“Phangalalani”
1. Yiyiphi imbopheleleko esinayo sonke?
1 Njengabazalwana abangamaKristu, sonke sinembopheleleko yokudala umoya ofudumeleyo ebandleni. (1 Pet. 1:22; 2:17) Ukufudumala okunjalo kubakho xa ‘siphangalala’ ekubonakaliseni umsa kwabanye. (2 Kor. 6:12, 13) Kutheni kubalulekile ukuqhelana nabazalwana noodade wethu?
2. Kutheni kubalulekile ukwakha ubuhlobo namanye amakholwa?
2 Ubuhlobo Buyaqina: Njengoko sisiya siqhelana namanye amakholwa, siya siluxabisa ngakumbi ukholo, unyamezelo nezinye iimpawu ezintle anazo. Iintsilelo zawo zibonakala ziyinto nje engenamsebenzi kuthi, kwaye amaqhina obuhlobo aya eqina. Ekubeni siqhelene, sitsho sikwazi ukwakhana nokuthuthuzelana. (1 Tes. 5:11) Siyakwazi ‘nokomelezana’ ukuze sixhathise iimpembelelo ezimbi zehlabathi likaSathana. (Kol. 4:11) Hayi indlela esinombulelo ngayo ngokuba nabahlobo abalungileyo phakathi kwabantu bakaYehova kule mihla yokugqibela izaliswe ziinkathazo!—IMize. 18:24.
3. Sinokubomeleza njani abanye?
3 Abahlobo abasondeleyo banokuba ngumthombo okhethekileyo wamandla nentuthuzelo xa sihlangabezana nezilingo eziqatha. (IMize. 17:17) Omnye umKristu owayenengxaki yokuziva engabalulekanga ukhumbula oku: “Abahlobo bam babendixelela ngeempawu ezintle endinazo ukuze bandincede ndoyise iingcamango ezingakhiyo endandinazo.” Abahlobo abanjalo bayintsikelelo evela kuYehova.—IMize. 27:9.
4. Sinokwenza njani ukuze siqhelane nabanye ebandleni?
4 Zama Ukubafikelela Abanye: Sinokuwuphangalalisa njani umsa esiwubonakalisa kwamanye amakholwa? Ukongezelela ekubuliseni abanye kwiintlanganiso zamaKristu, yenza umgudu wokuncokola into evakalayo nabo. Yiba nomdla kubo, kodwa ke ungangeni ngempumlo kwizinto zabo ezingakufuniyo. (Fil. 2:4; 1 Pet. 4:15) Enye indlela esinokubafikelela ngayo abanye kukubamemela esidlweni. (Luka 14:12-14) Okanye usenokuceba ukusebenza nabo entsimini. (Luka 10:1) Njengoko sithabatha inyathelo kuqala ukuze siqhelane nabanye, sikhuthaza umanyano ebandleni.—Kol. 3:14.
5. Yiyiphi enye indlela yokwandisa abahlobo onabo?
5 Ngaba xa sikhetha abona bahlobo basenyongweni sikhetha kuphela oontanga bethu okanye abanye abanomdla kwizinto esinomdla kuzo? Asifanele sivumele izinto ezinjalo zibe yimiqobo ekhwakheni ubuhlobo nabanye ebandleni. UDavide noYonatan, noRute noNahomi bakha ubuhlobo obomeleleyo nangona babengalingani ngobudala yaye beneemvelaphi ezingafaniyo. (Rute 4:15; 1 Sam. 18:1) Ngaba unokubandisa abahlobo onabo? Ukwenjenjalo kunokukuzisela iintsikelelo ezingathethekiyo.
6. Ziziphi ezinye zeengenelo zokuphangalala ekubonakaliseni umsa kubazalwana bethu?
6 Xa siphangalala kumsa esiwubonakalisa kwabanye, siyomelezana kwaye sidala uxolo ebandleni. Ukongezelela koko, uYehova ngokwakhe uyasisikelela xa sibathanda abazalwana bethu. (INdu. 41:1, 2; Heb. 6:10) Kutheni ungazibekeli usukelo lokuqhelana nabazalwana abaninzi kangangoko kunokwenzeka?