“Masiliphakamise Kunye Igama Lakhe”
1. Liliphi ithuba esiza kuba nalo lokulenza likhulu kunye igama likaThixo, ngawaphi amalungiselelo esinokuwenza ngoku?
1 Umdumisi wacula ingoma esithi: “Menzeni mkhulu uYehova, . . . masiliphakamise kunye igama lakhe.” (INdu. 34:3) INdibano YeSithili ‘Yokuhamba NoThixo’ ezayo iza kusinika ithuba lokulenza likhulu igama likaYehova kunye nabazalwana noodade wethu abavela kumabandla amaninzi. Ngaba sele uzifunele indawo oza kuhlala kuyo, into yokuhamba, waze wacela nasemsebenzini? Sakuba senza kakuhle ukuba sizilungisa kwangethuba ezi zinto.—IMize. 21:5.
2. Kutheni kuyingenelo ukufika kwangethuba endibanweni?
2 Ukufika Endibanweni: Zininzi izinto ekufuneka zenziwe xa sisiya endibanweni. Ukunduluka kwangethuba kuya kusinceda kwanaxa kuvela izinto ebezingalindelekanga ezilibazisayo kwaye siya kukwazi ukuhlala phantsi kwangethuba size sicule ingoma yokuvula, sibekho naxa kuvulwa ngomthandazo. (INdu. 69:30) Kwimizuzu embalwa ngaphambi kokuba kuqalise ucwangciso, usihlalo wocwangciso uya kuhlala eqongeni ngoxa umculo woBukumkani utshayelela ukuqalisa kocwangciso. Sonke sifanele sihlale phantsi kwangethuba ukuze ucwangciso luqalise ngendlela endilisekileyo.—1 Kor. 14:33, 40.
3. Singabonisa njani ukuba siyabazelela abanye xa sikhetha iindawo zokuhlala?
3 ILizwi likaThixo lisibongoza ukuba ‘zonke izinto zethu sizenze ngothando.’ (1 Kor. 16:14) Ukuba siyabacingela abanye, xa kuvulwa amasango, asiyi kubaleka, sityhudise, sityhalane okanye sisukuzane kuba sifuna ukufumana ezona zihlalo zibhetele kuqala kunabanye. Izihlalo zingagcinelwa abo uhamba nabo okanye ohlala nabo kuphela.—1 Kor. 13:5; Fil. 2:4.
4, 5. (a) Ngawaphi amalungiselelo exesha lekhefu, yaye angaba luncedo ngayiphi indlela? (b) Kutheni kubalulekile ukwazi amaxesha ocwangciso?
4 Ncedani niziphathele isidlo sasemini kunokuba nisithenge ngexesha lekhefu. Oku kuya kusivulela ithuba lokuba sonke sibe nonxulumano olwakhayo size sibekho xa kuqalisa ucwangciso lwasemva kwemini. Ukuba kuyimfuneko, singeza nezinto ezincinane zokufaka umphako ezinokungena ngaphantsi kwesitulo. Iimantyi ezinkulu zifanele zigcinwe kwiindawo abayalela ukuba zigcinwe kuzo abalindi. Izinto ezenziwe ngeglasi neziselo ezinxilisayo azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.
5 Ukuze ucebe kakuhle nanga amaxesha ocwangciso: NgoLwesihlanu nangoMgqibelo: 9:00 a.m.–4:10 p.m.; NgeCawa 9:00 a.m.–3:15 p.m.
6. Singazilungisa njani iintliziyo zethu ukuze zamkele imfundiso esiza kuyifumana?
6 Silindwe Sisihikahika Sesidlo Sokomoya: UKumkani uYehoshafati ‘walungisa intliziyo yakhe ukuze afune uThixo.’ (2 Kron. 19:3) Singazilungisa njani iintliziyo zethu ngaphambi kwendibano? Amanqaku akwiphepha elingasemva likaVukani! wesiNgesi kaMeyi 22 noJuni 8 angasingcamlisa eso sidlo sokomoya. Kutheni ungakhe uziphe ixesha ufunde loo manqaku, uvuselele umdla wakho ngesidlo sokomoya esisilungiselelwe nguYehova? Ukulungisa intliziyo kukwaquka ukucela uYehova ukuba asincede siziqonde izinto esiza kuzifundiswa size sizisebenzise.—INdu. 25:4, 5.
7. Yintoni esiyinqwenelayo, yaye ngoba?
7 Sonke siyakulangazelela ukufunda okungakumbi kwiLizwi likaThixo, siyaqonda ukuba linokusinceda sikhulele elusindisweni. (1 Pet. 2:2) Ngenxa yoko, masiye kwiNdibano YeSithili ‘Yokuhamba NoThixo’ ukuze ‘siphakamise igama likaYehova kunye.’—INdu. 34:3.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Iindlela Zokuphakamisa Igama LikaThixo
◼ Ukuceba kwangaphambili
◼ Bonisa uthando kwabanye
◼ Lungisa intliziyo yakho