Ukuhlanganisana Ngenjongo Yokudumisa UYehova
1. Uthini umxholo wale ndibano, yaye kutheni uYehova efanelwe kukudunyiswa sithi?
1 UYehova ungusomandla, unobulumko obungenakulinganiswa, ugqibelele ngokusesikweni, kwaye uluthando lumntwisiwe. NjengoMdali, uMniki-bomi noMongami Wendalo Iphela, nguye yedwa esifanele simnqule. (INdu. 36:9; ISityhi. 4:11; 15:3, 4) IiNdibano Zezizwe Ngezizwe NezeSithili ‘Zokudumisa UThixo’ ziya kusenza simdumise ngakumbi njengokuphela koThixo oyinyaniso.—INdu. 86:8-10.
2, 3. Ukuceba kakuhle kuya kusinceda njani singenelwe ngokupheleleyo?
2 Kufuneka Sicebe Kakuhle: Ukuze singenelwe ngokupheleleyo kwisidlo sokomoya esisilungiselelwe nguYehova, kufuneka sicebe kakuhle. (Efe. 5:15, 16) Ngaba sele uyilungisile indawo yokuhlala, into yokuhamba, waza wacela kubaqeshi? Musa ukuzibekela amangomso ezi zinto. Ukuba uyalibazisa ukucela kubaqeshi, usenokuphoswa yinxalenye yesi sihlandlo sovuyo. Sonke sifuna ukubakho ukususela ekuqaleni de luye kuqukunjelwa ucwangciso lwendibano. Kuthekani ukuba umqeshi wakho akakuvumeli ukuba uye endibanweni? Mhlawumbi unokumxelela ukuba izinto esizifundiswa ezindibanweni zisinceda ukuba sinyaniseke, sikhuthale, yaye sithembeke emsebenzini, ibe loo nto inokumenza anyibilike noko. Ngaba bakho ebandleni okulo abafuna ukuncedwa ukuze baye endibanweni? Abadala kunye nabanye ebandleni bafanele baziphaphele iintswelo ezikhethekileyo zabakhulileyo nabampilo inkenenkene.
3 Zibekele usukelo lokufika kwangethuba endibanweni suku ngalunye. Uya kutsho ukwazi ukuhlala phantsi ngaphambi kokuba kuculwe ingoma yokuvula yaye nengqondo yakho iya kube ikulungele ukufumana imfundiso enikelwayo. Amasango aya kuvulwa nge-6:30 kusasa suku ngalunye. Izihlalo zimele zibekelwe intsapho okanye abo uhamba nabo kwinqwelo-mafutha kuphela.
4. Kutheni kucelwa ukuba sonke size nokutya endibanweni?
4 Sicela ukuba nonke niziphathele ukutya kunokuba niphume ebudeni bekhefu lasemini niye kufuna ukutya. Intsebenziswano yenu kweli lungiselelo iya kubangela ukuba kubekho inzolo kwindawo yendibano yaye sifumane ixesha elingakumbi lokunxulumana namanye amakholwa. (INdu. 133:1-3) Nceda ukhumbule ukuba izitya zeglasi notywala azivumelekanga kwindawo ekuqhutywa kuyo indibano.
5. Sinokuqalisa njani ukulungisa iintliziyo zethu ngaphambi kwendibano?
5 Phulaphula Uze Ufunde: UEzra wazimisela ukuyilungisa intliziyo yakhe ukuze yamkele ilizwi likaThixo. (Ezra 7:10) Wayithobela kwiimfundiso zikaYehova intliziyo yakhe. (IMize. 2:2) Sinokuqalisa ukulungisa iintliziyo zethu kwanangaphambi kokuba siphume ekhaya ngokucamngca ngomxholo wendibano nangokuwuxubusha nentsapho.
6. Yintoni enokusinceda sinikele ingqalelo kucwangciso? (Bona ibhokisi.)
6 Kwiholo enkulu, kusenokubakho izinto okanye izandi eziphazamisa ingqalelo yethu. Iziphazamiso ezinjalo zinokuyisusa lula ingqondo yethu kwisithethi. Xa kusenzeka oko, silahlekelwa yinkcazelo ebalulekileyo. Amacebiso akwibhokisi ehamba neli nqaku anokusinceda siphucule kwindlela esinikela ingqalelo ngayo.
7, 8. Sinokubacingela njani abanye, yaye luqalisa luze luphele nini ucwangciso kwindibano oya kuyo? (Bona ibhokisi.)
7 Bacingele Abanye: Iikhamera neecamcorder zinokusetyenziswa ebudeni bocwangciso, kodwa musa ukuphazamisa abanye xa uzisebenzisa, zisebenzise uhleli kwisihlalo sakho kuphela. Oonomnyayi (iiCell phones) neepager zimele zenziwe zingaphazamisi abanye. Zonke izixhobo zobuqu azifanele zixokonyezelwe kumbane okanye kwisandisi-lizwi sendawo yendibano.
8 Ingathi alifiki eli xesha lokuba sihlanganisane ngenjongo yokudumisa uYehova! Ngamana singazimisela ukumzukisa ngokubakho ebudeni balo lonke ucwangciso, siphulaphule ngenyameko yaye sikusebenzise oko sikufundayo.—Dut. 31:12.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Ukuphulaphula Ezindibanweni
▪ Camngca ngemixholo yeentetho
▪ Tyhila izibhalo
▪ Bhala amanqaku amafutshane
▪ Khetha iingongoma oza kuzisebenzisa
▪ Yenza impinda ngoko ukufundileyo
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
AMAXESHA OCWANGCISO Indibano yezizwe ngezizwe:
NgoLwesine 1:20 p.m. – 4:50 p.m.
NgoLwesihlanu 9:00 a.m. – 3:55 p.m.
NgoMgqibelo 9:00 a.m. – 3:40 p.m.
NgeCawa 9:00 a.m. – 3:45 p.m.
Indibano yesithili:
NgoLwesihlanu nangoMgqibelo 9:00 a.m. – 4:10 p.m.
NgeCawa 9:00 a.m. – 3:15 p.m.