqobhoko, isandi sokuvuthelwa kwexilongo lesithandathu saphindwa njani ngowe-1927?
5 Khumbula ukuba, ingelosi isandul’ ukuvuthela ixilongo lesithandathu. Ngokusabela koko, eToronto, eOntario, eKhanada, kwaqhutywa eyesithandathu kungcelele lweendibano zezizwe ngezizwe zaBafundi BeBhayibhile ezazibakho minyaka le. Ucwangciso lwangeCawa, ngoJulayi 24, 1927, lwasasazwa kungcelele lwamaziko oonomathotholo angama-53, olona sasazo lwalulukhulu ukuza kuthi ga ngelo xesha. Kunokwenzeka ukuba eso sigidimi savakaliswayo saphulaphulwa ngabantu abazizigidi ezininzi. Okokuqala, isigqibo esinamandla sabhenca iNgqobhoko njengefileyo ngokomoya saza sadlulisa esi simemo: “Kweli xesha lokudideka uYehova uThixo uhlab’ ikhwelo kwizizwe ukuba ziyishiye ngonaphakade ‘iNgqobhoko’ okanye ‘ubuKristu obulungelelanisiweyo’ zize zizinxweme ngokupheleleyo kubo . . . ; izizwe mazizinikele zize zinyaniseke ngentliziyo epheleleyo kuYehova uThixo nakuKumkani nobukumkani bakhe.” Intetho yesidlangalala eyathi yalandela yayinomxholo othi “Inkululeko Yezizwe.” UJ. F. Rutherford wayinikela le ntetho ngehlombe awayeqhele ukuzinikela ngalo ezinye iintetho, elalifana ‘nomlilo, nomsi, nesulfure’ ezibonwa nguYohane embonweni emva koku.
6. UYohane uyichaza njani imikhosi yamahashe ayibonayo emva koku?
6 “Yaye inani lemikhosi yamahashe lalingamashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka: ndaliva inani layo. Kwaye le yindlela endawabona ngayo amahashe embonweni, nabo babehleli phezu kwawo: babenezigcina-zifuba ezibomvu bumlilo neziluhlaza buhakinto nezilubhelu busalfure; neentloko zamahashe zazinjengeentloko zeengonyama, nasemilonyeni yawo kwakuphuma umlilo nomsi nesalfure. Ngezi zibetho zithathu isinye kwisithathu sabantu sabulawa, ngomlilo nomsi nesalfure eyaphuma emilonyeni yawo.”—ISityhilelo 9:16-18.
7, 8. (a) Lo mkhosi wamahashe uhamba usalathiswa ngubani? (b) Lo mkhosi wamahashe ufana ngaziphi iindlela neenkumbi ebezingaphambi kwawo?
7 Kuyabonakala ukuba, lo mkhosi wamahashe uhamba usalathiswa ziingelosi ezine. Onjani wona umbono ukoyikeka! Khawuthelekelele indlela obuya kusabela ngayo ukuba ubulixhoba lomkhosi wamahashe onjalo! Ukubonakala nje kwawo bekuya kukubangela uthiwe merhe luvalo. Noko ke, uyiphawulile na indlela lo mkhosi wamahashe ofana ngayo neenkumbi ebezingaphambi kwawo? Iinkumbi zazinjengamahashe; kumkhosi wamahashe kukho amahashe. Ngoko, ezi nkumbi nala mahashe abandakanyekile kumlo wolawulo lobuthixo. (IMizekeliso 21:31) Iinkumbi zazinamazinyo anjengaweengonyama; amahashe akhwelwe ngumkhosi aneentloko ezinjengezeengonyama. Ngoko ke wona nezi nkumbi ahlanganiswa neNgonyama ekhaliphileyo yesizwe sikaYuda, enguYesu Kristu, oyiNkokeli, uMphathi noMzekelo wawo.—ISityhilelo 5:5; IMizekeliso 28:1.
8 Iinkumbi nomkhosi wamahashe zinesabelo kumsebenzi kaYehova wokugweba. Iinkumbi zaphuma kumsi owawubonisa uyeha nomlilo otshabalalisa iNgqobhoko; emilonyeni yamahashe, kuphuma umlilo, umsi nesulfure. Iinkumbi zazinezigcina-zifuba zentsimbi, ezifuzisela ukuba iintliziyo zazo zazikhuselwe kukuzinikela okupheleleyo ebulungiseni; umkhosi wamahashe ufake izigcina-zifuba ezibomvu, eziluhlaza okwesibhakabhaka nezimthubi, mibala leyo ebonisa umlilo, umsi nesalfure, ezizizigidimi zomgwebo obulalayo ophuma emilonyeni yamahashe. (Thelekisa iGenesis 19:24, 28; Luka 17:29, 30.) Iinkumbi zazinemisila yokuthuthumbisa eyayifana neyoonomadudwane; amahashe anemisila yokubulala efana neenyoka! Kubonakala ukuba okwaqaliswa ziinkumbi kuza kugqityezelwa ngamandla angakumbi ngumkhosi wamahashe.
9. Lo mkhosi wamahashe ufuzisela ntoni?
9 Ngoko, ufuzisela ntoni lo mkhosi wamahashe? Kanye njengokuba udidi lukaYohane oluthanjisiweyo lwaqalisa ukuvakalisa okunjengokwamaxilongo umgwebo kaYehova wempindezelo yobuthixo nxamnye neNgqobhoko, lunegunya ‘lokuhlaba ngolwamvila nokwenzakalisa,’ ngokunjalo besiya kulindela ukuba kusetyenziswe kwaeli qela liphilayo linye ‘ekubulaleni,’ oko kukuthi, ekwaziseni ukuba iNgqobhoko nabefundisi bayo bafe ngokupheleleyo ngokomoya, balahliwe nguYehova yaye balungele ukuphoswa “ezikweni lomlilo” lentshabalalo engunaphakade. Ngokwenene, yonke iBhabhiloni Enkulu imele itshatyalaliswe. (ISityhilelo 9:5, 10; 18:2, 8; Mateyu 13:41-43) Noko ke, ngaphambi kokutshabalala kwayo, udidi lukaYohane lusebenzisa ‘ikrele lomoya, oko kukuthi, ilizwi likaThixo,’ ekubhenceni imeko yokufa kweNgqobhoko. Iingelosi ezine nabakhweli bamahashe banikela ulwalathiso koku kubulawa kokomfuziselo ‘kwesinye kwisithathu sabantu.’ (Efese 6:17; ISityhilelo 9:15, 18) Oku kubonisa ukulungelelaniswa okufanelekileyo kwezinto nolwalathiso lolawulo lobuthixo phantsi kokuvelelwa yiNkosi uYesu Kristu njengoko iqela eloyikekayo labavakalisi boBukumkani lisiya edabini.
Amashumi Amabini Amawaka Aphindwe Ngeshumi Lamawaka
10. Kungayiphi ingqiqo ekukho imikhosi yamahashe engamashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka?
10 Kwenzeka njani ukuba kubekho umkhosi wamahashe angamashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka? Amashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka afikelela kuma-200 ezigidi.a Okuvuyisayo kukuba, ngoku kukho izigidi zabavakalisi boBukumkani, kodwa inani labo alisondelanga kwaukusondela kumakhulu ezigidi! Noko ke, khumbula amazwi kaMoses akwiNumeri 10:36 athi: “Buyela, Yehova, kumashumi amawaka akwaSirayeli.” (Thelekisa iGenesis 24:60.) La ‘mashumi amawaka akwaSirayeli’ afikelela kumashumi ezigidi. Noko ke, amaSirayeli ayemalunga nezigidi ezibini ukuya kwezithathu nje kuphela ngomhla kaMoses. Ngoko, wayethetha ukuthini uMoses? Ngokungathandabuzekiyo wayecinga ukuba amaSirayeli ayemele abe maninzi kangangokuba angabi nakubalwa “njengeenkwenkwezi zasemazulwini nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.” (Genesis 22:17; 1 Kronike 27:23) Ngoko wasebenzisa ibinzana elithi ‘amashumi amawaka’ ukubonisa inani elikhulu nelingaqingqwanga. Ngaloo ndlela, iThe New English Bible iyiguqulela ngale ndlela le ndinyana: “Phumla, NKOSI yamawaka angenakubalwa akwaSirayeli.” Oku kuvisisana nengcaciso yesibini yeli binzana ekwizichazi-magama zesiGrike nezesiHebhere, ethi: “inginginya engenakubalwa,” “isihlwele.”—The New Thayer’s Greek-English Lexicon of the New Testament; iA Hebrew and English Lexicon of the Old Testament kaGesenius, eguqulelwe nguEdward Robinson.
11. Ukuze udidi lukaYohane lube ngamashumi amawaka kwanangengqiqo yokomfuziselo, yintoni ebiya kufuneka?
11 Sekunjalo, abo bodidi lukaYohane abasesemhlabeni bangaphantsi kwe-10 000 lokoqobo. Banokufaniswa njani namawaka angenakubalwa omkhosi wamahashe? Ukuze babe ngamashumi amawaka kwanangengqiqo yokomfuziselo, ngaba bekungayi kufuneka ukuba kongezelelwe inani labo? Bekufuneka kanye oko, yaye ngobabalo lukaYehova, koko kanye okuye kwenzeka! Livele phi eli nani lingakumbi?
12, 13. Ziziphi iziganeko zembali ezisusela kowe-1918 ukuya kowe-1935 ezabonisa apho kwakuvela khona ukongezelelwa kwamanani?
12 Ukususela ngowe-1918 ukuya kowe-1922, udidi lukaYohane lwaqalisa ukuvakalisa ebantwini abanxungupheleyo ithemba elonwabisayo lokuba “izigidi eziphilayo ngoku azisayi kuze zife.” Kwakhona ngowe-1923 kwavakaliswa ukuba izimvu ezichazwe kuMateyu 25:31-34 zaziya kubudla ilifa ubomi basemhlabeni phantsi koBukumkani bukaThixo. Kwavakaliswa kwaithemba elifanayo kwincwadana ethi Freedom for the Peoples, eyakhutshwa kwindibano yezizwe ngezizwe ngowe-1927. Ekuqalekeni kweminyaka yee-1930 udidi oluthe tye lukaYehonadabhi ‘nabantu abancwinayo nabagcumayo’ ngenxa yemeko yokomoya elusizi yeNgqobhoko bachazwa njengabafana nezimvu zokomfuziselo ezinethemba lobomi basemhlabeni. (Hezekile 9:4; 2 Kumkani 10:15, 16) Isalathisa abantu abanjalo ‘kwimizi yokusabela’ yanamhla, IMboniselo (yesiNgesi) ka-Agasti 15, 1934, yathi: “Abo bodidi lukaYehonadabhi bakuvile ukukhala kwexilongo likaThixo yaye basithobele isilumkiso ngokusabela kwintlangano kaThixo nokunxulumana nabantu bakaThixo, yaye bamele bahlale apho.”—Numeri 35:6.
13 Ngowe-1935 abo bolu didi lukaYehonadabhi bamenywa ngokukhethekileyo ukuba baye kwindibano yamaNgqina kaYehova eyayiseWashington, D.C., eUnited States. Apho, ngoLwesihlanu, ngoMeyi 31, uJ. F. Rutherford wanikela intetho yakhe edumileyo ethi “Isihlwele Esikhulu,” awathi kuyo wabonisa ngokucacileyo ukuba eli qela leSityhilelo 7:9 lalifana nezimvu ezazichazwe kuMateyu 25:33—iqela elizahluleleyo elinethemba lasemhlabeni. Njengesandulela sezinto ezaziza kuza, kuloo ndibano kwabhaptizwa amaNgqina amatsha angama-840, uninzi lwawo lungawesihlwele esikhulu.b
14. Ngaba isihlwele esikhulu besiya kuba nenxaxheba kumsebenzi womkhosi wamahashe wokomfuziselo, ibe sisiphi isigqibo esavakaliswa ngowe-1963?
14 Ngaba esi sihlwele sikhulu siye sanenxaxheba kumsebenzi womkhosi wamahashe owaqalisa ngowe-1922 nowathi wabethelelwa ngokukhethekileyo kwindibano eyayiseToronto ngowe-1927? Ngokuqinisekileyo siye sanenxaxheba, phantsi kolwalathiso lweengelosi ezine, udidi lukaYohane oluthanjisiweyo! Kwindibano yowe-1963 eyayikwihlabathi lonke neyayinomxholo othi “Iindaba Ezilungileyo Ezingunaphakade,” sathelela udidi lukaYohane ekuvakaliseni isigqibo. Esi sigqibo sasisithi ihlabathi “lijongene nenyikima yenkathazo yehlabathi engazange yabonwa ngaphambili, yaye yonke imibutho yalo yobupolitika neBhabhiloni yalo yanamhla yonqulo ziya kutshatyalaliswa.” Kwesi sigqibo kwavakaliswa ukuba “siya kuqhubeka sizivakalisa kuzo zonke izizwe nangokungakhethiyo ‘iindaba ezilungileyo ezingunaphakade’ ezingobukumkani bukaThixo obungoMesiya nezingemigwebo yakhe, enjengezibetho kwiintshaba zakhe eziya kutshatyalaliswa ukuze kukhululwe bonke abantu abanqwenela ukunqula uThixo uMdali ngokwamkelekileyo ngomoya nangenyaniso.” Esi sigqibo samkelwa ngehlombe kwiindibano ezingama-24 ehlabathini jikelele ngabantu ababeze kwezi ndibano abangama-454 977, ababengaphezulu kuhle kuma-95 ekhulwini kubo ingabesihlwele esikhulu.
15. (a) Ngowama-2005 isihlwele esikhulu sabumba umlinganiselo ongakanani wabasebenzi abasetyenziswa nguYehova entsimini? (b) Umthandazo kaYesu okuYohane 17:20, 21 uluvakalisa njani umanyano lwesihlwele esikhulu kunye nodidi lukaYohane?
15 Isihlwele esikhulu siqhubekile sivakalisa ukumanyana kwaso ngokupheleleyo nodidi lukaYohane ekukhupheni izibetho eziya kwiNgqobhoko. Ngowama-2005 esi sihlwele sikhulu sasibumba abasebenzi abangaphezu kwama-99,8 ekhulwini abasetyenziswa nguYehova entsimini. Amalungu aso avisisana ngentliziyo epheleleyo nodidi lukaYohane, uYesu awaluthandazelayo wathi kuYohane 17:20, 21: “Ndenza isicelo, kungekhona ngaba kuphela, kodwa nangabo bakholwayo kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye, kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe, ukuze nabo bamanyane nathi, ukuze ihlabathi libe nokukholelwa ukuba ndithunywe nguwe.” Njengoko udidi lukaYohane oluthanjisiweyo lukhokela phantsi kukaYesu, isihlwele esikhulu esinenzondelelo sabelana nalo kowona msebenzi mkhulu wakha wenziwa ngumkhosi wamahashe embalini!c
16. (a) UYohane uyichaza njani imilomo nemisila yamahashe okomfuziselo? (b) Imilomo yabantu bakaYehova iye yayilungiselela njani inkonzo? (c) Yintoni efuziselwa sisibakala sokuba “imisila yawo injengeenyoka”?
16 Loo mkhosi wamahashe ufuna izixhobo zemfazwe. Yaye hayi indlela uYehova azilungiselele ngokumangalisayo ngayo! UYohane uzichaza ngale ndlela: “Kuba igunya lala mahashe lisemilonyeni yawo nasemisileni yawo; imisila yawo injengeenyoka yaye ineentloko, kwaye ngayo ayonakalisa.” (ISityhilelo 9:19) UYehova ubamisele le nkonzo abalungiseleli bakhe abazahluleleyo nababhaptiziweyo. NgeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo nezinye iintlanganiso zebandla nezikolo, ubafundise indlela yokushumayela ilizwi, ukuze bakwazi ukuthetha ngegunya ‘ngolwimi lwabafundileyo.’ Amazwi akhe uwafake emilonyeni yabo waza wabathuma ukuba bavakalise imigwebo yakhe “esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu.” (2 Timoti 4:2; Isaya 50:4; 61:2; Yeremiya 1:9, 10; IZenzo 20:20) Udidi lukaYohane nesihlwele esikhulu, apho bafike khona, baye bashiya isigidimi esihlaba okolwamvila, esifana ‘nemisila,’ esikumawaka ezigidi zeeBhayibhile, iincwadi, iincwadana ezinemifanekiso namaphephancwadi asasazwe kwiminyaka edluleyo. Kubachasi bayo, abaziswa ‘ngomonakalo’ ozayo ovela kuYehova, le mikhosi yamahashe ngokwenyaniso ibonakala ngathi ngamashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka.—Thelekisa uYoweli 2:4-6.
17. Ngaba amaNgqina kaYehova anayo inxaxheba kumsebenzi womkhosi wamahashe emazweni apho uncwadi lungenakusasazwa khona ngenxa yokuba umsebenzi uvaliwe? Cacisa.
17 Elona qela linenzondelelo lalo mkhosi wamahashe libunjwa ngabazalwana abakumazwe apho umsebenzi wamaNgqina kaYehova uvaliweyo khona. Njengezimvu phakathi kweengcuka, aba bazalwana kufuneka ‘balumke njengeenyoka, ukanti babe msulwa njengamahobe.’ Ngokuthobela uYehova, abanakuyeka ukuthetha ngezinto abazibonileyo nabazivileyo. (Mateyu 10:16; IZenzo 4:19, 20; 5:28, 29, 32) Ekubeni benoncwadi olushicilelweyo oluncinane okanye bengenalo nje kwaphela, ngaba simele sigqibe kwelokuba abanaso isabelo kumsebenzi owenziwa ngumkhosi wamahashe? Akunjalo konke konke! Basebenzisa imilomo yabo negunya abalinikwa nguYehova ekubeni bavakalise inyaniso yeBhayibhile. Oku bakwenza ngokungacwangciswanga nangokubenza beyiseke abantu, beqhuba izifundo zeBhayibhile yaye ‘bekhokelela abaninzi ebulungiseni.’ (Daniyeli 12:3) Nangona bengenakuhlaba ngolwamvila ngemisila yabo ngengqiqo yokushiya uncwadi oluthetha ngamandla, emilonyeni yabo kuphuma umlilo wokomfuziselo, umsi nesalfure njengoko benikela ubungqina ngobuchule nangobulumko ngemini kaYehova esondelayo yokuzithethelela kwakhe.
18. Lo mkhosi wamahashe usisasaze ngeelwimi ezingaphi nangaliphi inani isigidimi esishicilelweyo sesibetho?
18 Kwezinye iindawo, uncwadi loBukumkani luyaqhubeka lubhenca iimfundiso neendlela zeBhabhiloni yeNgqobhoko, ziyizisela umonakalo wokomfuziselo oyifaneleyo. Ngokusebenzisa iindlela zokushicilela zezi mini, lo mkhosi mkhulu wamahashe wathi kwiminyaka engama-68 ngaphambi kowama-2005 wasasaza ngeelwimi ezingaphezu kwama-450, amawaka ezigidi zeeBhayibhile, iincwadi, amaphephancwadi neencwadana ezinemifanekiso—nani elo elikhulu ngakumbi kunamashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka. Lolunjani lona ulwamvila oluye lwafakwa yiloo misila!
19, 20. (a) Nangona eyona nto ibihlaselwa ngokungqalileyo zizigidimi zesibetho iyiNgqobhoko, baye basabela njani abathile abakumazwe angengawo aweNgqobhoko? (b) UYohane uyichaza njani indlela abantu ngokubanzi abasabela ngayo?
19 UYehova unenjongo yokuba esi sigidimi sesibetho ‘sibulale isinye kwisithathu sabantu.’ Ngenxa yoko, into ebihlaselwa ngaso ngokuthe ngqo yiNgqobhoko. Kodwa sifikelele amazwe angengawo aweNgqobhoko, kuquka amaninzi apho uhanahaniso lweenkonzo zeNgqobhoko lwaziwa kakuhle khona. Ngaba abantu bala mazwe baye basondela kuYehova ngenxa yokubona ukubethwa kwale ntlangano yonqulo yonakeleyo? Abaninzi baye benjenjalo! Abantu abalulamileyo nabathandekayo abahlala kwimimandla engaphenjelelwa kangako yiNgqobhoko baye basabela ngokukhawuleza. Kodwa ngokubhekisele ebantwini ngokubanzi, uYohane uchaza indlela abasabela ngayo: “Kodwa abanye abantu abangazange babulawe zezi zibetho abazange baguquke kwimisebenzi yezandla zabo, baze bayeke ukunqula iidemon nezithixo zegolide nezesilivere nezobhedu nezelitye nezomthi, ezingenako ukubona nokuva nokuhamba; yaye abazange baguquke ekubulaleni kwabo nakuqheliselo lwabo lokusebenzelana nemimoya nakuhenyuzo lwabo nakubusela babo.” (ISityhilelo 9:20, 21) Abo bantu bangaguqukiyo abayi kuguquka ngomzuzu wokugqibela. Bonke abazingisa kwiindlela zabo ezingendawo kuya kufuneka bejongene nomgwebo oqatha ovela kuYehova ngemini enkulu yokuzithethelela kwakhe. Kodwa ‘wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’—Yoweli 2:32; INdumiso 145:20; IZenzo 2:20, 21.
20 Esisandul’ ukukuxubusha kuyinxalenye yoyeha wesibini. Kusekho okungakumbi okuzayo ngaphambi kokuba lo yeha afikelele esiphelweni, njengoko siza kubona kwizahluko ezilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a ICommentary on Revelation, ebhalwe nguHenry Barclay Swete, ithi ngenani ‘elingamashumi amabini amawaka aphindwe ngeshumi lamawaka’: “La manani makhulu enza sibone ukuba oku akunanzaliseko yokoqobo, yaye ingcaciso elandela oku ixhasa esi sigqibo.”
b Bona amaphepha awandulelayo 119-26; kwaneNcwadi Yesithathu, ethi Vindication, eyapapashwa ngowe-1932 ngamaNgqina kaYehova, iphepha 83-4.
c Ngokungafaniyo neenkumbi, imikhosi yamahashe ebonwa nguYohane ayizange inxibe ‘izithsaba ezinjengegolide.’ (ISityhilelo 9:7) Oku kuvisisana nesibakala sokuba isihlwele esikhulu, namhlanje esibumba inxalenye enkulu yomkhosi wamahashe, asinathemba lokulawula kuBukumkani bukaThixo basezulwini.
[Umfanekiso okwiphepha 149]
Ukuvuthelwa kwexilongo lesithandathu kuzisa uyeha wesibini
[Imifanekiso ekwiphepha 150, 151]
Iingelosi ezine zalathisa kowona msebenzi mkhulu owakha wenziwa ngumkhosi wamahashe embalini
[Imifanekiso ekwiphepha 153]
Umkhosi wamahashe oyinyambalala usasaze izigidi ezingenakubalwa zeempapasho ezisekelwe eBhayibhileni
[Imifanekiso ekwiphepha 154]
Abanye abantu abazange baguquke