Intshayelelo Zamaphephancwadi
IMboniselo Meyi 15
“Ngaba wakha wazibuza enoba izinto abazenzayo abantu emhlabeni ziyamchaphazela kusini na uThixo? [Mvumele aphendule.] Khawuphawule indlela uThixo achaphazeleka ngayo zizinto esizenzayo. [Funda IMizekeliso 27:11.] Eli phephancwadi lithetha ngabanye babantu abayimizekelo abavuyisa intliziyo kaThixo, yaye lichaza indlela esinokubaxelisa ngayo.”
IMboniselo Juni 1
“Abantu abaninzi bathi akuyomfuneko ukuba ude ube kunqulo oluthile ukuze ukhonze uThixo. Ngaba yakha yathi qatha loo nto engqondweni yakho? [Mvumele aphendule.] Eli phephancwadi lihlolisisa ingxelo yendlela uThixo awayeqhubana ngayo nabantu mandulo. Likwaxubusha nentsingiselo yokunqula uThixo ngenyaniso.” Funda uYohane 4:24.
Vukani! Juni 8
“Inzululwazi yezamayeza yenze inkqubela ephawulekayo ekulweni izifo, kodwa ucinga ukuba siya kuze siphile kwihlabathi ekungagulwayo kulo? [Mvumele aphendule.] Eli phephancwadi lisixelela ukuba ngenye imini xa kuzaliseka esi sithembiso, wonke umntu osemhlabeni uya kunandipha impilo egqibeleleyo.” Funda uIsaya 33:24.
“Abantu abaninzi namhlanje bathwaxwa kukuba ngoonkom’ idla yodwa. Oku kuquka ukuziva ngathi usenkangala. Akuvumelani nam xa ndisithi oku kuyangcungcuthekisa? [Mvumele aphendule. Emva koko funda INdumiso 25:16.] Lo Vukani! unamacebiso asebenzisekayo okulwa nobulolo.”